Yuda
1 UYude, ikhoboka likaYesu Kristu, kodwa umntakwabo Yakobi,+ kwabo babiziweyo+ abathandwayo bekulwalamano kunye noThixo uBawo+ nabagcinelwe+ uYesu Kristu:
2 Ngamana kungandiswa kuni+ inceba+ noxolo+ nothando.+
3 Zintanda,+ nakuba bendisenza wonke umgudu wokunibhalela ngalo usindiso esabelana ngalo,+ ndikufumanise kuyimfuneko ukunibhalela ndinibongoza ukuba nilulwele nzima ukholo+ olwanikelwa kwaba kanye kwabo bangcwele.+ 4 Isizathu sam sikukuba abantu abathile bathwethwele ngaphakathi+ abo kwakudala babemiselwe+ lo mgwebo+ ziZibhalo, abantu abangenabuthixo,+ bebujika ububele obungasifanelanga boThixo wethu bube sisingxengxezo sehambo evakalala+ yaye bemkhanyela+ okuphela koMnini+ neNkosi+ yethu, uYesu Kristu.
5 Ndinqwenela ukunikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade,+ ukuba uYehova, nangona wasisindisayo isizwana ngokusikhupha kwilizwe laseYiputa,+ kodwa kamva wabatshabalalisa abo bangabonisanga lukholo.+ 6 Neengelosi ezingasigcinanga isigxina sazo santlandlolo, zasuka zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala,+ uzigcinele umgwebo wemini enkulu+ ngemixokelelwane kanaphakade+ phantsi kwentsunguzi yobumnyama. 7 Kananjalo iSodom neGomora nezixeko ezazingakuzo,+ emva kokuba nazo ngohlobo olufanayo nabangaphambili zahenyuza ngokugqithiseleyo zaza zalandela inyama ngokuchasene nemvelo,+ zibekwe phambi kwethu njengomzekelo+ osisilumkiso ngokuva isohlwayo sesigwebo somlilo ongunaphakade.+
8 Kwangokunjalo ke, ngohlobo olufanayo, naba bantu, abazifica emaphupheni,+ bayenza inqambi inyama yaye bagatya ubukhosi+ bekwatshabhisa abo bazukileyo.+ 9 Kodwa xa uMikayeli+ isiphatha-zingelosi+ wayeneyantlukwano+ noMtyholi yaye ephikisana naye ngomzimba kaMoses,+ akazange abe nobuganga bokuzisa umgwebo nxamnye naye ngamazwi okutshabhisa,+ kodwa wathi: “Ngamana uYehova angakukhalimela.”+ 10 Kanti aba bantu bathetha ngokutshabhisayo ngazo zonke izinto ngokwenene abangazaziyo;+ kodwa zonke izinto abaziqondayo ngokwemvelo njengezilwanyana ezingaqiqiyo,+ kuzo ezi zinto bayaqhubeka bezonakalisa+ bona ngokwabo.
11 Yeha ke bona, ngenxa yokuba baye bahamba ngomendo kaKayin,+ yaye baye bagxalathelana ukuya kwikhondo lesiphoso sikaBhileham+ ngenxa yomvuzo, yaye baye batshabalala kwintetho yemvukelo+ kaKora!+ 12 Bona balulwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi emathekweni enu othando+ xa besezidlweni kunye nani; bangabalusi abazondla ngaphandle koloyiko;+ bangamafu angenamanzi aphehluzeliswa+ yimimoya;+ bayimithi engathwali siqhamo nkqu nasekwindla, efe kabini yaza yancothulwa;+ 13 bangamaza alwayo olwandle alephuza amagwebu angoonobangela behlazo labo;+ baziinkwenkwezi ezibhadulayo, yaye bagcinelwe isithokothoko sobumnyama esingunaphakade.+
14 Kambe ke, uEnoki,+ ongowesixhenxe ukususela kuAdam, waprofeta ngabo, esithi: “Khangela! UYehova weza enamashumi amawaka akhe angcwele,+ 15 ukuza kuphumeza umgwebo nxamnye nabo bonke,+ nokuza kubafumanisa benetyala bonke abangenabuthixo ngokuphathelele zonke izenzo zabo ezingezozabuthixo abazenzayo ngendlela engeyoyabuthixo, nangokuphathelele zonke izinto ezothusayo aboni abangenabuthixo abazithetha nxamnye naye.”+
16 Aba bantu into abayaziyo kukumbombozela,+ bekhalaza, behamba ngokweenkanuko zabo,+ yaye bathetha ngokuzigwagwisa,+ bencoma abantu+ ukuze bafumane inzuzo.
17 Ke nina, zintanda, khumbulani amazwi aye athethwa ngaphambili ngabapostile beNkosi yethu uYesu Kristu,+ 18 indlela ababefudula besithi ngayo kuni: “Kwixesha lokugqibela kuya kubakho abagculeli, beqhubeka ngokweminqweno yabo yezinto ezingezozabuthixo.”+ 19 Aba ngabo benza izahlukaniso,+ abantu ababulwanyanarha,+ bengenabo ubumoya.+ 20 Kodwa nina, zintanda, ngokuzakha kolwenu+ ukholo olulolona lungcwele,+ nokuthandaza ninomoya oyingcwele,+ 21 zigcineni kuthando lukaThixo,+ ngoxa nilindele inceba+ yeNkosi yethu uYesu Kristu nikhangele kubomi obungunaphakade.+ 22 Kanjalo, qhubekani nibenzela inceba+ abathile abanamathandabuzo;+ 23 basindiseni+ ngokubaxhwila emlilweni.+ Kodwa qhubekani nibenzela inceba abanye, nisenjenjalo ngoloyiko, ngoxa nithiya kwanesambatho sangaphantsi esidyojwe yinyama.+
24 Ke kaloku kulowo ukwaziyo ukunilondoloza+ ekukhubekeni, nokunimisa ningenasiphako+ ebuqaqawulini bakhe, ninovuyo olukhulu, 25 kuThixo okukuphela kwakhe, uMsindisi+ wethu ngoYesu Kristu+ iNkosi yethu, makube luzuko,+ ubungangamsha, amandla+ negunya+ ngoku, nangonaphakade+ kanaphakade.+ Amen.+