Kolose
2 Kuba ndifuna niyiqonde indlela endazabalaza+ ngayo ngamandla ngenxa yenu nabo baseLawodike+ nabo bonke abo bangabubonanga ubuso bam, 2 ukuze iintliziyo zabo zithuthuzeleke,+ bahlale bemanyene eluthandweni+ yaye baluqonde+ ngokupheleleyo ulwazi oluchanileyo lwemfihlelo engcwele kaThixo, oko kukuthi, uKristu.+ 3 Nguye uvimba wabo bonke ubuncwane bobulumko nolwazi.+ 4 Oku ndikutsho ukuze kungabikho mntu unokunirhwebesha ngeengxoxo ezeyisayo.+ 5 Kuba nakuba ndingekho ngenyama, kodwa ndinani ngomoya,+ yaye ndinemihlali kuba ndiyiphawule indlela enilungelelene+ neniqine ngayo ekukholweni+ kwenu kuKristu.
6 Ngoko ke, njengoko niye namamkela uKristu Yesu iNkosi, qhubekani nihamba ngokumanyene+ naye, 7 nimiliselwe+ yaye nakhelwe+ kuye, nizinzisiwe elukholweni,+ kanye njengoko nafundiswayo, niphuphuma lukholo ninombulelo.+
8 Lumkani, ningathabatheki+ ziintanda-bulumko+ nayinkohliso elambathayo+ esekelwe kwizithethe zabantu, nakwizinto eziziziqalelo+ zehlabathi, kungekhona kuKristu; 9 kuba nguye onazo ngokupheleleyo+ iimpawu+ zobuthixo+ emzimbeni wakhe. 10 Nani ke niye napheleliswa ngaye, lowo uyintloko yabo bonke oorhulumente namagunya.+ 11 Ngolwalamano+ kunye naye niye naluswa+ ngolwaluko lukaKRISTU, ngokuhlutywa komzimba wenyama+ okungenziwanga ngazandla, 12 kuba nangcwatywa kunye naye kubhaptizo lwakhe,+ yaye ngolwalamano kunye naye niye navuswa+ kunye naye ngokholo lwenu+ ngokusebenza+ kukaThixo, owamvusayo kwabafileyo.+
13 Ngapha koko, nakuba nanifile kwizigqitho zenu nakwimo yokungaluki kwenyama yenu, uThixo wanenza naphila ndawonye naye.+ Wasixolela ngobubele zonke izigqitho zethu+ 14 waza walucima+ uxwebhu olubhalwe ngesandla+ olunxamnye nathi, olwalunemimiselo+ nolwaluchasene nathi;+ walususa endleleni ngokulubethelela+ kwisibonda sentuthumbo.+ 15 Wathi ngaso wahluba oorhulumente namagunya+ aba ze, wabonisa ngawo esidlangalaleni njengawoyisiweyo,+ ewakhokela kumngcelele woloyiso.+
16 Ngoko ke makungabikho mntu unigwebayo+ ngento eniyityayo neniyiselayo+ okanye ngokuphathelele umthendeleko+ nokugcinwa kwenyanga ethwasileyo+ nesabatha;+ 17 kuba ezo zinto zisisithunzi+ sezinto ezizayo, inkqu+ yazo ke nguKRISTU.+ 18 Makungabikho mntu uniphulukanisa+ nomvuzo+ ngokubonakalisa intobeko yenkwalambisa nangokunqula iingelosi, “emi” kwizinto azibonileyo, ekhukhumaliswe ngaphandle kwesizathu esifanelekileyo yingqiqo yakhe yenyama, 19 ngoxa engabambelelanga nkqi kwintloko,+ engulowo wonke umzimba omanyaniswe+ naye ngamalungu nemisipha yawo, ukuze uqhubeke ukhula ngokukhula uThixo awunika kona.+
20 Ukuba nafa+ ndawonye noKristu ngokubhekisele kwizinto eziziziqalelo+ zehlabathi,+ kutheni ke, ngokungathi niphila ehlabathini, nizithoba kwimimiselo ethi:+ 21 “Musani ukuphatha, nokungcamla,+ nokuchukumisa,”+ 22 ngokuphathelele izinto zonke ezimiselwe intshabalalo ngokuthi zisetyenziswe ziphele, ngokuvumelana nemiyalelo neemfundiso zabantu?+ 23 Eneneni, olu hlobo lonqulo olunguzenzele nolunentobeko yenkwalambisa nolokungcungcuthekisa umzimba;+ lubonakala lulolobulumko, kodwa luyoyiswa kukulwa inkanuko yenyama.+