IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/12 iphe. 12-14
  • “Engaka Impumlo!”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Engaka Impumlo!”
  • Vukani!—2012
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isisu esipoqileyo
  • Zithanda ukubutha ndawonye
  • Iinkawu Ezineminwe Edibene Okwedada!
  • Uhlobo Olusecicini Lokuphela
  • Ukungaziwa Kwemvelaphi Yeenkawu EziseLiweni
    Vukani!—2008
  • Ukwenza Uphando Ngezilwanyana—Ngaba Kuyintsikelelo Okanye Kusisiqalekiso?
    Vukani!—1990
  • Ingqiqo Yenkawu
    Vukani!—1991
Vukani!—2012
g 5/12 iphe. 12-14

“Engaka Impumlo!”

ABANTU badla ngokutsho xa beqala ukubona inkunzi yenkawu ekuthiwa yiproboscis enelukuluku lempumlo ejingayo.a Le mpumlo ikhula de ibe ziisentimitha ezili-18 ubude—malunga nekota yobude bomzimba wale nkawu. Ekubeni impumlo karheme lo igquma umlomo nesilevu, kuye kunyanzeleke ukuba ayityhalele bucala xa esitya! Ukuba nawe ubunempumlo elingana neyakhe, ibiya kujinga ithi gabhu esifubeni.

Yintoni umsebenzi wale mpumlo kwinkunzi yale nkawu?b Izimvo ziyabethabethana. Mhlawumbi iyinceda ikhuphe ubushushu obugqithiseleyo emzimbeni okanye ibe nelizwi elikhulu. Kusenokwenzeka ukuba isebenzisa yona ukulumkisa ezinye iinkunzi. Enyanisweni, impumlo yenkunzi ebambe iintambo iye ivuthelane ize ibe bomvu xa inomsindo okanye ichwayitile. Enye into esenokuba iluncedo ngayo le mpumlo kukutsala iimazi. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba zininzi izinto ezifezwa yile mpumlo, mhlawumbi kukho nezinye esingazazi kakuhle okanye esingazi nto kwaphela ngazo.

Isisu esipoqileyo

Ezi nkawu—iimazi neenkunzi—ziphinda zibe nesisu esahlukileyo esityhalekileyo. Eneneni, isisu sazo sinokude silingane nekota yobunzima bomzimba wazo. Ngenxa yoko, iimazi neenkunzi zihlala zingathi zimithi! Sipoqiswa yintoni esi sisu sazo?

Njengesisu senkomo, isisu sezi nkawu sizaliswe yingxubevange yezityalo nebacteria. Le bacteria ibilisa ukutya ize isile iselulosi kunye nezinye izityalo ezinetyhefu ebiya kuzibulala ezinye izilwanyana. Ngenxa yenkqubo yazo emangalisayo yokusila ukudla, ezi nkawu ziyakwazi ukuphila ngamagqabi nezinye iziqhamo ezingekho switi neembewu yezinto ezifana neembotyi, isundu nezinye izityalo—ukutya obekuya kuzibulala ezinye iinkawu ezinesisu esiqhelekileyo.

Kodwa ke, le nkqubo yayo yokusila ukutya iba nayo ingxaki. Ezi nkawu azimele zitye iziqhamo eziswiti, kuba zibila ngokukhawuleza. Ezo ziqhamo ziswiti beziya kusikhukhumalisa isisu sezi nkawu, mhlawumbi zide zife kabuhlungu.

Ngenxa yokutya kwazo okuneselulosi eninzi nesisu esiqinileyo, ezi nkawu kufuneka zibe nexesha elininzi lokusila ukutya kwazo. Ngoko ke, emva kwesidlo esikhulu kusasa, kufuneka ziphumle—maxa wambi kangangeeyure eziliqela—ngaphambi kokuba ziphinde zitye.

Zithanda ukubutha ndawonye

Enoba ziyatya okanye ziphumle, ezi nkawu akunakufane uyibone iyodwa. Iinkunzi elawulayo idla ngokuba neqela leemazi ezifikelela kwisibhozo namatshontsho azo. Iinkunzi ezizalwa apho emhlambini ziyagxothwa zisakuba ndala ngokwaneleyo. Zithi zakugxothwa ziye kudibana nezinye eziselula, zibe ngamaqela alawulwa yinkunzi endala okanye ezimbini. Kumntu ongenaliso libukhali, angacinga ukuba kukho iimazi kwelo qela.

Olu hlobo lweenkawu lunendlela engaqhelekanga yokubutha—iimazi zidla ngokubutha nezinye iimazi ngakumbi ngokuhlwa xa zisemlanjeni. Kwezo zihlandlo ke, inkunzi idla ngokufuna ukubonakalisa amandla ayo xa ivakalelwa kukuba kukho inkunzi enomdla kwiimazi zayo. Ngokuqhelekileyo inkunzi ekhusela umhlambi wayo—esenokuba nobunzima obuziikhilogram ezingama-20—ityhalela phambili ngawo omane, umlomo wayo iwuvule wayinkebe-nkebe ithe ntsho utshaba lwayo. Incwadi ethi Proboscis Monkeys of Borneo ithi: “Ukuba oko akuphumeleli, le nkunzi isuka yenze imitsi apho emithini, itsho ngengxolo imana itsibela kumasebe omileyo atsho ophuke, esongeza kulo ngxolo yayo.” Zikhe zilwe zona, nakuba iyinto enqabileyo leyo.

Le ncwadi sithethe ngayo iphinda ithi: “Ukongezelela kwinto yokuba ezi nkawu zingaqhelekanga; ziphinda zibe nengxolo eyahlukahlukeneyo.” Ziyabhavuma, zitsho ngesankxwe, zigqume zize zitswine, ngakumbi ngokuhlwa xa zidibene emlanjeni. Kuwo wonke lo mbhodamo wengxolo, iimazi zithi cwaka zixakeke kukwanyisa nokulungisa ubuso bamantshontsho azo. Ekugqibeleni, kuthi kurhatyela ehlathini, zibe sele zifumene indawo efanelekileyo yokulala emithini—ngokuqhelekileyo imithi emide esecaleni komlambo.

Iinkawu Ezineminwe Edibene Okwedada!

Ngaphandle kwempumlo yazo, ikho nenye into engaqhelekanga ngezi nkawu—iminwe edibene okwedada. Oku kuthungelana kweminwe akuzincedi nje zikwazi ukudada, kodwa kuzinceda zikwazi nokuhamba edakeni. Kakade ke, xa ucinga ngemithi ekhula kwimigxobhozo yamahlathi amakhulu, ubuya kucinga nangeengwenya. Iingwenya ziyanyakazela kwindawo enezi nkawu. Ezi nkawu zikuphepha njani ukutyiwa zezi ngwenya?

Enye indlela ezenza ngayo kukunyebelezela zingene emlanjeni zize zidade ziye kuphuma kungakhange kubekho kwangxolo yamanzi. Noko ke, xa umlambo umxinwa zenza ngendlela eyahlukileyo. Zinyuka ziye phezulu emthini, zitsibe ngokukhawuleza esebeni, mhlambi kumgama weemitha ezisithoba ngaphezu kwamanzi, zithi dyumpu ngesisu emlanjeni zibe sezikhawuleza zidade kuloo mgama useleyo. Nkqu neemazi ezinamantshontsho zisebenzisa le ndlela. Maxa wambi oku zikwenza zingumhlambi zize zikhawuleze ukuwelela kwelinye icala! Noko ke, olona tshaba lwazo lukhulu asiyongwenya.

Uhlobo Olusecicini Lokuphela

Ekubeni zibhaliswe ngokusemthethweni njengezisecicini lokuphela, kusenokwenzeka ukuba inani leeproboscis lingamawaka nje ambalwa, ibe liyaqhubeka lincipha—oyena nobangela woko, ngabantu. Phakathi kweengxaki ezibangelwa ngabantu ngumlilo, ukugawulwa kwamahlathi, ukhenketho olungalawulwayo nokutshatyalaliswa kwamahlathi emithi yesundu elineoli. Enye ingxaki kukuzingelwa. Abanye abantu bazibulala nje kuba bezonwabisa. Abanye bazibulalela ukuzitya nokwenza amayeza. Ekubeni ezi nkawu zithanda ukulala kwindawo esekuhleni kwimithi esecaleni komlambo, ziba sesichengeni. Enyanisweni, komnye ummandla othandwa ngabazingeli abahamba ngamaphenyane anesantya esiphezu, inani lezi nkawu lehla ngama-50 ekhulwini kwiminyaka nje emihlanu!

Abalondolozi bendalo bazama ukulumkisa abantu ngemeko emaxongo ezikuyo ezi nkawu, yaye iiproboscis ikhuselwe kumthetho waseBorneo. Kodwa ngaba oko kwanele ukuba zikhuseleke? Siza kubona. Ukuba ezi zilwanyana bezinokuphela ehlathini, oko bekuya kuba yintlekele gqitha kuba kaloku iiproboscis ithanda ukuzifunda iindawo engaziqhelanga! Ukongezelela koko, izilwanyana azidli ngakulunga eluvalelweni.

Kakade ke, le nkawu sesinye nje sezidalwa ezininzi ezinekamva elimfiliba. Kukho inyambalala yeentlobo zezidalwa esele zatshabalala. Into enika ithemba kukuba, uThixo unenjongo yokuluthabathela kuye ulawulo lomhlaba, ashenxise ubungendawo aze afundise abantu bakhe indlela efanelekileyo yokunyamekela izilwanyana ezihlala emahlathini. (IMizekeliso 2:21, 22) UYehova uThixo uthembisa oku: “Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ezi nkawu zifumaneka kwisiqithi saseBorneo. Esi silwanyana sibizwa ngokuba yiorang belanda, okanye “umDatshi” ngabantu balapho.

b Nazo iimazi zinempumlo enkulu nakuba ingenakufika kule yenkunzi.

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Iiproboscis zinempumlo nesisu esahlukileyo esithe poqo

[Inkcazelo]

© Peter Lilja/age fotostock

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Impumlo yenkunzi ijinga phezu komlomo. Imele iyityhalele bucala xa isitya

[Inkcazelo]

© Juniors Bildarchiv/Alamy

[Umfanekiso okwiphepha 14]

Enoba iyatya okanye iphumle, iproboscis ayifane ibe yodwa

[Inkcazelo]

© Peter Lilja/age fotostock

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share