Ukuqalisa Nokuwohloka Kwenkqubo Yorhwebo Lwehlabathi
Icandelo 6—Amaxhala Ezoqoqosho—Aya Kuphela Nini?
LOGAMA nje inkqubo yezorhwebo ebawayo iqhubeka nolawulo lwayo oluqinileyo ebantwini, amaxhala ezoqoqosho aya kuhlala ekho. Ezo ziindaba ezimbi. Iindaba ezilungileyo zezokuba ulawulo lwayo luza kupheliswa kungekudala, nto leyo eya kuthetha ukupheliswa kwamaxhala ezoqoqosho ngonaphakade. Ngoku amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezine avakalisa ezi ndaba zilungileyo kwabanye kulo lonke ihlabathi.—Bona ibhokisi ekwiphepha 14.
Esona Sixhobo Sisebenzayo
Injongo yokubhengeza izinto—xa kusetyenziswa kwinkqubo yezoqoqosho—kukuthengisa imveliso okanye ukubhengeza izinto ezenzelwa abantu. Ukuze kukhuliswe umlinganiselo wokuthengwa kwezinto, abantu bamele baphenjelelwe ukuba bathenge. Ukuze kufezwe oku kusetyenziswa iibhodi ezinkulu zezibhengezo, amaphephandaba, amaphephancwadi, unomathotholo nomabonwakude, kungasathethwa ke ngaloo maphetshana acaphukisayo abhengeza izinto ezithengiswayo nahamb’ ehlohlwa emakhayeni abantu.
Izibhengezo ezintsonkothileyo zomabonwakude weli xesha zahluke kakhulu kwizigidimi ezazibhengezwa ngabasebenzi esidlangalaleni kwiGrisi yamandulo. Kodwa injongo yokubhengeza—ukuphembelela abantu—ayiguqukanga. Ukuyila kukaJohannes Gutenberg umatshini wokushicilela ngoonobumba ababenokushenxiswa kubekwe abanye kwaphumela kwiimbono ezintsha zokubhengeza esidlangalaleni kangangokuba ngowe-1758 ingcungela kubhalo-zincwadi eliNgesi uSamuel Johnson yayinokubhala oku: “Kungokunje izibhengezo sele zizininzi kangangokuba azisahlolisiswa ngenyameko, yaye ngoko ke kuba yimfuneko ukutsala ingqalelo yabantu ngokubathembisa ubunewunewu nokusebenzisa ubuciko maxa wambi obubalaseleyo yaye ngamanye amaxesha kusetyenziswa amazwi alusizi.” Sisenokuthi okaJohnson la mazwi uwabhale namhlanje, ngowe-1992.
Ukubhengeza izinto kwanikwa ifuthe elingakumbi yinguqulelo yezorhwebo. Kwakufuneka abantu bokuthenga iimveliso ezininzi ezintsha ezaveliswa yile nguqulelo, abathengi abo babenokufikelelwa ngomjelo owawukhula wamaphephandaba namaphephancwadi. Ekuhambeni kwexesha, unomathotholo nomabonwakude bafikelela abaphulaphuli abaninzi. Ukubhengeza kuye kwaba lishishini elizimeleyo. Amaziko okubhengeza izinto asekwa kwakude kudala ngowe-1812, xa elakwaReynell and Son lavulwayo eLondon.
Ukuba ukubhengezwa kwezinto kunyanisekile, kusazisa ngeemveliso okanye uncedo olufumanekayo lokwanelisa iintswelo ezibalulekileyo, kuphumeza injongo elungileyo. Noko ke, oku akubi njalo xa kutsiba ilitye likaPhungela, kusilukuhlela ukuba sithenge izinto ezingeyomfuneko kuze kusenze ukuba singaveli nangonwele ematyaleni ngenxa yokufuna ukwaneliseka ngokukhawuleza. Omnye umbhali wakuchaza ngale ndlela: “Kuyacenga, kuyabongoza, kuyaqiqa, kuyamemeza,” wongezelela wathi: “Enoba siyakuqonda okanye asikuqondi kusini na oko, sonke siyachatshazelwa kukubhengezwa kwezinto, ngendlela eluncedo okanye engeloncedo.”
Abo kulindeleke ukuba bathenge izinto badla ngokuphenjelelwa zizinto ezingabalulekanga. Ababhengezi babhenela ekuzigwagwiseni; bedlala ngeemvakalelo zabantu. Basenokuthetha besebenzisa ubuqholo bengcuka. Okubi ngakumbi kukuba, basenokuzifihla izinto ezingalunganga okanye eziyingozi zemveliso yabo, ngaloo ndlela bebonakalisa ukungabi nankxalabo okunzulu ngempilo-ntle yabanye—konke oko bekwenza ngenxa yokhuphiswano lwezoqoqosho.
Ngaba Ukhuphiswano Lwezoqoqosho Luyimfuneko?
Njengabaninzi, usenokuvakalelwa kukuba ukhuphiswano lubalulekile ukuze kwenziwe inkqubela. Yaye ngokwenene, okwangoku, ukhuphiswano lwezoqoqosho olunyanisekileyo lunokumkhusela umthengi ngeendlela ezithile. Kodwa incwadi ethi Psychology and Life iphakamisa umbuzo ngesibakala sokuba ukhuphiswano “luyinto eyimfuneko kwimvelo yoluntu” kusini na, ngokubuza oku: “Ngaba sifanele sime ngonyawo olunye phezu kwentamo yalowo woyisiweyo ukuze sonwabe?”
Ngoxa iphawula ukuba kubonakala ukuba abantu abakhulele kwibutho elinomoya wokhuphiswano “bayasabela kucelomngeni lokulwela ukoyisa,” le ncwadi yesikhokelo iqhubeka isithi umoya wokhuphiswano awulotyekelo lwengqondo esizelwe sinalo. Enyanisweni, ekugqibeleni, ukhuphiswano luba nemiphumo engazisi zingenelo. Uhlolisiso lutyhila ukuba “luvelisa isimo sengqondo sokufuna ukuphumelela nokuba sekumnyam’ entla esidla ngokungaphumeli kolona hlobo lomsebenzi lusemgangathweni.”
Ngokomzekelo, ukhuphiswano lunokubangela uloyiko lokungaphumeleli. Kodwa uloyiko, enoba kusesikolweni, kusendaweni yempangelo, okanye kwenye indawo, alunagalelo ngokwenene ekwenzeni izinto ngokufanelekileyo. Ngaphandle koko, ukhuphiswano lunokukhokelela kukunganyaniseki okanye ekuqhatheni. Abafundi abakhuphisana kakhulu ukuze bafumane amanqaku ancumisayo basenokuyilibala injongo yokwenene yemfundo: ukubaxhobisa ukuba babe ngabemi abalunge nabanemveliso ngakumbi ekuhlaleni.
Kwixesha lokubhalwa kwayo kwiminyaka yee-1930, incwadi ethi Psychology and Life yakhankanya abemi baseSamoa njengomzekelo webutho labantu elingatyekelanga gqitha kukhuphiswano. Le ncwadi ithi, “Abantu basebenza baze bagcine iimveliso abazisebenzeleyo kuvimba omnye apho bonke benokuphakula khona ngokweemfuno zabo,” yongezelela oku: “Izazi ngentlalo zinikela ingxelo yokuba abantu abanjalo bavuya ngokupheleleyo njengabanye abantu abazimele bodwa kwezinye iindawo zehlabathi.”
Ngaloo ndlela, akuyomfuneko ukuba inkqubo yezoqoqosho ukuze ibe nomvuzo yaye iphumelele isekelwe kukhuphiswano. Usomashishini ophumelelayo uyavumelana nento yokuba ngoxa ukhuphiswano lusenokufuneka ukuchukumisa abantu abangenamava, abantu abanamava abafanele bafumane ubunzima ekuchukunyisweni ngumsebenzi abawenzayo. Uvuyo lunokufunyanwa ngokufunda, ngokuqamba izinto, ngokuvuyisa abanye, ngokuphucula nokufumana izinto ezintsha.
Ngoko, kuyaqondakala ukuba isiluleko sobulumko seBhayibhile sesi: “Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.”—Galati 5:26; INtshumayeli 4:4.
Khululeka Ukuze Uzuze Into Elunge Ngakumbi
Kucacile ukuba uSathana usebenzisa inkqubo yezorhwebo ebawayo njengesixhobo sokuphumeza iinjongo zakhe. Ngokubangela amaxhala ezoqoqosho, uya eyiqinisa indlela alulawula ngayo uluntu. Ukuxhalabela ukwanelisa umnqweno wezinto eziphathekayo kuphazamisa ukuhlangabezana neentswelo zokomoya ezibalulekileyo. Ingcamango yokuba iimpahla ezithengiswayo zenzelwe ukusetyenziswa zize zilahlwe ekhuliswe zezorhwebo iwuchaphazela kakubi ummandla osingqongileyo. Isimo sazo sengqondo sokuba kufumane konke yaye kufumane ngoku sitshabalalisa ulwaneliseko nolonwabo. Enyanisweni, izilangazelelo zoqoqosho ezifanelekileyo, xa zingalawulwa yimigaqo kaThixo, ekugqibeleni ziphelela ekuzicingeleni, kuze kona kuphelele ekubaweni.
Noko ke, ukubawa nokuzicingela ngokugqithiseleyo ziindlela zonqulo-zithixo, nto leyo engamkholisiyo uThixo. (Kolose 3:5) Abantu abavumela ubuntu babo ukuba buphenjelelwe kakubi yinkqubo yezorhwebo badlala ngomlilo, njengoko kunjalo ngabantu abakhuthaza unqulo lobuxoki nabo baxhasa ulawulo lomntu. Basengozini yokungamkelwa nguThixo. UYesu walumkisa: “Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi [kuquka amaxhala ezoqoqosho], ize loo mini [yomgwebo kaYehova] inifikele ngebhaqo.”—Luka 21:34.
Abo baza kuba ngamaKristu bamele bakhululeke kulawulo lweenkqubo zoqoqosho ezingafezekanga ngokugatya umoya eziwukhuthazayo nokuyeka usukelo lwezoqoqosho lokuzingca. Ubuntu bumele buphenjelelwe nguMdali ongusomandla, ingeyiyo imali engusomandla. Kumele kwenziwe umgudu wokunyaniseka ngawo onke amaxesha. Ubani umele anele yinto anayo, angasoloko ezabalazela okungakumbi.—Efese 5:5; 1 Timoti 6:6-11; Hebhere 13:18.
Ukuze abeke izinto ezibalulekileyo eziza kuqala, amaKristu amele ukuba ngamaxesha athile ahlolisise usukelo lwawo ebomini. (Filipi 1:9, 10) Oku kubonakala kuhlobo lomsebenzi alukhethayo nolwemfundo ayikhethela abantwana bawo. Ayakhumbula ukuba “konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathi. Ihlabathi ke liyadlula nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” Asoloko ezikhumbuza ukuba xa eli hlabathi lidlula, inkqubo yorhwebo lwehlabathi iya ‘kuWohloka njengeWall Street’ ize ingaze iphinde yona kunye nabaxhasi bayo ivuke.—1 Yohane 2:16, 17.
[Ibhokisi ekwiphepha 14]
Akuyi Kubakho Maxhala Ezoqoqosho Phantsi KoBukumkani BukaThixo
Akuyi kubakho ukunyuka kwamaxabiso ngenxa yokunqongophala kokudla: “Umhlaba uyivelise indyebo yawo; uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu.” “Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.”—INdumiso 67:6; 72:16.
Akuyi kubakho matyala kagqirha angahlawulwayo:
“Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zesithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”—Isaya 33:24; 35:5, 6.
Aziyi kubakho iirhafu okanye iintlawulo eziphakamileyo zokuthenga izindlu: “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi.”—Isaya 65:21, 22.
Abantu abayi kucalucalulwa babe ngabodidi olutyebileyo abanye babe ngaboluhlwempuzekileyo: “Uya kugweba phakathi kwezizwe ezininzi, ohlwaye iintlanga ezinamandla, ade ase kude; . . . Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.”—Mika 4:3, 4.
Akuyi kuphinda kubekho naluphi na uhlobo lweentswelo ezinganeliswayo: “Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.” “Uyasivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilayo ngeento ezikholekileyo.”—INdumiso 34:10; 145:16.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ekugqibeleni phantsi koBukumkani bukaThixo amaxhala ezoqoqosho aya kuphela