Roma
5 Ngoko ke, ekubeni ngoku sivakaliswe singamalungisa ngenxa yokholo,+ masinandiphe uxolo+ noThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, 2 esithe ngaye sazuza+ ububele obungasifanelanga ngokholo; yaye masigcobe, ngokusekelwe kwithemba+ lozuko lukaThixo. 3 Makungapheleli nje apho, kodwa masigcobe ngoxa sisezimbandezelweni,+ ekubeni sisazi ukuba imbandezelo ivelisa unyamezelo;+ 4 unyamezelo luvelisa ukukholeka;+ ukukholeka kuvelisa ithemba,+ 5 kwaye ithemba alidanisi;+ ngenxa yokuba uthando lukaThixo+ luye lwathululelwa ezintliziyweni zethu+ ngomoya oyingcwele,+ esawunikwayo.
6 Kuba, eneneni, uKristu, wathi ngoxa sasisebuthathaka,+ wabafela abantu abangenabuthixo ngexesha elimiselweyo.+ 7 Kuba kungangenkankulu ukuba nabani na afele umntu olilungisa;+ eneneni, mhlawumbi, uthile angaba nobuganga bokumfela+ umntu olungileyo.+ 8 Kodwa uThixo ubonakalisa uthando lwakhe+ kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.+ 9 Ke ngoko, ekubeni sivakaliswe singamalungisa ngegazi lakhe,+ siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.+ 10 Kuba ukuba, xa sasiziintshaba,+ saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe,+ kobeka phi na ke ngoku ukusindiswa ngobomi bakhe,+ ekubeni sixolelanisiwe. 11 Yaye akuphelelanga apho, kodwa siyagcoba kuThixo ngeNkosi yethu uYesu Kristu, lowo ngoku esithe ngaye safumana uxolelaniso.+
12 Ngenxa yoko, kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye+ ehlabathini nokufa+ ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo+—. 13 Kuba de kwabakho uMthetho isono saye sikho ehlabathini, kodwa isono asibalelwa kuye nabani na xa kungekho mthetho.+ 14 Noko ke, ukufa kwalawula njengokumkani ukususela kuAdam de kwasa kuMoses,+ nakwabo basono singafani nesika-Adam,+ oyintsobi yalowo wayeza kuza.+
15 Kodwa sona isipho asibanga njengesigqitho. Kuba ukuba ngesigqitho somntu omnye kufe abaninzi, ububele obungasifanelanga bukaThixo nesipho sakhe sesisa ngabo ububele obungasifanelanga ngomntu omnye+ uYesu Kristu baphuphuma kakhulu ngakumbi kwabaninzi.+ 16 Kanjalo, isipho sesisa+ asibanga njengoko kwakunjalo ngomntu omnye owonayo.+ Kuba umgwebo+ ngenxa yesigqitho esinye waphumela kumgwebo wesohlwayo,+ kodwa isipho ngenxa yezigqitho ezininzi saphumela kuvakaliso lobulungisa.+ 17 Kuba ukuba ngesigqitho somntu omnye+ ukufa kwalawula njengokumkani,+ kokukhona baya kuthi abo bafumana ububele obungasifanelanga obuninzi+ nesipho sesisa+ sobulungisa balawule njengookumkani+ ebomini ngamntu mnye, uYesu Kristu.+
18 Ngoko ke, njengokuba ngesigqitho esinye umphumo kubantu bazo zonke iintlobo waba ngumgwebo wesohlwayo,+ ngokunjalo kwanangesenzo esinye sothethelelo+ umphumo kubantu bazo zonke iintlobo+ ukukuvakaliswa kwabo bengamalungisa afanelwe bubomi.+ 19 Kuba kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye abaninzi+ benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo+ yomntu omnye abaninzi+ baya kwenziwa amalungisa.+ 20 Ke kaloku uMthetho+ uye nawo wangenelela ukuze isigqitho sande.+ Kodwa sithe sakwanda isono,+ baphuphuma kwanangakumbi ububele obungasifanelanga.+ 21 Ukuze kuthini? Ukuze, kanye njengokuba isono salawula njengokumkani ngokufa,+ ngokunjalo nabo ububele obungasifanelanga+ bulawule njengokumkani ngobulungisa ngokubhekisele kubomi obungunaphakade+ ngoYesu Kristu iNkosi yethu.