Abalwa NoThixo Abayi Kuphumelela!
“Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa.”—YEREMIYA 1:19.
1. Luluphi uthumo olwafunyanwa nguYeremiya, yaye umsebenzi wakhe waqhubeka ixesha elide kangakanani?
UYEHOVA wathuma uYeremiya oselula ukuba abe ngumprofeti wakhe kwiintlanga. (Yeremiya 1:5) Oku kwenzeka ebudeni bolawulo loKumkani uYosiya wakwaYuda owayelawula kakuhle. Ubulungiseleli bokuprofeta bukaYeremiya batyhubela ixesha lamahla-ndinyuka elalingaphambi kokuba iBhabhiloni yoyise iYerusalem ukuze kuthinjwe abantu bakaThixo.—Yeremiya 1:1-3.
2. UYehova wamomeleza njani uYeremiya, yaye kwakuthetha ntoni ukulwa naloo mprofeti?
2 Ngokuqinisekileyo izigidimi zomgwebo uYeremiya awayeza kuzivakalisa zaziza kumqhwayela inkcaso. Ngoko, uThixo wamqinisa ukuze amelane noko kwakuza kwenzeka. (Yeremiya 1:8-10) Ngokomzekelo, umoya walo mprofeti waqiniswa ngala mazwi: “Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.” (Yeremiya 1:19) Ukulwa noYeremiya kwakuya kuthetha ukulwa noThixo. Namhlanje, uYehova uneqela labakhonzi bakhe elifana nabaprofeti nelenza umsebenzi ofana nokaYeremiya. Njengaye, lilivakalisa ngenkalipho ilizwi likaThixo lesiprofeto. Kwaye esi sigidimi siba nemiphumo emihle okanye emibi kubo bonke abantu kunye neentlanga, kuxhomekeka kwindlela abasabela ngayo kuso. Njengakumhla kaYeremiya, kukho abo balwa noThixo ngokuchasa abakhonzi bakhe nemisebenzi yabo abayabelwe nguThixo.
Abakhonzi BakaYehova Bayahlaselwa
3. Kutheni abakhonzi bakaYehova beye bahlaselwa?
3 Abantu bakaYehova bebehlaselwa ukususela ebutsheni benkulungwane yama-20. Kumazwe amaninzi, abantu abebeneenjongo ezingendawo baye bazama ukuwuthintela—ewe, ukuwuvala—umsebenzi wokuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Bebentyontyelwa luTshaba lwethu oluyintloko, uMtyholi, ‘ohambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.’ (1 Petros 5:8) Ekupheleni ‘kwamaxesha amisiweyo eentlanga’ ngowe-1914, uThixo wamisela uNyana wakhe njengoKumkani omtsha emhlabeni, emnika umyalelo othi: “Hamba usoyisa phakathi kweentshaba zakho.” (Luka 21:24; INdumiso 110:2) Esebenzisa igunya lakhe, uKristu wakhupha uSathana ezulwini waza wamphelelisela kummandla womhlaba. Esazi ukuba ixesha lakhe lifutshane, uMtyholi ukhuphela umsindo wakhe kumaKristu athanjisiweyo nakoogxa bawo. (ISityhilelo 12:9, 17) Uye wayintoni umphumo weentlaselo eziphindaphindiweyo zabo balwa noThixo?
4. Ziziphi iimvavanyo abaye abantu bakaYehova bajamelana nazo ebudeni bexesha leMfazwe Yehlabathi I, kodwa yintoni eyenzekayo ngowe-1919 nangowe-1922?
4 Abakhonzi abathanjisiweyo bakaYehova bajamelana neemvavanyo zokholo ezininzi ebudeni beMfazwe Yehlabathi I. Bagculelwa baza banyeliswa, besukelwa ngamahlokondiba yaye bebethwa nokubethwa. Njengoko uYesu wayexele kwangaphambili, ‘bathiywa ziintlanga zonke.’ (Mateyu 24:9) Phakathi neso sidubedube semfazwe, iintshaba zoBukumkani bukaThixo zasebenzisa iqhinga elalisetyenziswe nxamnye noYesu Kristu. Zixoka, zatyhola abantu bakaYehova zisithi bavukela urhulumente, ibe zayosela intlangano kaThixo ebonakalayo. NgoMeyi 1918, kwakhutshwa amaxwebhu okuqinisekisa ngokubanjwa komongameli weWatch Tower Society uJ. F. Rutherford, kunye nezinxulumani zakhe ezisenyongweni ezisixhenxe. La madoda asibhozo afumana izigwebo eziqatha zokuvalelwa entolongweni aza athunyelwa kwintolongo karhulumente eseAtlanta, eGeorgia, eUnited States. Kwiinyanga ezisithoba kamva akhululwa. NgoMeyi 1919 inkundla yezibheno yesiphaluka yagqiba kwelokuba ityala labamangalelwa lalibe calanye, yaye isigwebo sarhoxiswa. Elo tyala laphinda laqalwa kutsha, kodwa kamva urhulumente wazirhoxisa izityholo, waza uMzalwan’ uRutherford nezinxulumani zakhe bahlanjwa ngokupheleleyo kwizityholo ababezibekiwe. Baqalisa apho babeyeke khona kumsebenzi wabo, ibe indibano eyaqhutywa eCedar Point, eOhio, ngowe-1919 nangowe-1922 yaphinda yawuhlaziya umfutho womsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.
5. Aqhuba njani amaNgqina kaYehova kwiJamani yamaNazi?
5 Ngeminyaka yee-1930 kwaqalisa ukuvela koozwilakhe, ibe iJamani, i-Itali kunye neJapan zamanyana zaza zayila amagunya eAxis. Ngasebutsheni belo shumi leminyaka, kwakuye kwaqhambuka inkcaso ekrakra nxamnye nabantu bakaThixo, ngokukodwa kwiJamani yamaNazi. Bavalwa umlomo. Amakhaya agqogqwa, ibe abo babehlala kuwo babanjwa. Amawaka athunyelwa kwiinkampu zoxinaniso kuba engavumi ukulahla ukholo lwawo. Umlo onxamnye noThixo nabantu bakhe wawujoliswe ekuwatshayeleni athi tu amaNgqina kaYehova kwimimandla elawulwa ngoozwilakhe.a Xa amaNgqina ayesiya ezinkundleni eJamani eyokulwela amalungelo awo, iSebe Lezobulungisa likaRhulumente lalisitsho ngomlembelele wamagqabaza awayeqinisekisa ukuba akaphumeleli. Lalisithi: “Inkundla ayimele isilele ngenxa yemithetho nje ecacileyo; kodwa imele ikhangele yaye ifune iindlela nokuba sekunzima, zokuzalisekisa iimbopheleleko zayo eziphakamileyo.” Oku kwakuthetha ukuba okusesikweni kwakungayi kubakho. AmaNazi ema ngelithi umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawukhatshwa lulunya, okanye intiyo, yaye ‘uphazamisana nokuphuhliswa kweNtlalo Yesizwe.’
6. Yiyiphi imigudu eyenziwayo yokuthintela umsebenzi wethu ebudeni beMfazwe Yehlabathi II nasemva kwayo?
6 Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, abantu bakaThixo bavalw’ umlomo baza babekelwa imiqathango eOstreliya, eKhanada nakwamanye amazwe awayenxulumene neBritish Commonwealth—eAfrika, eAsia nakwiziqithi zeCaribbean nezePasifiki. EUnited States, iintshaba ezinempembelelo kunye nabantu ababengenalwazi kangako ‘bayila inkathazo ngommiselo.’ (INdumiso 94:20) Kodwa iimbambano zokukhahlela indwe nemithetho yasekuhlaleni eyayisalela ukushumayela kwindlu ngendlu zaliwa ezinkundleni, kwaye izigqibo ezixhasayo kwelaseUnited States zakha isiseko sokuxhaswa kwenkululeko yonqulo. Ngoncedo lukaYehova, imigudu eyayisenziwa ziintshaba ayizange iphumelele. Xa imfazwe yaphelayo eYurophu, imiqathango yasuswa. Amawaka amaNgqina awayevalelwe kwiinkampu zoxinaniso akhululwa, kodwa ke idabi lalingekapheli. Kamsinya nje emva kweMfazwe Yehlabathi II, kwaqhambuka iMfazwe Yomlomo. Amazwe akwiMpuma Yurophu ezisa ingcinezelo eyongezelelekileyo kubantu bakaYehova. Kwathatyathwa amanyathelo asemthethweni okuphazamisa nokuthintela umsebenzi wethu wokushumayela, okuthintela ukuhanjiswa koncwadi lwethu lweBhayibhile, nokuphelisa iindibano zethu zasekuhleni. Abaninzi babevalelwa entolongweni okanye bathunyelwe kwiinkampu ekusetyenzwa nzima kuzo.
Phambili Nomsebenzi Wokushumayela!
7. Yintoni aye amaNgqina kaYehova asePoland, eRashiya nakwamanye amazwe ajamelana nayo kwiminyaka yakutshanje?
7 Njengoko kwakudlula amashumi eminyaka, umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani wavuleka. IPoland, nangona yayisephantsi kolawulo lwamaKomanisi, yavuma ukuba kuqhutywe indibano yosuku olunye ngowe-1982. Kwaqhutywa iindibano zezizwe ngezizwe kwalapho ngowe-1985. Kwalandela iindibano ezinkulu zezizwe ngezizwe ngowe-1989, ekwakukho kuzo amawaka awayesuka eRashiya naseUkraine. Ngaloo nyaka iHungary nePoland zawavuma ngokusemthethweni amaNgqina kaYehova. Ngokwindla lowe-1989, uDonga LwaseBerlin lwawa bhuma. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, savunywa ngokusemthethweni kwiMpuma Jamani, yaye kamsinya emva koko kwaqhutywa indibano yezizwe ngezizwe eBerlin. Yaye ngasebutsheni beshumi lokugqibela leminyaka lenkulungwane yama-20, kwenziwa imizamo yokunxibelelana nabazalwana eRashiya. Kwathethwa namanye amagosa aseMoscow, ibe ngowe-1991, amaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni. Ukususela ngoko umsebenzi uye wanda ngendlela ephawulekayo eRashiya nakwiiriphabliki ezazisakuba yinxalenye yeSoviet Union.
8. Kwenzeke ntoni kubantu bakaYehova kwiminyaka engama-45 emva kweMfazwe Yehlabathi II?
8 Ngoxa intshutshiso iye yadamba kwezinye iindawo, kwezinye iye yaqatsela. Kwiminyaka engama-45 emva kokuphela kwemfazwe yehlabathi yesibini, amazwe amaninzi aye akavuma ukuwagqala ngokusemthethweni amaNgqina kaYehova. Ukongezelela koko, siye savalwa umlomo okanye kwavalwa umsebenzi wethu kumazwe angama-23 eAfrika, asi-9 eAsia, asi-8 eYurophu, ama-3 kuMntla nakuMbindi Merika, nakwama-4 kumazwe athile aseziqithini.
9. Yintoni eye yenzeka kubakhonzi bakaYehova baseMalawi?
9 AmaNgqina kaYehova aseMalawi ajamelana nentshutshiso ekrakra ekuqaleni kowe-1967. Abo sikholwa kunye nabo abakwelo lizwe babengawathengi amaqweqwe emibutho yezobupolitika ngenxa yobundilele babo njengamaKristu okwenyaniso. (Yohane 17:16) Emva kwentlanganiso yeMalawi Congress Party ngowe-1972, yaqala phantsi inkohlakalo. Abazalwana bakhutshwa emakhayeni abo baza bagxothwa emisebenzini. Amawaka abo asaba kwelo lizwe ukuze angabulawa. Kodwa ngaba abo babesilwa noThixo nabantu bakhe baphumelela? Nakanye! Emva kokuguquka kweemeko, ngowe-1999 incopho yabavakalisi boBukumkani abangama-43 767 yanikela ingxelo eMalawi, ibe bangaphezu kwe-120 000 abebekho kwiindibano zesithili zelo. Kuye kwakhiwa iofisi yesebe entsha kwisixeko esilikomkhulu.
Bakhangela Into Abanokusityabeka Ngayo
10. Njengakwimeko kaDaniyeli, yintoni abaye abachasi bakaThixo bale mihla bayenza?
10 Abawexuki, abefundisi kunye nabanye abakwazi kumelana nesigidimi sethu esisuka kwiLizwi likaThixo. Bephantsi kwengcinezelo evela kwicandelo lonqulo leNgqobhoko, abachasi bakhangela oko kufane kubizwe ngokuthi yindlela esemthethweni yokuxhasa umlo wabo onxamnye nathi. Ngawaphi amaqhinga adla ngokusetyenziswa? Kanene, benza ntoni abo babepheke iyelenqe lokuhlasela umprofeti uDaniyeli? KuDaniyeli 6:4, 5, sifunda oku: “Ngoko ke amagosa aphakamileyo namabamba azama ukufumana isizathu sokumbek’ ibala uDaniyeli ngokuphathelele ubukumkani; kodwa awafumananga nakunye ukunganyaniseki nokungakhathali kuye, kuba wayethembekile. Aza loo madoda omeleleyo athi: ‘Asiyi kuze sifumane nto sinokumbek’ ibala ngayo konke konke lo Daniyeli, ngaphandle kokuba simmangalele ngomthetho kaThixo wakhe.’” Nanamhlanje abachasi bakhangela into abanokusityabeka ngayo. Bankqangaza “ngamahlelo ayingozi” baze bazame ukutyabeka amaNgqina kaYehova ngelo gama. Ngokunikela inkcazelo engachananga, ngezikweko nangobuxoki, bahlasela unqulo lwethu nokunamathela kwethu kwimigaqo yobuthixo.
11. Ziziphi izityholo zobuxoki eziye zenziwa ngabo bachasa amaNgqina kaYehova?
11 Kwamanye amazwe, oothunywashe bonqulo nabezobupolitika abavumi kuyamkela into yokuba siqhelisela “unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo.” (Yakobi 1:27) Nangona umsebenzi wethu njengamaKristu usenziwa kumazwe angama-234, abachasi bemi ngelithi ‘asilonqulo lwaziwayo.’ Ngaphambi nje kokuba kuqhutywe indibano yezizwe ngezizwe ngowe-1998, iphephandaba laseAthens lacaphula umfundisi wecawa yobuOthodoki yaseGrisi esithi “[amaNgqina kaYehova] ‘akalonqulo lwaziwayo,’” nangona iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yayithethe okuchaseneyo noko. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, elinye iphephandaba kwakweso sixeko sinye lacaphula isithethi secawa ethile sisithi “[amaNgqina kaYehova] akanakuba ‘alibandla lamaKristu,’ kuba akanalo ukholo amaKristu aba nalo kuYesu Kristu.” Iyamangalisa ke noko leyo, kuba alukho unqulo olugxininisa ekuxeliseni uYesu njengamaNgqina kaYehova!
12. Yintoni esimele siyenze xa sisilwa idabi lokomoya?
12 Sifuna ukuzithethelela size sizimisele ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo. (Filipi 1:7) Ngaphezu koko, asiyi kulalanisa okanye sithibaze ukunamathela kwethu ngokuqinileyo kwimilinganiselo kaThixo yobulungisa. (Tito 2:10, 12) NjengoYeremiya, ‘sibhinqa amanqe ethu yaye sithetha yonk’ into asiyalele yona uYehova,’ asivumeli abo balwa noThixo ukuba basinkwantyise. (Yeremiya 1:17, 18) ILizwi Elingcwele likaYehova liwubeke wacaca umendo esifanele sihambe kuwo. Asifuni nakancinane ukwayama ‘ngengalo yenyama’ ebuthathaka okanye ‘ukusabela emthunzini weYiputa,’ ngamany’ amazwi, eli hlabathi. (2 Kronike 32:8; Isaya 30:3; 31:1-3) Njengoko sisilwa imfazwe yokomoya, simele siqhubeke sikholosa ngoYehova ngentliziyo yethu yonke, simvumele ukuba akhokele amanyathelo ethu yaye singayami ngokwethu ukuqonda. (IMizekeliso 3:5-7) Wonke umsebenzi wethu ubunokuba “lilize” ukuba uYehova ebengawuxhasi yaye engasikhokeli.—INdumiso 127:1.
Watshutshiswa Kodwa Akalalanisa
13. Kutheni kunokutshiwo ukuba ukuhlaselwa ngolunya kukaYesu kwasilela?
13 Owona mzekelo ubalaseleyo womntu ongazange alalanise kuzinikelo lwakhe kuYehova ngokaYesu, owatyholwa ngobuxoki kusithiwa uvukela urhulumente yaye uqhwaya udushe. Emva kokuvavanya ityala likaYesu, uPilato wayefuna ukumkhulula. Kodwa isihlwele, esasintyontyelwa ziinkokeli zonqulo, sankqangaza sisithi uYesu makabethelelwe esibondeni, nangona wayemsulwa. Endaweni yakhe, bathi makukhululwe uBharabhas—indoda eyayibanjelwe ukuvukela urhulumente nokubulala! UPilato waphinda wazama ukubacenga aba bachasi bangaqiqiyo, kodwa ekugqibeleni woyiswa kukunkqangaza kwabantu. (Luka 23:2, 5, 14, 18-25) Nangona uYesu wafayo esibondeni, oko kuhlaselwa ngenkohlakalo nangolunya koNyana kaThixo ongenatyala kwakatya ngokupheleleyo, kuba uYehova wamvusa uYesu waza wamphakamisela kwisandla Sakhe sokunene. Yaye ngoYesu ozukisiweyo, kwathululwa umoya oyingcwele ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., kumiselwa ibandla lamaKristu—“isidalwa esitsha.”—2 Korinte 5:17; IZenzo 2:1-4.
14. Kwenzeka ntoni xa uthunywashe wonqulo wamaYuda walwa nabalandeli bakaYesu?
14 Kamsinya emva koko uthunywashe wonqulo wasongela abapostile, kodwa abo balandeli bakaKristu abazange bayeke ukuthetha ngezinto ababezibonile nababezivile. Abafundi bakaYesu bathandaza besithi: “Yehova, khawunikele ingqalelo kwizisongelo zabo, uze uwanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho yonke.” (IZenzo 4:29) UYehova wasiphendula isicelo sabo ngokubazalisa ngomoya oyingcwele nangokubomeleza ukuba baqhubeke beshumayela ngaphandle koloyiko. Kungekudala abapostile baphinda bayalelwa ukuba bayeke ukushumayela, kodwa uPetros nabanye abapostile baphendula besithi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.” (IZenzo 5:29) Izisongelo, ukubanjwa kwanokutywatyushwa akuzange kubathintele ekwandiseni umsebenzi wabo woBukumkani.
15. Wayengubani uGamaliyeli, yaye liliphi icebiso awalinikelayo kubanquli ababechasa abalandeli bakaYesu?
15 Zasabela njani iinkokeli zonqulo? “Baziva bexheleke ngokunzulu yaye babefuna ukubabulala [abapostile].” Noko ke, umfundisi woMthetho ogama linguGamaliyeli, umFarisi, wayekho ibe wayehlonelwa ngabantu bonke. Ekhuphela abapostile ngaphandle kweholo yeSanhedrin okwexeshana, wacebisa abo bachasi bonqulo esithi: “Madoda akwaSirayeli, kulumkeleni oko nizimisele ukukwenza ngaba bantu. . . . Ndithi kuni, Musani ukugxuphuleka kwaba bantu, kodwa bayekeni; (ngenxa yokuba, ukuba eli cebo okanye lo msebenzi ngowabantu, uya kubhukuqwa; kodwa ukuba ngokaThixo, aniyi kukwazi ukubabhukuqa;) kungenjalo, nisenokufunyanwa okunene ningabo balwa nxamnye noThixo.”—IZenzo 5:33-39.
Asikho Isixhobo Esiya Kulwa Nathi Siphumelele
16. Ngamazwi akho, ubunokusichaza njani isiqinisekiso esinikelwa nguYehova kubantu bakhe?
16 Icebiso likaGamaliyeli lalinengqondo, kwaye siyayixabisa into yokuba abanye basithethelele. Siyayivuma kananjalo into yokuba inkululeko yonqulo iye yaphakanyiswa zizigwebo zenkundla ezenziwe ngabagwebi abathanda okusesikweni. Kakade ke, ukunamathela kwethu kwiLizwi likaThixo kuyabacaphukisa abefundisi beNgqobhoko nezinye iinkokeli zeBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 18:1-3) Nangona zona kunye nabo zibaphembelelayo zisilwa nathi, nantsi into esiqiniseke ngayo: “‘Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela, nalo naluphi na ulwimi oluya kuphakama nxamnye nawe ekugwetyweni uya kulugwebela isohlwayo. Lilo elo ilifa labakhonzi bakaYehova, yaye ubulungisa babo buphuma kum,’ utsho uYehova.”—Isaya 54:17.
17. Kutheni singayekeleli nangona abachasi besilwa nathi?
17 Iintshaba zethu zilwa nathi ngento esingayaziyo, kodwa ke asisayi kuyekelela. (INdumiso 109:1-3) Asiyi kuvumela abo bathiye isigidimi sethu seBhayibhile ukuba basoyikise size silalanise kukholo lwethu. Nangona silindele ukuba liye liqina idabi lethu lokomoya, umphumo wona siyawazi. NjengoYeremiya, siya kubona inzaliseko yamazwi esiprofeto athi: “Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.” (Yeremiya 1:19) Ewe, siyazi ukuba abo balwa noThixo abayi kuphumelela!
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Baba Nokholo Yaye Babengoyiki Ngoxa Bejamelene Nengcinezelo YamaNazi,” iphepha 24-8.
Ubunokuphendula Uthini?
• Kutheni abakhonzi bakaYehova beye bahlaselwa?
• Ziziphi iindlela abaye abachasi balwa ngazo nabantu bakaYehova?
• Kutheni sinokuqiniseka ukuba abo balwa noThixo abayi kuphumelela?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UYeremiya waqinisekiswa ukuba uYehova wayeza kuba naye
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abasinda kwiinkampu zoxinaniso
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ihlokondiba lihlasela amaNgqina kaYehova,
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UJ. F. Rutherford nezinxulumani zakhe
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Kwimeko kaYesu, abo babesilwa noThixo abazange baphumelele