IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w88 1/15 iphe. 3-6
  • Ngaba Ngenene Bayathetha Nabafi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ngenene Bayathetha Nabafi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kwenzeka Ntoni Kwimeko KaSawule?
  • Ngaba Ngokwenene Kunokwenzeka?
  • Kodwa Uyintoni Umthombo?
  • Ikho Imfuneko Yokuthetha Nabafi?
  • Ngaba Abafi Banokubanceda Abaphilayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ukunxibelelana Nabafi
    Vukani!—2014
  • Ngaba Abafileyo Banokubanceda Abaphilayo?
    Vukani!—2012
  • UkuKhafula
    Ukuqiqa NgeZibhalo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
w88 1/15 iphe. 3-6

Ngaba Ngenene Bayathetha Nabafi?

MAXA wambi amaqela ebhola ekhatywayo eBrazil aye afune uncedo ngokusebenzisa abaneshologu. Ngoba? Oko bakwenzela ukuba bafumane icebiso ngenxa yoloyiko lokuba iqela abaqubisana nalo lisenokuphumelela. Ngokutsho kwelinye iphephandaba, “ithuba lokuthetha ngokungqalileyo nemimoya ngeenjongo zokufuna izicombululo kuzo zonke iintlobo zeengxaki libangela impembelelo enamandla kwizigidi zabantu.” Kwamanye amazwe, abapolitiki abakwizihlalo eziphezulu, amagcisa noosomashishini ngokuthe rhoqo bafuna uncedo kwimimoya. Ekwenzeni kwabo umgudu wokufumana unyango okanye isicombululo kwingxaki engokwemali, abaninzi bathi bazame ukuthetha nabafi, abakholelwa ukuba banolwazi olungakumbi.

Kodwa ngaba kufanelekile ukuzama ukuthetha nabafi? Ngaba ngokwenene kuyinto enokwenzeka ukwenjenjalo? Yaye ngaba zikho naziphi na iingozi ezibandakanyekileyo? Usenokumangaliswa kukubona oko iBhayibhile ikutshoyo.

Kwenzeka Ntoni Kwimeko KaSawule?

Khawuqwalasele la mava enzeka ngokwenene abhalwe eBhayibhileni: Esoyika utshaba lwakhe olungamaFilisti, uKumkani uSawule woSirayeli wamandulo wafuna oneshologu eEndore. Wamcela ukuba athethe nomprofeti owafayo ogama linguSamuweli. Akuva ukuchaza kwale nkazana indoda enkulu ethe wambu ingubo yokwaleka engenamikhono, uSawule wacinga ukuba wayebona uSamuweli. Yaye saba yintoni isigidimi sakhe? USirayeli wayeya kunikelwa ezandleni zamaFilisti, yaye ngemini elandelayo uSawule noonyana bakhe babeya kuba ‘noSamuweli,’ okubonisa ukuba babeya kufa ngexesha lokulwa kwabo namaFilisti. (1 Samuweli 28:4-19) Ngaba oko koko kwenzekayo?

Akuzange kube njalo ngokuthe ngqo. USawule wangxwelerheka ngokoyikekayo kwidabi namaFilisti, kodwa wafa ngokuthi azibulale. (1 Samuweli 31:1-4) Yaye ngokwahlukileyo kwinto eyayixelwe kwangaphambili yokuba bonke oonyana bakaSawule babeza kufa kunye naye, unyana wakhe ulshbhoshete wasinda.

Kodwa indawo yokuqala ngaba kwakufanelekile ukubuzisa kwabafileyo? Kwakungafanelekanga. IZibhalo ziyasixelela: “Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, . . . kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye.” (1 Kronike 10:13) Ngaba sinokufunda okuthile koku? Ewe. USawule wafa ngenxa yokucela oneshologu ukuba abuzise kwabafileyo. Ngoba? Kuba ngokwenza oku, wayesaphula umthetho ocacileyo kaThixo othi: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . [obuza] koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto.” (Duteronomi 18:10-12) Kutheni ukubuzisa kwabafileyo kulisikizi nje kuThixo? Ngaphambi kokuba siphendule loo mbuzo, sisenokubuza:

Ngaba Ngokwenene Kunokwenzeka?

Ukuba ubani uza kuthetha nabafi, bamele ukuba ngokwenene bayaphila. Bamele babe banomphefumlo ongafiyo. Kanti iBhayibhile ithi: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” (Genesis 2:7) Ngoko ke, umntu ngokwakhe ungumphefumlo. Akanawo umphefumlo ongafiyo oqhubeka uphila emva kokufa komzimba. Enyanisweni, iZibhalo zithi: “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4) Ngaphezu koko, iLizwi likaThixo lithi: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho . . . Akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo [eSheol, NW],” ingcwaba eliqhelekileyo loluntu.—INtshumayeli 9:5, 10.

Ngoko, bengenalo ngokupheleleyo ulwazi olungakumbi, abafi abakho zingqondweni. Ngoko kuyinto engenakwenzeka ukuthetha nabo. Ngoko ke ukuthobela umthetho kaThixo onxamnye nokubuzisa kwabafileyo kuyasikhusela ekubeni sikhohliswe. Kanti, zisenokubakho izigidimi ezivela kwelemimoya, njengokuba amava kaKumkani uSawule ebonisa njalo.

Kodwa Uyintoni Umthombo?

Phakathi kwezinye izinto, ubuqhinga buyinto exhaphakileyo phakathi kwabo bazibabaza bethetha nabafi. IThe World Book Encyclopedia isixelela oku: “Kuye kwaboniswa ukuba xa abavumisi bedibana nabantu babaqhatha ngokubenza bakholelwe ukuba imimoya inako ukunxibelelana nabaphilileyo. Izazinzulu zinikela ingcaciso ngezinto ezininzi ezenzekayo kwezo ndibano. Ngokomzekelo, abanye abavumisi basebenzisa oonodoli ibe ngathi ngabo abathethayo. Bambi basebenzisa abancedi babo abakwelinye icala legumbi elo badibene kulo kunye neentlobo ezahlukahlukeneyo zeendlela zokuqhatha abantu. Abanye babalalisa ngomlingo abo baze kufuna uncedo ukuze balawule iingqondo zabo. Abantu abaninzi abayayo kwezo ndibano banomnqweno onamandla wokunxibelelana nofileyo othandekayo. Lo mnqweno usenokubenza bakholelwe ukuba nasiphi na isigidimi esikhutshwa ngovumisayo sivela kwelemimoya.”

Kodwa ngaba sifanele sicinge kuphela ngeemeko ezinjalo? Hayi, kuba ukugcina umthe tho kaThixo onxamnye nokubuzisa kwabafileyo kukwasikhusela ngendlela ebaluleke ngakumbi nangakumbi. Izigidimi ziyeza zivela kwelemimoya, kodwa umthombo wazo zizidalwa ezinamandla ezifuna ukulahlekisa uluntu. IBhayibhile izichaza ‘njengemikhosi yoomoya abakhohlakeleyo’—uSathana uMtyholi nezithunywa zezulu ezingathobeliyo ezibizwa ngokuba ziidemon. (Efese 6:12) Xa uKumkani uSawule watyelela oneshologu eEndore, yayiyidemon eyazenza umprofeti uSamuweli owafayo.

Njengokuba kubonisiwe kwimeko kaSawule, iidemon akukho nto iluncedo ziyidluliselayo, noncedo lwazo olucingelwayo lolokwexeshana. Njengomlawuli wazo, uMtyholi, zingamaxoki. (Marko 3:22; Yohane 8:44) Ngokubhekisele koku, umphandi ongasekhoyo ngamandla angengowamvelo waseBritani uMhlekazi uArthur Conan Doyle wabhala oku: “Okungonwabisiyo kukuba, kufuneka sijongene nobuxoki obuphindaphindeneyo bezidalwa ezikrelekrele ezingendawo okanye ezinentlondi. Ndicinga ukuba, nabani na oye wawuphonononga lo mcimbi uye wadibana nezinto ezibonisa obo buqhetseba obuthi maxa wambi buhambisane nonxibelelwano olulungileyo nolokwenyaniso.” (The New Revelation, iphepha 72) Kakade ke, akufuni kukhohliswa, akunjalo na?

Ngoku, qwalasela oku: Imbali isixelela ngokuthengiswa kwamakhoboka ndawonye neenzima zako. Ngaba kukho nabani na obeya kuthi ngokuvumayo abamkele ubunzima nehlazo elinjalo? Kakade akunjalo. Ngoko kutheni le nto simele sizivumele sikhotyokiswe yimimoya engendawo? Ayixoki nje kuphela kodwa kwakhona iphanga abantu inkululeko yabo yaye isenokude ibakhokelele kugonyamelo nasekubulaleni. Ngokomzekelo, uJosé onama-29 eminyaka ubudala wasePernambuco, eBrazil, wathi ‘umoya ongcolileyo wangena ngaphakathi kuye, umnyanzelela ukuba abulale intombi yakhe enonyaka ubudala.’ Ewe, ukuzibandakanya nemimoya engendawo kunokukhokelela kubukhoboka obunjalo. Ngoko, kanye njengokuba amakhoboka awayesentlungwini exesha lamandulo ayenqwenela inkululeko, ngokunjalo abo bakhotyokiswe ziidemon namhlanje bamele bafune ukukhululeka. Enye indlela yokufumana le nkululeko kukuphepha ukunxibelelana nabaneshologu nokuzama ukuthetha nabafi. Ke ngoko, ngaba . . .

Ikho Imfuneko Yokuthetha Nabafi?

Ayikho, kuba sinalo uncedo. Njengabantwana abanentembelo kuyise wabo, sinokuthi ngokukhululekileyo sicele uncedo kuBawo osemazulwini, ovuyiswayo kukunceda abantliziyo zinyanisekileyo. (Luka 11:9-13) Umprofeti kaThixo uIsaya wabhala oku: “Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na? Bhekani esiyalweni, esingqinweni!”—Isaya 8:19, 20.

Ewe, sinesizinzi esiqinileyo sokuba nentembelo kuYehova uThixo ukuba senza ukuthanda kwakhe size singabi nalo naluphi na unxibelelwano nemimoya engendawo. Umfundi ongumKristu uYakobi wabhala oku: “Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka.” (Yakobi 4:7) Emva kokufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, enye indoda eyayikhafula kangangama-28 eminyaka yathi: “Ungaze ukoyike oko uSa thana asenokukwenza kwabo baluyekayo uqheliselo lokukhafula, kodwa, endaweni yoko, kholosa ngoYehova uThixo.”

Ukuzalisa ingqondo ngenyaniso ephuma eLizwini likaThixo nokwenza ngokuvisisana nayo kuya kusenza ‘sixhobe sonke isikrweqe sikaThixo [sokomoya]’ ukuze sibe nako ‘ukumisa sibuchase ubuqhinga boMtyholi’ size singakhotyokiswa yimikhosi yoomoya abangendawo. (Efese 6:11) Ngaphezu koko, ukuthandaza rhoqo kuYehova kuya kusikhusela ngamandla kwintlaselo yeedemon.—IMizekeliso 18:10.

Hayi indlela ekonwabisa ngayo ukwazi inyaniso engemeko yabafi! Ukufa kufana nobuthongo obunzulu. (Yohane 11:11) Yaye uYesu Kristu waqinisekisa ukuba kwakuya kubakho uvuko lwabafi.—Yohane 5:28, 29.

Enye indoda eyayingumkhafuli yafunda eZibhalweni, ndawonye nomfazi nabantwana bayo, ukuba akukho mfuneko yokuba nabani na azame ukuthetha nabafi okanye umntu ozenza bona. Njengale ntsapho nabanye abaninzi ehlabathini jikelele, nawe unokuyinandipha inkululeko engokomoya. (Yohane 8:32) Funda inyaniso engabafi nenjongo kaThixo ngoluntu. Ngoko unokukhangela phambili kwinkqubo entsha kaYehova, apho unokukwazi khona ukuthetha nabavusiweyo abathandekayo uze unandiphe ubomi obungunaphakade phantsi kweemeko zoxolo.—Isaya 25:8.

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Ngokwenene ngubani owathethayo xa uKumkani uSawuie wacela iSigidimi kumprofeti uSamuweli owayesel’ efile?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share