1 Petros
3 Ngokukwanjalo,+ nina bafazi, wathobeleni+ amadoda enu, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalithobeliyo+ ilizwi, azuzeke+ ngaphandle kwelizwi ngenxa yehambo yabafazi bawo,+ 2 kuba eye angamangqina okuzibonela ehambo yenu enyulu+ ndawonye nentlonelo enzulu. 3 Yaye ukuhomba kwenu makungabi kokokulukwa kwangaphandle kweenwele+ nokokufakwa kwezihombo zegolide+ okanye ukunxitywa kwezambatho zangaphezulu, 4 kodwa makube kokomntu ofihlakeleyo+ wentliziyo ofake isivatho esingenakonakala+ somoya ozolileyo+ nowobulali, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo. 5 Kuba babesenjenjalo ukuhomba abafazi abangcwele ababethembele kuThixo, bezithoba kumadoda abo, 6 njengoko uSara wayemthobela uAbraham, embiza ngokuthi “nkosi.”+ Ningabantwana bakhe ke nina, ukuba nihlala nisenza okulungileyo kwaye ningoyiki nayiphi na into enkwantyisayo.+
7 Ngokukwanjalo,+ nina madoda, qhubekani nihlala nabo ngokokwazi,+ nibanika imbeko+ njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi, ekubeni nikwaziindlalifa+ kunye nabo zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.+
8 Okokugqibela, cingani nto-nye nonke,+ nivelane, ninomsa wobuzalwana, nemfesane,+ nithobekile engqondweni,+ 9 ningabuyiseli ububi ngobubi+ okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa,+ kodwa, kunoko, sikelelani,+ kuba nabizelwa oko, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.
10 Kuba, “lowo uthanda ukufumana ubomi nokubona imihla elungileyo,+ makathintele ulwimi lwakhe+ kokubi nemilebe yakhe ekuthetheni inkohliso,+ 11 makakhwebuke kokubi,+ enze okulungileyo; makafune uxolo, aluphuthume.+ 12 Kuba amehlo+ kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo;+ kodwa ubuso bukaYehova bunxamnye nabo benza izinto ezimbi.”+
13 Eneneni, ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?+ 14 Kodwa kwanokuba niyabandezeleka ngenxa yobulungisa, ninoyolo.+ Noko ke, into eyoyikwayo ngabo musani ukuyoyika,+ ningaphazamiseki nokuphazamiseka.+ 15 Kodwa ngcwalisani uKRISTU njengeNkosi ezintliziyweni zenu,+ nisoloko nikulungele ukuzithethelela+ phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali+ nentlonelo enzulu.
16 Yibani nesazela esilungileyo,+ khon’ ukuze kuloo nto kuthethwa ngokunxamnye nani babe neentloni+ abo bathetha ngendelelo ngehambo yenu elungileyo kuKristu.+ 17 Kuba kulunge ngakumbi ukubandezeleka ngenxa yokuba nisenza okulungileyo,+ ukuba kukuthanda kukaThixo oko, kunangenxa yokuba nisenza ububi.+ 18 Kaloku, kwanoKristu olilungisa wafa kwaba kanye ngenxa yezono,+ efela abo bangengomalungisa,+ ukuze anikhokelele kuThixo,+ ebulewe esenyameni,+ kodwa wenziwa waphila esemoyeni.+ 19 Ekule mo kanjalo wahamba waza washumayela koomoya abasentolongweni,+ 20 ababekhe abathobela+ xa umonde kaThixo+ wawulindile ngemihla kaNowa, ngoxa kwakusakhiwa umkhombe,+ ekwathi kuwo abantu abambalwa, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo, bathwalwa ngokukhuselekileyo emanzini.+
21 Oku kufanekisela ubhaptizo, olunisindisayo nani ngoku,+ (olungekuko ukuhlanjwa kokungcola kwenyama, kodwa olusisicelo esenziwa kuThixo sokuba nesazela esilungileyo,)+ ngovuko lukaYesu Kristu.+ 22 Ungasekunene kukaThixo,+ kuba wemka waya ezulwini; zaza iingelosi+ namagunya namandla zathotyelwa phantsi kwakhe.+