Duteronomi
18 “Ababingeleli, abaLevi, isizwe sabaLevi siphela,+ mabangabi nasabelo nalifa kunye noSirayeli. Bodla umnikelo wasemlilweni kaYehova, nelifa lakhe.+ 2 Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo. NguYehova ilifa labo,+ kanye njengoko ethethile kubo.
3 “Nali ke ilungelo eliyimfanelo yababingeleli eliphuma ebantwini, eliphuma kwabo babingelela ixhoba eliyinkunzi yenkomo okanye imvu: Bomnika umbingeleli umkhono nemihlathi neswili. 4 Womnika ulibo lokudla kwakho okuziinkozo, nolwewayini yakho entsha nolweoli yakho noboya bokuqala obuchetyiweyo bomhlambi wakho weegusha.+ 5 Ngokuba nguye uYehova uThixo wakho amnyulileyo ezizweni zakho zonke ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe, ngamaxesha onke.+
6 “Xa athe, ngenxa yokunqwena konke komphefumlo wakhe, waphuma umLevi kwesinye sezixeko zakho naphi na kwaSirayeli, apho ahlala khona okwethutyana,+ waya kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,+ 7 wothi ke alungiselele egameni likaYehova uThixo wakhe njengabazalwana bakhe bonke, abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova.+ 8 Wodla isabelo esilinganayo nesabanye,+ ngaphandle koko akufumana kwizinto azithengisayo empahleni yamanyange.
9 “Wakuba ungenile kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza izinto ezicekisekayo zezo ntlanga.+ 10 Maze kungafunyanwa namnye kuwe udlulisa unyana wakhe okanye intombi yakhe emlilweni,+ novumisayo,+ noqhelisela umlingo,+ nohlaba izihlabo+ nokhafulayo,+ 11 nobopha ngoomabophe,+ nobuza koneshologu,+ noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili,+ nobuzisa kwabafileyo.+ 12 Kuba uYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto, yaye kungenxa yezi zinto zicekisekayo le nto uYehova uThixo wakho azigxothayo phambi kwakho.+ 13 Uze ungqineke ungenasiphoso kuYehova uThixo wakho.+
14 “Kuba ezi ntlanga uhlutha ilizwe lazo zaziphulaphula abo baqhelisela umlingo+ nabavumisi;+ kodwa wena, akakunikanga nantoni na enjengaleyo uYehova uThixo wakho.+ 15 UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti, phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam—nize nimphulaphule+— 16 njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho eHorebhe ngomhla wokudibana kwebandla,+ usithi, ‘Mandingaliva kwakhona ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.’+ 17 Wathi ke uYehova kum, ‘Bathethe kakuhle.+ 18 Ndiya kubavelisela umprofeti ophuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe;+ yaye eneneni ndiya kuwabeka amazwi am emlonyeni wakhe,+ aze ngokuqinisekileyo athethe kubo konke endiya kumyalela kona.+ 19 Kothi ke umntu othe akawaphulaphula amazwi am aya kuwathetha egameni lam, mna ngokwam ndiya kufuna ingxelo kuye ngako oko.+
20 “‘Ke yena umprofeti ofane nje wacinga ukuthetha egameni lam ilizwi endingamyalelanga ukuba alithethe+ nothe wathetha egameni lathixo bambi,+ loo mprofeti umele afe.+ 21 Xa ke uthe entliziyweni yakho: “Siya kwazi njani na ukuba ilizwi elo akalithethanga uYehova?”+ 22 ilizwi athe walithetha umprofeti egameni likaYehova laza alenzeka okanye alazaliseka, lilo elo ilizwi angalithethanga uYehova. Uthethe ngokukhukhumala umprofeti lowo.+ Uze ungothuswa nguye.’+