Indumiso, kaDavide.
א [ʼAʹleph]
145 Ndiza kukuphakamisa, Thixo wam Kumkani,+
Yaye ndiza kulibonga igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.+
ב [Behth]
2 Imini yonke ndiza kukubonga,+
Kwaye ndiza kulidumisa igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.+
ג [Giʹmel]
3 UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu,+
Nobukhulu bakhe abuphengululeki.+
ד [Daʹleth]
4 Izizukulwana ngezizukulwana ziya kuyincoma imisebenzi yakho,+
Ziya kuzixela izenzo zakho zamandla.+
ה [Heʼ]
5 Ubungangamsha obuzukileyo besidima sakho+
Nemibandela yemisebenzi yakho emangalisayo ndiza kuzixhalabisa ngayo.+
ו [Waw]
6 Baya kuthetha ngamandla ezinto zakho ezoyikekayo;+
Bona ke ubukhulu bakho, ndiza kubuvakalisa.+
ז [Zaʹyin]
7 Baya kumpompoza ngokukhankanywa kobuninzi bokulunga kwakho,+
Nangenxa yobulungisa bakho baya kumemelela ngovuyo.+
ח [Chehth]
8 UYehova unobabalo nenceba,+
Uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando kakhulu.+
ט [Tehth]
9 UYehova ulungile kubo bonke,+
Neenceba zakhe zikuyo yonke imisebenzi yakhe.+
י [Yohdh]
10 Yonke imisebenzi yakho iya kukubonga, Yehova,+
Nabanyanisekileyo bakho baya kukubonga.+
כ [Kaph]
11 Baya kuthetha ngozuko lobukumkani bakho,+
Nangamandla akho baya kuthetha,+
ל [Laʹmedh]
12 Ukuba babazise oonyana babantu izenzo zakhe zamandla+
Nozuko lobungangamsha bobukumkani bakhe.+
מ [Mem]
13 Ubukumkani bakho bubukumkani ngawo onke amaxesha angenammiselo,+
Nolawulo lwakho lukuzo zonke izizukulwana eziya kulandelelana.+
ס [Saʹmekh]
14 UYehova uyabaxhasa bonke abawayo,+
Yaye uyabaphakamisa bonke abaqubudileyo.+
ע [ʽAʹyin]
15 Amehlo onke akhangela kuwe ngethemba,+
Kwaye uyabanika ukutya kwabo ngexesha lako.+
פ [Peʼ]
16 Uyasivula isandla sakho+
Uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.+
צ [Tsa·dhehʹ]
17 UYehova ulilungisa kuzo zonke iindlela zakhe+
Yaye unyanisekile kuyo yonke imisebenzi yakhe.+
ק [Qohph]
18 Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo,+
Kubo bonke abo bambiza ngenyaniso.+
ר [Rehsh]
19 Uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo,+
Nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa.+
ש [Shin]
20 UYehova uyabalinda bonke abo bamthandayo,+
Kodwa bonke abangendawo uya kubabhubhisa.+
ת [Taw]
21 Umlomo wam uya kuthetha indumiso kaYehova;+
Inyama yonke mayilibonge igama lakhe elingcwele ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.+