Intubi—Ngaba Ngumhlobo Okanye Lutshaba?
NGUMBHALELI KAVUKANI! EKENYA
“KUMBE! Mchwa!” Wadanduluka watsho omnye umlungiseleli ongumKristu njengoko yena nelinye iqela babephakamisa iqula elenziwe ngomthi. Babenethemba lokulisebenzisa njengequla lokubhaptiza kwindibano yesiphaluka yamaNgqina kaYehova eKenya. Noko ke, bothuswa kukufumanisa ukuba inxalenye enkulu yomthi yayityiwe kanobom. Kungenxa yoko le nto wathetha la mazwi abonisa udano. Xa eguqulelwe, athetha ukuthi: “Kowu! Iintubi!”
Mhlawumbi asikho esinye isinambuzane esinxulunyaniswa ngokufuthi nokonakalisa impahla njengentubi encinane. Kodwa ngaba ngenene esi sinambuzane silutshaba lomntu? Ukuphendula oku, makhe siqwalasele intubi.
Inqaba Yeentubi
EKenya, ngokufuthi ubani ubona amakhaya eentubi aphakamileyo. La azizakhiwo ezifana neetshimini eziphakame kangangeemitha ezintlanu ukuya kwezintandathu. Ezi zidulana, ezifana nenqaba eyenziwe ngekhonkile, zakhiwa ngocoselelo kangangokuba iintubi ziye zabizwa ngokuba ngamagcisa okwakha. Ngaba oku akulocelomngeni kwingcamango yokuba izinambuzane ezincinane ngolu hlobo zinokwakha iinqaba ezincomeka kangaka, nangona zicotha—yaye ziziimfama?
Ngaphakathi kwezi zidulana kukho amagumbi neembobo ezenziwe ngocoselelo. Esi sixeko sinyakazelayo sikwanenkqubo esemgangathweni yogutyulo, eyokungenisa umoya oshushu nobandayo. Umoya oshushu uphuma kumphezulu wezi zidulana ngemingxuma. Umoya obandayo ungena ngaphantsi. Enye indlela yokupholisa ziyenza ngomphunga: Iintubi zifefa iindonga zazo ngokuzitshicela. Njengoko la manzi esiba ngumphunga, apholisa umoya aze ancede kwinkqubo yomjikelo. Ngaloo ndlela ikhaya lentubi lihlala lineqondo lobushushu elingama-30 ngokukaCelsius ama-24 eeyure ngosuku!
Isizwe Seentubi
Eyona nto imangalisa kakhulu sisizwe seentubi. Zimbi izidulana zeentubi zinamaqela alungelelaniswe kakuhle, afikelela kwizigidi ezihlanu zabahlali. Endaweni yokuba nesiphithiphithi, la maqela abahlali angumzekelo wolungelelwano. Intsapho yeentubi ineendidi ezintathu, ezizezi, abasebenzi, amajoni nezokuzala. Abasebenzi bakha izidulana, besebenzisa amathe abo xa besamenta.
Amajoni ngawona malungu entsapho aneengcwangu. Ngenxa yemihlathi eyomeleleyo namazinyo abukhali, akhusela isixeko kubahlaseli, abafana neembovane. Akwasebenza njengabakhuseli ukukhusela abasebenzi xa bephume ngaphandle kwezidulana befuna ukutya. Xa kuyimfuneko, amajoni abhenela ekusebenziseni ityhefu xa esilwa; idlala elikhethekileyo lisebenza njengompu wamanzi, likhupha ulwelo olubulalayo.
Abuyekezwa njani amajoni ngenkonzo yawo? Kaloku, kubonakala ngathi imihlathi yawo mikhulu gqitha kangangokuba akanako ukuzihlafunela ngokwawo ukutya. Ngoko xa ijoni lilambile, lisuka nje lihlikihle intloko yomsebenzi ngophondo lwalo. Oko kuthetha ukuthi, “Ndityise!” Umsebenzi uphendula ngokufaka ukutya okuhlafuniweyo emlonyeni wejoni.
Kwigumbi likakumkani, elifihlakele kwintsunguzi yobumnyama, kuhlala ezizalayo—ukumkani nokumkanikazi. Ukumkanikazi yingxilimbela xa ethelekiswa neqabane lakhe elincinane. Isisu sakhe, esizele ngamaqanda, sikwenza uzibonele amandla okuzala anawo. Kuthelekelelwa ukuba unokuzalela amaqanda angama-4 000 ukuya kwi-10 000 ngosuku. Akumangalisi ukuba abanye beye bambiza ukumkanikazi ngokuthi “ngumatshini wokuzalela amaqanda.”
Noko ke, esi sibini sasebukhosini asifumani thuba lingako lokuba sodwa njengoko sinyanyekelwa liqela leentubi ezingabasebenzi. Ezi zirhangqa ukumkanikazi, zinyamekela iintswelo zakhe yaye zimpha ukutya. Akuba ezalelwe amaqanda, abasebenzi bayawathabatha bewabambe ngemihlathi bawase kwigumbi lokufukamisela.
Ngaba Ngabahlobo Okanye Ziintshaba?
Ngoxa bembalwa abantu abaye balikhanyele elokuba ezi zinambuzane zibangel’ umdla, abaninzi basazigqala njengezinambuzane ezitshabalalisayo—iintshaba! UGqr. Richard Bagine, intloko yeInvertebrate Zoology Department of the National Museum of Kenya, waxelela uVukani! oku: “Liyinyaniso elokuba abantu abaninzi iintubi bazijonga njengezona zinambuzane zitshabalalisayo. Kodwa izazinzulu zizijonga ngokwahlukileyo iintubi. Ezindle, iintubi ziluncedo kwizityalo nasezilwanyaneni.
“Okokuqala, zicukuceza izityalo ezifileyo ukuba zibe ziimbumba ezincinane. Ngale ndlela, iintubi zilungiselela izityalo isondlo ezisifunayo. Okwesibini, zingumthombo obalulekileyo wokutya. Ngokufuthi zityiwa phantse lulo lonke uhlobo lwentaka nazizilwanyana ezininzi ezanyisayo, ezirhubuluzayo, izilwanyana eziphila emhlabeni nasemanzini, nazezinye izinambuzane. Abantu abaninzi kwintshona nakumntla weKenya nabo banandipha incasa yazo; zinamafutha kunye neeprotini ezininzi gqitha. Okwesithathu, ziluncedo ekwenzeni umhlaba. Iintubi zixuba umhlaba ongaphantsi nomhlaba ongaphezulu xa zisakha naxa zilungisa iindlwana zazo. Zicukuceza iziqwenga ezikhulu zezityalo ezifileyo zibe ziziqwengana ezincinane, zisenza umgquba. Xa zihambahamba ngaphakathi emhlabeni, zenza izikroba zokungena umoya namanzi afunwa ziingcambu zezityalo. Ngaloo ndlela iintubi ziphucula ubume bawo nokuchuma komhlaba.”
Kutheni, ke ngoko, iintubi zihlasela iindawo ezihlala abantu? UGqr. Bagine uthi: “Eneneni, abantu baye baya kwindawo ehlala iintubi baza bashenxisa inxalenye eninzi yezityalo ezisetyenziswa ziintubi. Iintubi zimele zitye ukuze ziphile, yaye ngokuqhelekileyo zitya izityalo ezifileyo. Xa ezi zithatyathiwe, iintubi zitya izinto ezenziwe ngabantu, njengezindlu nodladla.”
Ngoko nangona intubi ngamathub’ athile isenokubonakala isisinambuzane esitshabalalisayo, ngokuqinisekileyo asilotshaba lwethu. Eneneni, ingumzekelo obalaseleyo wokuba uYehova ungumyili okrelekrele. (INdumiso 148:10, 13; Roma 1:20) Yaye kwihlabathi elitsha likaThixo elizayo, njengoko umntu efunda ukuphila nezilwanyana, ngokungathandabuzekiyo uya kubona ukuba intubi encinane ingumhlobo, kungekhona utshaba.—Isaya 65:25.
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Umzekelo wesidulana seentubi esinjengenqaba
Umfanekiso ongaphakathi: Iintubi ezingabasebenzi
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Intubi elijoni, nentloko yayo enkulu namadlala akhupha iikhemikhali ezibulalayo, ixhotyiselwe ukukhusela isizwe seentubi
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukumkanikazi, isisu sakhe esizele ngamaqanda
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukumkanikazi neqela labalindi bakhe