Hebhere
13 Uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke.+ 2 Musani ukulibala ukubuk’ iindwendwe,+ kuba ngako bambi, bengazi bona, baye bamkela iingelosi.+ 3 Bakhumbuleni abo bakwimixokelelwane yentolongo+ ngokungathi benibotshwe kunye nabo,+ nabo baphethwe kabuhlungu,+ ekubeni nani ngokwenu nisesemzimbeni. 4 Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa,+ kuba uThixo uya kubagweba abahenyuzi nabakrexezi.+ 5 Musani ukuba ngabathandi bemali,+ kunoko yanelani+ zizinto ezikhoyo.+ Kuba uthe: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.”+ 6 Ngoko ke masomelele+ kakhulu size sithi: “UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?”+
7 Bakhumbuleni abo bakhokelayo phakathi kwenu,+ abaye bathetha ilizwi likaThixo kuni, yaye njengoko nisondela impumelelo yehambo yabo xelisani+ ukholo lwabo.+
8 UYesu Kristu ukwanguye izolo nanamhlanje, nangonaphakade.+
9 Musani ukuthabatheka ziimfundiso ezahlukahlukeneyo nezingaqhelekanga;+ kuba kuhle ukuba intliziyo inikwe ukuqina ngobubele obungasifanelanga,+ kungekhona ngezinto ezityiwayo,+ abathe abo bazixakekisa ngazo abangenelwa.
10 Sinesibingelelo abangenagunya lakutya kuso abo benza inkonzo engcwele ententeni.+ 11 Kuba imizimba yezo zilwanyana ezigazi lazo lingeniswa kwindawo engcwele ngumbingeleli omkhulu ngenxa yesono itshiselwa ngaphandle kwenkampu.+ 12 Ngoko ke noYesu, ukuze angcwalise+ abantu ngegazi lakhe,+ wabandezeleka ngaphandle kwesango.+ 13 Ngoko, masiye kuye ngaphandle kwenkampu, sithwale ungcikivo awaluthwalayo,+ 14 kuba apha asinaso isixeko esihlala sikho,+ kodwa sifuna ngenyameko eso siza kuza.+ 15 Ngaye masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso,+ oko kukuthi, isiqhamo semilebe+ evakalisa ekuhleni igama lakhe.+ 16 Ngaphezu koko, musani ukulibala ukwenza okulungileyo+ nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.+
17 Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu+ nize nibalulamele,+ kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula;+ ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.+
18 Qhubekani nisithandazela,+ kuba siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.+ 19 Kodwa ndinibongoza ngokukodwa ngakumbi ukuba nenze oku, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinya.+
20 Ke kaloku ngamana uThixo woxolo,+ owamnyusayo kwabafileyo+ umalusi omkhulu+ wezimvu+ ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,+ iNkosi yethu uYesu, 21 anganixhobisa ngento yonke elungileyo ukuze nenze ukuthanda kwakhe, esenza kuthi ngoYesu Kristu oko kukholekileyo emehlweni akhe;+ kuye makube luzuko ngonaphakade kanaphakade.+ Amen.
22 Ke kaloku ndiyanibongoza, bazalwana, ukuba nilinyamezele eli lizwi lokhuthazo, kuba eneneni, ndinibhalele ileta ngamazwi ambalwa.+ 23 Phawulani ukuba umzalwana wethu uTimoti+ ukhululwe, yaye ukuba uthe wafika kamsinya, ndoza naye ukuza kunibona.
24 Ndibuliseleni kubo bonke abo bakhokelayo+ phakathi kwenu nakubo bonke abo bangcwele. Bayanibulisa abo baseItali.+