Ukulondoloza Umanyano Kule Mihla Yokugqibela
“Ziphatheni ngokohlobo oluzifaneleyo iindaba ezilungileyo . . . , [nime] niqinile moyeni mnye, nixomoloza kunye ngamphefumlo mnye ngenxa yokholo kwiindaba ezilungileyo.”—FILIPI 1:27.
1. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwamaNgqina kaYehova nehlabathi?
LE ‘YIMIHLA yokugqibela.’ Ngokungathandabuzekiyo, siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo.’ (2 Timoti 3:1-5) Kweli “xesha lokuphela,” linebutho loluntu olungazolanga, amaNgqina kaYehova ahluke ngokupheleleyo ngenxa yokuba enoxolo nomanyano. (Daniyeli 12:4) Kodwa mntu ngamnye olilungu lentsapho yabanquli bakaYehova yomhlaba wonke ufanele asebenze nzima ukuze kulondolozwe olu manyano.
2. Wathini uPawulos ngokulondoloza umanyano, yaye nguwuphi umbuzo esiza kuwuxubusha?
2 Umpostile uPawulos wabongoza amanye amaKristu ukuba alondoloze umanyano. Wabhala oku: “Ziphatheni ngokohlobo oluzifaneleyo iindaba ezilungileyo ezingoKristu, ukuze kuthi, enoba ndiyeza ukuza kunibona okanye ndingabikho, ndive ngezinto eziphathelele nina, okokuba nimi niqinile moyeni mnye, nixomoloza kunye ngamphefumlo mnye ngenxa yokholo kwiindaba ezilungileyo, yaye ningothuswa nakuyiphi na inkalo ngabo bamelene nani. Yona kanye le nto ibubungqina bentshabalalo kubo, kodwa obosindiso kuni; yaye le mbonakaliso ivela kuThixo.” (Filipi 1:27, 28) Amazwi kaPawulos abonisa ngokucacileyo ukuba simele sisebenzisane njengamaKristu. Ngoko, yintoni eya kusinceda silondoloze umanyano lwethu njengamaKristu kule mihla izele zizilingo?
Yenza Ukuthanda KukaThixo
3. Baqala nini yaye njani abeeNtlanga abangalukanga ukuba ngabalandeli bakaKristu?
3 Enye indlela esinokululondoloza ngayo umanyano lwethu kungokwenza ukuthanda kukaThixo maxa onke. Oku kusenokufuna siguqule indlela ebesicinga ngayo. Cinga ngabafundi bokuqala bakaYesu Kristu ababengamaYuda. Xa umpostile uPetros washumayela okwesihlandlo sokuqala kwabeeNtlanga abangalukanga ngowama-36 C.E., uThixo wabanika umoya oyingcwele aba bantu beentlanga, yaye babhaptizwa. (IZenzo, isahluko 10) Ngelo xesha, yayingamaYuda, abantu ababeguqukele kubuYuda, namaSamariya kuphela ababengabalandeli bakaYesu Kristu.—IZenzo 8:4-8, 26-38.
4. Emva kokuchaza okwakwenzeke kuKorneli, wathini uPetros, yaye oku kwangqineka njani kuluvavanyo kubalandeli bakaYesu abangamaYuda?
4 Xa abapostile nabanye abazalwana ababeseYerusalem beva ngokuguquka kukaKorneli nabanye beeNtlanga, baba nomdla wokuva ingxelo kaPetros. Emva kokubachazela ngoko kwakwenzeke kuKorneli nakwabanye beeNtlanga ababengamakholwa, lo mpostile waqukumbela ngala mazwi: “Ukuba, ke ngoko, uThixo ubanike bona [njengabeeNtlanga abangamakholwa] isipho sesisa esifanayo [somoya oyingcwele] njengoko wayenjenjalo nangathi [maYuda] bakholiweyo kwiNkosi uYesu Kristu, bendingubani na mna ukuba ndibe ndifanele ndikwazi ukuthintela uThixo?” (IZenzo 11:1-17) Oku kwangqineka kuluvavanyo kubalandeli bakaYesu Kristu abangamaYuda. Ngaba babeza kwenza ukuthanda kukaThixo baze babamkele abeeNtlanga njengamakholwa akunye nabo? Okanye ngaba umanyano lwabakhonzi bakaYehova abasemhlabeni lwaluza kuba sengozini?
5. Abapostile nabanye abazalwana basabela njani kwisibakala sokuba uThixo wayebanike inguquko abeeNtlanga, yaye sinokufunda ntoni kweso simo sengqondo?
5 Ingxelo ithi: “Ke kaloku xa [abapostile nabanye abazalwana] beva ezi zinto, bayekelela, yaye bamzukisa uThixo, besithi: ‘Ke, ngoko, uThixo ubanike inguquko ngenjongo yobomi kwanabantu beentlanga.’” (IZenzo 11:18) Eso simo sengqondo salulondoloza yaye salukhuthaza umanyano lwabalandeli bakaYesu. Kungekudala, umsebenzi wokushumayela waqhubeka phakathi kwabeeNtlanga, okanye abantu beentlanga, yaye uYehova wayeyisikelela imisebenzi enjalo. Nathi sifanele sibe nentsebenziswano xa sicelwa ukuba senjenjalo mhlawumbi xa kuyilwa ibandla elitsha okanye xa kwenziwe uhlengahlengiso lobuthixo oluthile ngaphantsi kokhokelo lomoya oyingcwele kaThixo. Intsebenziswano yethu esuk’ entliziyweni iya kumkholisa uYehova yaye iya kusinceda silondoloze umanyano lwethu kule mihla yokugqibela.
Namathela Kwinyaniso
6. Inyaniso iluchaphazela njani umanyano lwabanquli bakaYehova?
6 Njengamalungu entsapho yabanquli bakaYehova, sihlala simanyene ngenxa yokuba sonke ‘sifundiswa nguYehova’ yaye sibambelela kwinyaniso yakhe ayityhilileyo. (Yohane 6:45; INdumiso 43:3) Ekubeni iimfundiso zethu zisekelwe kwiLizwi likaThixo, sonke sithetha into enye. Sikwamkela ngovuyo ukutya kokomoya esikufumana kuYehova ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45-47) Loo mfundo ifanayo iyasinceda silondoloze umanyano lwethu ehlabathini lonke.
7. Ukuba umntu ngamnye kuthi ukufumanisa kunzima ukuqonda ingongoma ethile, yintoni afanele ayenze, ibe yintoni angafanele ayenze?
7 Kuthekani ukuba bambi kuthi bakufumanisa kunzima ukuqonda okanye ukwamkela ingongoma ethile? Sifanele sithandazele ubulumko size siphande eZibhalweni nakwiimpapasho zamaKristu. (IMizekeliso 2:4, 5; Yakobi 1:5-8) Kusenokusinceda ukuthetha nomnye wabadala. Ukuba le ngongoma ayikaqondakali, kusenokuba kokona kulungileyo ukuwuxhoma loo mbandela. Mhlawumbi kuya kupapashwa inkcazelo engakumbi ngaloo mbandela, yaye ulwazi lwethu luya kuphangalala ngelo xesha. Noko ke, bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukuzama ukweyisela abanye ebandleni ukuba bamkele imbono yethu eyahlukileyo. Oku ibiya kuba kukuhlwayela iyantlukwano, kungekhona ukulondoloza umanyano. Hayi indlela ekubhetele ngayo ukuba ‘siqhubeke sihamba enyanisweni’ yaye sikhuthaze nabanye ukuba benjenjalo!—3 Yohane 4.
8. Sisiphi isimo sengqondo esifanelekileyo ngenyaniso?
8 Ngenkulungwane yokuqala, uPawulos wathi: “Okwangoku sibona uyilo olumfiliba ngesipili sesinyithi, kodwa ngoko siya kubona ubuso ngobuso. Okwangoku ndazi ngokuyinxenye, kodwa ngoko ndiya kwazi ngokuchanileyo kwananjengoko nam ndisaziwa ngokuchanileyo.” (1 Korinte 13:12) Nangona amaKristu okuqala ayengaziqondi zonke izinto, ahlala emanyene. Ngoku sinolwazi olucace ngakumbi ngenjongo kaYehova nangeLizwi lakhe eliyinyaniso. Ngoko ke masibe nombulelo ngenyaniso esiyifumeneyo ‘ngekhoboka elithembekileyo.’ Yaye masibe nombulelo ngokuba uYehova esikhokela ngentlangano yakhe. Nakuba ulwazi lwethu belungaphangalelanga kangako ngaphambili, besingalambi okanye sisifa lunxano lokomoya. Kunoko, uMalusi wethu, uYehova, uye wasigcina simanyene yaye uye wasinyamekela kakuhle.—INdumiso 23:1-3.
Lusebenzise Ngokufanelekileyo Ulwimi!
9. Ulwimi lunokusetyenziswa njani ukuhlakulela umanyano?
9 Ukusebenzisa ulwimi ukukhuthaza abanye yindlela ebalulekileyo yokuhlakulela umanyano nomoya wobuzalwana. Ileta eyacombulula ingxaki yolwaluko, eyathunyelwa liqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala, yayikhuthaza ngokwenene. Emva kokuyifunda, abafundi beeNtlanga bakwa-Antiyokwe “baba nemihlali ngenxa yokhuthazo olo.” UYudas noSilas, ababethunywe loo leta besuka eYerusalem, “babakhuthaza abazalwana ngokuthetha okuninzi baza babomeleza.” Ngokungathandabuzekiyo, nokubakho kukaPawulos noBharnabhas kwawakhuthaza yaye kwawomeleza amakholwa akwa-Antiyokwe. (IZenzo 15:1-3, 23-32) Sinokwenza into efanayo xa sihlanganisene kwiintlanganiso zamaKristu size “sikhuthazane” ngokubakho nangeentetho ezakhayo.—Hebhere 10:24, 25.
10. Ukuze silondoloze umanyano, yintoni ekusenokufuneka yenziwe ukuba uthile utshabhise omnye?
10 Noko ke, ukulusebenzisa kakubi ulwimi kunokulusongela umanyano lwethu. Umfundi uYakobi wabhala: “Ulwimi lulilungu elincinane ukanti luzigwagwisa kakhulu. Khangelani! Hayi indlela omncinane ngayo umlilo ofunekayo ukutshisa ihlathi elikhulu gqitha!” (Yakobi 3:5) UYehova ubathiyile abo babangela ingxabano. (IMizekeliso 6:16-19) Incoko enjalo inokuluphelisa umanyano. Ngoko, kuthekani ukuba omnye utshabhise omnye, oko kukuthi, uthethe kakubi ngomnye okanye wamthuka? Abadala baya kuzama ukumnceda owenze okubi. Noko ke, ukuba loo mntu akaguquki ufanele asuswe kubudlelane ukuze kulondolozwe uxolo, ulungelelwano nomanyano lwebandla. Ngapha koko, uPawulos wabhala: ‘Niyeke ukuxubana kunye naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumtshabhisi, ningadli nokudla nomntu onjalo.’—1 Korinte 5:11.
11. Kutheni kubalulekile ukuthobeka ukuba siye sathetha into ebangela imbambano phakathi kwethu nelinye ikholwa?
11 Ukululawula ulwimi kuyasinceda sihlale simanyene. (Yakobi 3:10-18) Kodwa masithi sithethe okuthile okusenze asavisisana nomnye umKristu. Ngaba bekungayi kuba kuhle ukuthabatha inyathelo lokuqala ukuxolelana nomzalwana wethu, sicele uxolo ukuba kufuneka njalo? (Mateyu 5:23, 24) Liyinyaniso elokuba, kufuna ukuthobeka, okanye ukuthobeka kwengqondo, kodwa uPetros wabhala: “Bhinqani ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.” (1 Petros 5:5) Ukuthobeka kuya kusishukumisela ekubeni ‘sisukele uxolo’ nabazalwana bethu, sizivume iimpazamo zethu size sicele uxolo xa kufuneka njalo. Oku kuyasinceda silondoloze uxolo lwentsapho kaYehova.—1 Petros 3:10, 11.
12. Sinokulusebenzisa njani ulwimi ukuhlakulela nokulondoloza umanyano lwabantu bakaYehova?
12 Sinokuwuhlakulela umoya wentsapho ophakathi kwabo bakwintlangano kaYehova ukuba silusebenzisa ngokufanelekileyo ulwimi lwethu. Ekubeni uPawulos wenza kanye oko, wabakhumbuza oku abaseTesalonika: “Niyazi kakuhle indlela, njengokuba ubawo esenza ngabantwana bakhe, esahlala ngayo sibongoza ngamnye wenu, yaye sithuthuzela ibe sinikela ubungqina kuni, ukuze niqhubeke nihamba ngokumfaneleyo uThixo.” (1 Tesalonika 2:11, 12) Ekubeni wayemisele umzekelo omhle kule nkalo, uPawulos wayenokuwabongoza amanye amaKristu ukuba ‘athethe ngokuthuthuzelayo kwimiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Cinga ngesiqhamo esihle esinokusivuna ngokusebenzisa ulwimi ukuthuthuzela, ukukhuthaza nokwakha abanye. Ewe, “ilizwi elithethwe ngexa elililo, azi lihle!” (IMizekeliso 15:23) Ngaphezu koko, intetho enjalo iluncedo ekuhlakuleleni nasekulondolozeni umanyano lwabantu bakaYehova.
Xolela!
13. Kutheni sifanele sixolele?
13 Ukuxolela umntu okonileyo ocele uxolo kubalulekile ukuba siza kulondoloza umanyano lwamaKristu. Kodwa sifanele sixolele futhi kangakanani? UYesu wamxelela oku uPetros: “Kungekhona, Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe, kodwa, Ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.” (Mateyu 18:22) Ukuba asixoleli, sizithwalisa ubunzima. Njani? Ingqumbo nokuba nenqala kuya kusenza singabi nalo uxolo lwengqondo. Yaye ukuba saziwa njengabantu abakhohlakeleyo nabangaxoleliyo, sinokwenza abanye bazinxweme kuthi. (IMizekeliso 11:17) Ukuba nenqala akumkholisi uThixo yaye kunokukhokelela kwisono esinzulu. (Levitikus 19:18) Khumbula ukuba uYohane umBhaptizi wanqunyulw’ intloko ngenxa yeyelenqe likaHerodiya ongendawo, ‘owayenenqala’ ngakuye.—Marko 6:19-28.
14. (a) UMateyu 6:14, 15 usifundisa ntoni ngokuxolela? (b) Ngaba ngalo lonke ixesha simele silindele ukuba uthile acele uxolo ngaphambi kokuba simxolele?
14 Umthandazo kaYesu ongumzekelo unala mazwi: “Sixolele izono zethu, kuba nathi ngokwethu siyamxolela wonk’ ubani onetyala kuthi.” (Luka 11:4) Ukuba asixoleli, sisengozini yokuba ngenye imini uYehova uThixo uya kuyeka ukuzixolela izono zethu, kuba uYesu wathi: “Ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo wasemazulwini uya kunixolela; kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.” (Mateyu 6:14, 15) Ngoko ukuba sikufuna ngokwenene ukuphumeza indima yethu ekulondolozeni umanyano lwentsapho yabanquli bakaYehova, siya kuxolela, mhlawumbi sisuke sisilibale isigqitho esisenokuba senziwe ngenxa yokungacingi kungengenxa yeenjongo ezimbi. UPawulos wathi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unonobangela wokukhalazela omnye. Kwananjengoko noYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kolose 3:13) Xa sixolela, sisebenzela ukulondoloza umanyano oluxabisekileyo lwentlangano kaYehova.
Umanyano Nezigqibo Zobuqu
15. Yintoni eyenza abantu bakaYehova balondoloze umanyano xa besenza izigqibo zobuqu?
15 UThixo wasenza sakwazi ukuzikhethela, wasinika nelungelo nembopheleleko yokuzenzela izigqibo zobuqu. (Duteronomi 30:19, 20; Galati 6:5) Ukanti, sinako ukululondoloza umanyano lwethu kuba silandela imithetho nemigaqo yeBhayibhile. Siye siyikhumbule xa sisenza izigqibo zobuqu. (IZenzo 5:29; 1 Yohane 5:3) Masithi kuphakama umbuzo ngombandela wobundilele. Sinokwenza isigqibo sobuqu esihle ngokukhumbula ukuba ‘asiyonxalenye yehlabathi’ kwanokuba siye ‘sawakhanda amakrele ethu aba ngamakhuba.’ (Yohane 17:16; Isaya 2:2-4) Ngokufanayo, xa simele senze isigqibo sobuqu ngokuphathelele ulwalamano lwethu noRhulumente, siye sicinge ngoko iBhayibhile ikutshoyo ngokubuyisela “izinto zikaThixo kuThixo,” ngoxa sizithoba ‘kumagunya awongamileyo’ kwimibandela yehlabathi. (Luka 20:25; Roma 13:1-7; Tito 3:1, 2) Ewe, ngokuyikhumbula imithetho nemigaqo yeBhayibhile xa sisenza izigqibo zobuqu, silondoloza umanyano lwethu njengamaKristu.
16. Sinokululondoloza njani uxolo xa sisenza izigqibo zobuqu ezingenanto yakwenza neZibhalo? Zekelisa.
16 Sinokunceda ekulondolozeni umanyano lwamaKristu xa sisenza isigqibo sobuqu esingenanto yakwenza neZibhalo. Njani? Ngokubonakalisa inkxalabo yothando ngabanye abasenokuchaphazeleka sisigqibo esisenzayo. Ngokomzekelo: Mandulo kwibandla laseKorinte, kwaphakama umbuzo ngokuphathelele inyama ebingelelwe kwizithixo. Kakade ke, umKristu wayengafanele abe nenxaxheba kumsitho wonqulo-zithixo. Noko ke, kwakungesosono ukutya inyama eyophiswe kakuhle eshiyeke kwisihlandlo esinjalo nethengiswa emarikeni. (IZenzo 15:28, 29; 1 Korinte 10:25) Sekunjalo, amanye amaKristu ayengakuthandi ukutyiwa kwale nyama. Ngoko ke uPawulos wabongoza amanye amaKristu ukuba akuphephe ukuwakhubekisa. Eneneni, wabhala oku: “Ukuba ukutya kumenza akhubeke umzalwana wam, andisayi kuze ndiyidle kwakhona inyama konke konke, ukuze ndingamenzi akhubeke umzalwana wam.” (1 Korinte 8:13) Ngoko nokuba akukho mthetho okanye mgaqo weBhayibhile ubandakanyekileyo, hayi indlela okulubonisa ngayo uthando ukucinga ngabanye xa sisenza isigqibo sobuqu esinokuchaphazela umanyano lwentsapho kaThixo!
17. Yintoni ekucebiseka ukuba siyenze xa simele senze izigqibo zobuqu?
17 Ukuba asiqinisekanga ngekhondo esifanele silithabathe, bubulumko ukwenza isigqibo esiya kusishiya sinesazela esicocekileyo, yaye abanye bafanele basihlonele isigqibo esisenzileyo. (Roma 14:10-12) Kakade ke, xa simele senze isigqibo sobuqu, sifanele sifune ukhokelo lukaYehova ngomthandazo. Njengomdumisi, sinentembelo sinokuthandaza sithi: “Ndithobele indlebe yakho, . . . Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe; ngenxa yegama lakho uya kundikhapha undithundeze.”—INdumiso 31:2, 3.
Hlala Ululondoloza Umanyano LwamaKristu
18. UPawulos waluzekelisa njani umanyano lwebandla lamaKristu?
18 Kweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 12, uPawulos wazekelisa ngomzimba womntu ukubonisa umanyano lwebandla lamaKristu. Wabethelela ukuba ilungu ngalinye lixhomekeke kwelinye kwanokuba onke abalulekile. UPawulos wabuza: “Ukuba onke ebelilungu elinye, ubuya kubaphi na umzimba? Kodwa ngoku kukho amalungu amaninzi, kanti mnye umzimba. Iliso alinakuthi kwisandla: ‘Andikufuni nganto’; okanye, kwakhona, intloko ayinakuthi kwiinyawo: ‘Andinifuni nganto.’” (1 Korinte 12:19-21) Ngokufanayo, njengamalungu entsapho yabanquli bakaYehova asenzi msebenzi mnye. Sekunjalo, simanyene, yaye omnye uxhomekeke komnye.
19. Sinokungenelwa njani kumalungiselelo kaThixo okomoya, yaye omnye umzalwana okhulileyo wathini ngokuphathelele oku?
19 Njengoko umzimba ufuna ukondliwa, ukunyanyekelwa nokwalathiswa, kufuneka sifumane amalungiselelo okomoya uThixo asinika ngeLizwi, umoya nentlangano yakhe. Ukuze singenelwe kula malungiselelo, simele sibe yinxalenye yentsapho kaYehova yasemhlabeni. Emva kweminyaka emininzi esenkonzweni kaThixo, omnye umzalwana wabhala: “Ndinombulelo gqitha ngokuba ndiye ndaphila ndinolwazi ngeenjongo zikaYehova ukususela kwiintsuku zangaphambi kowe-1914 xa inyaniso yayisemfiliba . . . ukuza kuthi ga namhla xa inyaniso ikhanya njengelanga emini emaqanda. Phakathi kwezinto ebezibalulekile kum, ibingumbandela wokuba secaleni kwentlangano kaYehova ebonakalayo. Amava am amandulo andifundisa indlela ekungebobulumko ngayo ukukholosa ngolwazi lomntu. Emva kokufumana eso sifundo, ndazimisela ukuhlala ngakwintlangano ethembekileyo. Ngaba ikho enye indlela umntu anokuyifumana ngayo inkoliseko nentsikelelo kaYehova?”
20. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza ngokuphathelele umanyano lwethu njengabantu bakaYehova?
20 UYehova uye wabakhupha abantu bakhe kwihlabathi elisebumnyameni nelingamanyenanga. (1 Petros 2:9) Uye wasisikelela ngokusimanyanisa kunye naye nabanye esikholwa kunye nabo. Olu manyano luya kuhlala lukho kwinkqubo yezinto entsha ngoku esemnyango. Ngoko ke, kule mihla yokugqibela yamanqam, masiqhubeke ‘sisambatha uthando’ size senze konke esinako ukuhlakulela nokulondoloza umanyano lwethu oluxabisekileyo.—Kolose 3:14.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Ukwenza ukuthanda kukaThixo nokunamathela kwinyaniso kunokusinceda njani silondoloze umanyano?
◻ Umanyano luhlobene njani nokusetyenziswa kakuhle kolwimi?
◻ Yintoni ebandakanyekileyo ekuxoleleni?
◻ Sinokululondoloza njani umanyano xa sisenza izigqibo zobuqu?
◻ Kutheni sifanele silulondoloze umanyano lwamaKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Kanye njengoko lo malusi ewugcine umanyene umhlambi wakhe, ngoko noYehova ubagcina bemanyene abantu bakhe
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ngokuthobeka size sicele uxolo xa sone othile, sihlakulela umanyano