Ukuvuyavuyw’ Ingqondo Zizibhengezo
“TATA, yintoni enokubhengezwa enyangeni?” Lo mbuzo ungaqhelekanga nowabuzwa ngomnye umntwana wawukumbongo owabhalwa nguCarl Sandburg kwiminyaka engama-50 eyadlulayo. Kwixesha elizayo lo mbuzo uza kuqheleka. Kaloku lakha lathi iphephancwadi iNew Scientist, oosomaqhuzu ababini kwezokubhengeza eLondon basazama indlela yokusebenzisa ukukhanya kwelanga ukuze babonise izibhengezo enyangeni.
Khawube nomfanekiso-ngqondweni wenyanga iyibhodi yezentengiso! Cinga nje ngesibhengezo sentengiso esiza kubonwa lihlabathi lonke, ekungekho mntu unokusicima, asinqamle phakathi, asishwabanise asilahle emgqomeni okanye asicime ngeremote control. Isenokukhangeleka iyintshwaqane kuwe yonke le nto, kodwa abanye abantu baya kuba bafumene into ekudala beyijonge ngamehlw’ abomvu.
Nangona kungekade kuye kufika enyangeni, ukubhengeza oku kuwumise mantsantsa umhlaba. Amaphephancwadi namaphephandaba amaninzi aseMerika anezithuba ezingama-60 ekhulwini ezizaliswe zizibhengezo. Kuhlelo nje lwangeCawa lweThe New York Times, kukho amaphepha angama-350 ezibhengezo. Amanye amaziko kanomathotholo asebenzisa imizuzu engama-40 kwiyure nganye ebhengeza.
Kuphinde kubekho nomabonwakude. Kaloku xa kwakusenziwa olunye uhlolisiso kwafunyaniswa ukuba, abantwana baseMerika bachitha iiyure ezintathu veki nganye bebukele izibhengezo zikamabonwakude. Xa bephumelela kwizikolo zamabanga aphakamileyo, baba sele bebukele izibhengezo zikamabonwakude ezingama-360 000. Umabonwakude ubhengeza kwizikhululo zeenqwelo-moya, kumagumbi ekulindwa kuwo esibhedlele nasezikolweni.
Ngoku ukubhengezwa kwemidlalo emikhulu sele kuyinto yomhla nezolo. Ngoku ukuba ukhangela iinqwelo-mafutha zomdyarho uya kufika zinkone zizibhengezo. Abanye abadlali bafumana imali efana nemali kubabhengezi. Kaloku eny’ injuze ehamb’ ezinkwenkwezini kumdlalo webhola yomnyazi yayigoduka ipokotho ifuvumele ii-$3,9 zezigidi (R19,4 zezigidi) emva komdlalo. Ababhengezi babeyithi ngqi ngemali eyiphinda kasithoba leyo xa ibhengeza izinto zabo.
Nokuba ungaya phi uya kufika kubhengezwa. Izibhengezo zentengiso ufika zithe dwe ezindongeni, kooduladula nasezilorini. Ukuba ungena ngaphakathi eziteksini nakwizikhululo zikaloliwe eziphantsi komhlaba—nakwiingcango zezindlu zangasese zikawonke wonke, uya kufika izibhengezo zithe qole kuhonjiswe ngazo. Kwiivenkile ezinkulu, kwiindawo zokugcina impahla, kwizinyusi, uya kufika izibhengezo zikhwazwa emibokweni—kanti ezinye izibhengezo uziva ngoxa usalinde ukuphakanyiswa kwemfonomfono. Kwamanye amazwe izibhengezo ezininzi zithunyelwa ngeposi, ibe abo bazifumanayo bazilahla emgqomeni ngoko nangoko.
Kaloku i-Insider’s Report eyapapashwa ngabakwaMcCann-Erickson, abayinkampani yezibhengezo esehlabathini lonke, yathi kuqikelelwa ukuba ngowe-1990 kwasetyenziswa ii-R1,4 zamawaka ezigidi ekubhengezeni. Ukususela ngelo xesha, la manani aye antinga aya kutsho kwii-R2,1 zamawaka ezigidi ngowe-1997 aza athi ntii aya kuthi xhaxhe kwii-R2,2 zamawaka ezigidi ngowe-1998. Kaloku sisikhuntyu semali eso!
Yinto efik’ ithini ke yonke le? Esinye isikhwakhwa somhlalutyi sithi sona xa siyichuba le nyewe: “Ukubhengeza yeyona ndlela ibalaseleyo abazonwabisa ngayo abantu. . . . Izibhengezo azenzelwa ukuthengisa nje kuphela. Ziphembelela indlela esiyiyo, imilinganiselo yethu, usukelo nokuba singoobani yaye sifanele sibe njani . . . Ziphembelela izimo zengqondo zethu zize zona izimo zengqondo ziphembelele indlela yethu yokwenza izinto.”
Ekubeni nangayiphi indlela ungenakuziphepha izibhengezo, kutheni ungakhe upeculule indlela ezisebenza ngayo nendlela ezikuchaphazela ngayo?