Indima Ebekekileyo Kamama
INDIMA kamama ngamaxesha amaninzi ayixatyiswa yaye ijongelwa phantsi. Kumashumi ambalwa eminyaka edluleyo, abantu abathile baqalisa ukukujongela phantsi ukukhulisa abantwana. Baqalisa ukucinga ukuba asingomsebenzi ubalulekileyo yaye luhlobo oluthile lwengcinezelo. Nakuba inkoliso yabantu inokuyijonga loo ngcamango njengetenxileyo, ngamaxesha amaninzi oomama ngokuqhelekileyo benziwa bazive ngathi abenzi nto ibalulekileyo ngokuhlala ekhaya bekhulisa abantwana. Bambi bade bacinge ukuba ibhinqa limele liye kuphangela ukuze lisebenzise ubuchule elinabo.
Noko ke, amadoda amaninzi nabantwana baye bayixabisa indima kamama entsatsheni. UCarlo, osebenza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova kwiiPhilippines, ucacisa esithi: “Namhlanje ndilapha ngenxa yengqeqesho kaMama. UTata wayengqongqo gqitha yaye wayekhawuleza nokubetha, kodwa uMama wasinceda ngokuzicacisa izinto nokuqiqa nathi. Ndiyixabisa ngokwenene indlela asifundisa ngayo.”
UPeter, eMzantsi Afrika, ngomnye wabantwana abathandathu abakhuliswa ngumama owayengafundanga kuyaphi. Uyise wabashiya. UPeter uthi: “Ekubeni uMama wayesebenza emakhitshini, wayengahlawulwa kangako. Kwakunzima ukusihlawulela sonke imali yesikolo. Amaxesha amaninzi sasilala singatyanga. Kwakunzima kwaukuba sibe nendawo yokuhlala. Phezu kwazo nje zonke ezi ngxaki, uMama akazange anikezele. Wasifundisa ukuba singaze sizithelekise nabanye. Ngesingekho kumgangatho esikuwo ebomini namhlanje ukuba wayengakhaliphanga ngale ndlela.”
Indoda etshatileyo yaseNigeria, uAhmed ithetha ngendlela eziva ngayo ngegalelo lomfazi wayo ekukhuliseni abantwana babo, isithi: “Ndiyixabisa gqitha indima yomfazi wam. Xa ndingekho ekhaya, ndiqinisekile ukuba abantwana bahleli kakuhle. Kunokuba ndicinge ukuba umfazi ukhuphisana nam, ndimbulela gqitha ndize ndibaxelele abantwana ukuba bamhlonele ngendlela abandihlonela ngayo.”
Indoda ethile yasePalestina imncoma gqitha umfazi wayo ngokukhulisa umntwana wabo. Ithi: “ULina wenze lukhulu gqitha ekukhuliseni intombi yethu yaye uye wafak’ isandla kwindlela esiqhuba ngayo ngokomoya njengentsapho. Ngendlela endibona ngayo, into embangela aphumelele ziinkolelo zonqulo lwakhe.” ULina uliNgqina likaYehova yaye ulandela imigaqo yeBhayibhile ekufundiseni intombi yakhe.
Yiyiphi eminye yale migaqo? IBhayibhile ithini ngoomama? Mandulo yayibonakaliswa njani intlonelo koomama ekubeni babeqeqesha abantwana babo?
Imbono Elungeleleneyo Ngoomama
Kususela kwasekudalweni, umfazi wayenesikhundla esibekekileyo entsatsheni. Incwadi yokuqala yeBhayibhile ithi: “Wahlabela mgama ke uYehova uThixo wathi: ‘Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.’” (Genesis 2:18) Ngenxa yoko, ibhinqa lokuqala, uEva, waba ngumncedi, okanye umphelelisi ka-Adam. Wadalwa ngokugqibeleleyo ukuze abe ngumncedi wakhe. Wayeza kufeza inxalenye ethile kwinjongo kaThixo yokuzala abantwana nokubakhulisa aze anyameleke umhlaba nezilwanyana ezikuwo. Wayeza kuba ngumcebisi onobulumko nomxhasi wokwenene weqabane lakhe. Hayi indlela uAdam awavuya ngayo xa wafumana esi sipho sivela kuMdali wakhe!—Genesis 1:26-28; 2:23.
Kamva, uThixo wamisela indlela afanele aphathwe ngayo amabhinqa. Ngokomzekelo, oomama abangamaSirayeli kwakufuneka bahlonelwe yaye bangaphathwa ngendelelo. Xa unyana ethe “waqalekisa uyise nonina,” wayebulawa. AmaKristu aselula ayebongozwa ukuba ‘athobele abazali bawo.’—Levitikus 19:3; 20:9; Efese 6:1; Duteronomi 5:16; 27:16; IMizekeliso 30:17.
Esebenzisana nomyeni wakhe, umama kwakufuneka aqeqeshe iintombi noonyana. Unyana wayeyalelwa ukuba ‘angawushiyi umthetho kanina.’ (IMizekeliso 6:20) Kwakhona, IMizekeliso isahluko 31 sichaza “isigidimi esinzima [uKumkani uLemuweli] awasinikwa ngunina ukumlungisa.” Loo mama ngobulumko wamyala unyana wakhe ukuba akuphephe ukubusebenzisa kakubi utywala, esithi: “Akubafanelanga ookumkani ukusela iwayini okanye amagosa aphakamileyo ukuthi: ‘Siphi na isiselo esinxilisayo?’ akafanele asele kuba hleze akulibale okumiselweyo aze aligqwethe ibango lakhe nawuphi na koonyana benkxwaleko.”—IMizekeliso 31:1, 4, 5.
Ukongezelela, nawuphi na umfana ocinga ngokutshata uya kuba ulumkile xa eqwalasela indlela umama kaKumkani uLemuweli amchaza ngayo “umfazi ofanelekileyo” xa wathi: “Ixabiso lakhe lingaphezulu lee kwelekorale.” Wandula ke, emva kokuchaza ukubaluleka kwegalelo lomfazi onjalo entsatsheni, unina kakumkani wathi: “Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuba lilize; kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.” (IMizekeliso 31:10-31) Ngokucacileyo, uMdali wawanika amabhinqa isikhundla esibekekileyo nembopheleleko enkulu entsatsheni.
Ebandleni lamaKristu, abafazi noomama bayahlonelwa yaye bayaxatyiswa. Kwabase-Efese 5:25 kuthiwa: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu.” Kumfana owayeselula uTimoti, owakhuthazwa ngunina noninakhulu ukuba ayihlonele “imibhalo engcwele” kwanikelwa esi siluleko siphefumlelweyo: “[Baphathe] . . . abafazi abakhulu njengoonyoko.” (2 Timoti 3:15; 1 Timoti 5:1, 2) Ngoko ke, indoda ifanele ilihlonele ibhinqa elikhulileyo njengonina. Ngokwenene, uThixo uyawaxabisa amabhinqa yaye uwaphatha ngesidima.
Luvakalise Uxabiso Onalo
Enye indoda ekhulele kwindawo apho amabhinqa ayejongelwa phantsi ibalisa isithi: “Ndafundiswa ukuba indoda ngoyena mntu ubalulekileyo, yaye ndiye ndabona indlela aphathwa kakubi nangahlonelwa ngayo amabhinqa. Ngoko ke kwafuneka ndenze umgudu wokuwajonga amabhinqa ngendlela uMdali awajonga ngayo—umphelelisi okanye umncedi weqabane lakhe kwimisebenzi yasekhaya nasekuqeqesheni abantwana. Nangona kunzima kum ukumncoma umfazi wam, ndiyazi ukuba nguye owenza ukuba abantwana bam baziphathe kakuhle.”
Enyanisweni, oomama abafeza indima yabo ekuqeqesheni abantwana banokuba neqhayiya. Lo ngumsebenzi obalulekileyo. Bafanele banconywe ngokunzulu nangokuvakalayo. Sifunda izinto ezininzi koomama—izinto ezisenza siphumelele ebomini, ukuba nembeko, nto leyo efunekayo ukuze sibe nolwalamano oluhle nabanye, yaye kwiimeko ezininzi imigaqo yokuziphatha nemilinganiselo yokomoya egcina abantu abaselula besekhondweni. Ngaba mvanje ukhe wamncoma umama wakho ngento akwenzele yona?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Umama kaPeter wamfundisa ukunganikezeli
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UAhmed uluxabisa gqitha uncedo lomfazi wakhe ekukhuliseni abantwana babo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Umyeni kaLina uyaqonda ukuba ukuziphatha kakuhle kwentombi yabo kubangelwa ziinkolelo zonqulo lomfazi wakhe