IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 88
  • Isityebi NoLazaro

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isityebi NoLazaro
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isityebi NoLazaro Baba Namava Enguqulelo
  • Isityebi NoLazaro Baba Namava Enguqulelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Isityebi NoLazaro
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Izinto Ziyatshintsha Kwisityebi NakuLazaro
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Yayingubani Indoda Esisityebi NoLazaro?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 88

Isahluko 88

Isityebi NoLazaro

UYESU ebethetha nabafundi bakhe ngendlela efanelekileyo yokusebenzisa ubutyebi bezinto eziphathekayo, ecacisa ukuba asinakuba ngabakhonzi bezo zinto size kwangaxeshanye sibe ngabakhonzi bakaThixo. AbaFarisi nabo bathe nta ezabo iindlebe, ibe baqalisa ukumsinekela uYesu ngokuba bengabathandi bemali. Ngoko uthi kubo: “Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.”

Lifikile ixesha lokuba batshonelwe lilanga emini abantu abanobutyebi bezinto zehlabathi, abanegunya kwezobupolitika, nabakwisikhundla sokulawula yaye benempembelelo kwezonqulo. Baza kuthotywa. Noko ke, abo baziqondayo iintswelo zabo zokomoya baza kuphakanyiswa. UYesu walatha kwinguqulelo enjalo xa ehlabela mgama esithi kubaFarisi:

“Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane [uMbhaptizi]; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.”

Ababhali nabaFarisi bakh’ amaxhaka kuba kusithiwa babambelele kuMthetho kaMoses. Khumbula ukuba xa uYesu wathi ngokungummangaliso wavula amehlo endoda ethile eYerusalem, baqhayisa besithi: “Thina singabafundi bakaMoses. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses.” Kodwa ngoku uMthetho kaMoses uyizalisekisile injongo yawo yokukhokelela abathobekileyo kuKumkani kaThixo omiselweyo, uYesu Kristu. Ngoko ukususela kubulungiseleli bukaYohane, zonke iindidi zabantu, ngokukodwa abathobekileyo nabangamahlwempu, benza ngako konke abanako ukuba babe ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo.

Ekubeni uMthetho kaMoses ngoku uzalisekiswa, imfanelo yokuba ugcinwe iza kushenxiswa. Lo Mthetho uyaluvumela uqhawulo-mtshato ngezizathu ezahlukeneyo, kodwa ngoku uYesu uthi: “Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.” Hayi indlela ekumele ukuba bacatshukiswa ngayo abaFarisi ngaloo mazwi, ekubeni ngokukodwa bevumela uqhawulo-mtshato ngezizathu ezininzi!

Eqhubeka nentetho yakhe kubaFarisi, uYesu wenza umzekeliso obalaselisa abantu ababini, ekuthi ekugqibeleni iimeko zabo zijike ngendlela ephawulekayo. Ungathi aba bantu bafanekisela bani ibe kuthetha ukuthini ukuguquka kweemeko zabo?

UYesu uyacacisa esithi: “Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke. Bekukho ke hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalikhahlelwe esangweni lakhe, lizele zizilonda, linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zalo.”

Apha uYesu usebenzisa isityebi ukufanekisela iinkokeli zonqulo zamaYuda, eziquka kungekuphela nje abaFarisi nababhali kodwa nabaSadusi ndawonye nababingeleli abakhulu. Zizizityebi ngokwamalungelo namathuba okomoya ezinawo, ibe ke ziziphatha njengomntu osisityebi. Iingubo zazo zasebukhosini ezibomvu zibonisa isikhundla sazo sokubabalwa, yaye ilinen yazo emhlophe ibonisa ukuzigqala kwazo zingamalungisa.

Olu didi lwesityebi luziphakamisileyo alubazele nto abantu abangamahlwempu nabaqhelekileyo lubabiza ngebinzana elithi ‛am ha·’aʹrets, okanye abantu basemhlabeni. Ngaloo ndlela umngqibi uLazaro ufanekisela aba bantu bavinjwa ukutya kokomoya okunesondlo esifanelekileyo namalungelo athile ziinkokeli zonqulo. Ngenxa yoko, njengoLazaro ozele zizilonda, abantu abaqhelekileyo bajongelwa phantsi njengabanesifo sokomoya yaye abafanelwe nje kuphela kukunxulumana nezinja. Ukanti, abo bodidi lukaLazaro balambela baze banxanelwe ukutya kokomoya okunesondlo ibe ke ngoko basesangweni, befuna ukufumana nokuba ziimvuthuluka ezingephi zokudla kokomoya ezisenokuwa etafileni yomntu osisityebi.

UYesu ngoku uqhubela phambili echaza ngokuguquka kweemeko zesityebi noLazaro. Kwenzeka ntoni ekuguqukeni kweemeko, yaye oko kufanekisela ntoni?

Isityebi NoLazaro Baba Namava Enguqulelo

Isityebi sifanekisela iinkokeli zonqulo ezinamathuba namalungelo amahle okomoya, kwaye uLazaro ufanekisela abantu abaqhelekileyo abalambele ukudla kokomoya. UYesu uyaqhubeka nebali lakhe, echaza inguqulelo enkulu kwimeko yaba bantu.

UYesu uthi, “Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi; sangcwatywa. Size, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, uLazaro esesifubeni sakhe.”

Ekubeni isityebi noLazaro bengengabo abantu bokoqobo kodwa befanekisela iindidi zabantu, ngokusengqiqweni ukufa kwabo nako kuyafuzisela. Yintoni efuziselwa okanye efanekiselwa kukufa kwabo?

UYesu ubesandul’ ukugqiba ukuthetha ngenguqulelo kwiimeko ngokuthi ‘yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane umbhaptizi; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa.’ Ngenxa yoko, kungokushumayela kukaYohane noYesu Kristu ekuthi bobabini isityebi noLazaro bafe ngokubhekisele kwiimeko zabo zangaphambili.

Abo bathobekileyo nabaguqukayo bodidi lukaLazaro bayafa ngokubhekisele kwimeko yabo yangaphambili yokubandezelwa ngokomoya baze babe kwimeko yokuba ngabababalweyo nguThixo. Nakuba ngaphambili babekhangele kwiinkokeli zonqulo ukufumana iimvuthuluka eziwa kwitafile yokomoya, ngoku iinyaniso zeZibhalo ezinikelwa nguYesu zizalisa iintswelo zabo. Ngaloo ndlela baziswa esifubeni, okanye kwimeko yokuba ngabakholekileyo, kuAbraham Omkhulu, uYehova uThixo.

Kwelinye icala, abo babumba udidi lwesityebi baba kwimeko yokuba ngabangamkelekanga kuThixo ngenxa yokuba besala ngokuzingisileyo ukwamkela isigidimi soBukumkani esifundiswa nguYesu. Ngaloo ndlela bathi bafe ngokubhekisele kwimeko yabo yangaphambili ebonakala iyileyo yokuba ngabababalweyo. Enyanisweni, kuthethwa ngabo njengabakwintuthumbo yokomfuziselo. Phulaphula ngoku, njengokuba isityebi sithetha:

“Bawo, Abraham, ndenzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.” Izigidimi zomgwebo kaThixo ezibumlilorha ezavakaliswa ngabafundi bakaYesu zizo ezithuthumbisa abathile bodidi lwesityebi. Bafuna ukuba abafundi bayeke ukuvakalisa ezi zigidimi, ngaloo ndlela bebanika umlinganiselo othile wesiqabu kwintuthumbo abakuyo.

“Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa. Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.”

Hayi indlela ekulunge nekufaneleke ngayo ukuba inguqulelo enjalo ukuba nkulu yenzeke phakathi kodidi lukaLazaro nolwesityebi! Inguqulelo kwiimeko yenziwa kwiinyanga nje ezimbalwa kamva ngePentekoste yowama-33 C.E., xa umnqophiso omdala woMthetho uthatyathelwa indawo ngumnqophiso omtsha. Ngoko kuthi ngokungathandabuzekiyo kucace ukuba ngabafundi abababalweyo nguThixo, kungekhona abaFarisi nezinye iinkokeli zonqulo. Ngoko ke, “umsantsa omkhulu” owahlula isityebi kubafundi bakaYesu umela umgwebo kaThixo wobulungisa ongenakuguqulwa.

Ngokulandelayo isityebi sibongoza ‘ubawo uAbraham’ ukuba asenzele oku: “Mthume [uLazaro] endlwini kabawo kuba ndinabazalwana abahlanu.” Ngaloo ndlela isityebi siyavuma ukuba sinolwalamano olusondeleyo nomnye ubawo, ngokwenene onguSathana uMtyholi. Isityebi sibongoza uLazaro ukuba azingxengelele izigidimi zomgwebo kaThixo ukuze ‘abazalwana bakhe abahlanu,’ abazizihlobo zakhe zonqulo, bangezi “kule ndawo yentuthumbo.”

“Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona.” Ewe, ukuba ‘abazalwana abahlanu’ bebeya kuyisaba intuthumbo, konke abafanele bakwenze kukuthobela imibhalo kaMoses neyabaProfeti efanisa uYesu njengoMesiya baze ke babe ngabafundi bakhe. Kodwa isityebi siyachasa sisithi: “Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.”

Noko ke, sixelelwa oku: “Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.” UThixo akayi kulungiselela imiqondiso okanye imimangaliso ekhethekileyo ukuze abantu beyiseke. Bafanele bafunde baze basebenzise iZibhalo ukuba baza kubabalwa nguye. Luka 16:14-31; Yohane 9:28, 29; Mateyu 19:3-9; Galati 3:24; Kolose 2:14; Yohane 8:44.

▪ Kutheni le nto ukufa kwesityebi nokukaLazaro kufanele kube kokufuziselayo, kwaye yintoni ke efanekiselwa kukufa kwabo?

▪ Ukususela ekuqaliseni kobulungiseleli bukaYohane, yiyiphi inguqulelo athi uYesu iye yaqalisa?

▪ Yintoni eza kushenxiswa emva kokufa kukaYesu, ibe oku kuza kuwuchaphazela njani umbandela woqhawulo-mtshato?

▪ Kumzekeliso kaYesu, ngoobani abafanekiselwa sisityebi nanguLazaro?

▪ Sithuthunjiswa ngantoni isityebi, yaye sicela ukuba sihlangulwe ngaziphi iindlela?

▪ Ufanekisela ntoni “umsantsa omkhulu”?

▪ Ngubani ubawo wokwenene wesityebi, yaye bangoobani abazalwana baso abahlanu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share