Uphawu Olufumaneka Kuphela Ebantwini
UJodie uthengisa izindlu. Uncedisa ibhinqa elithile ukuba lithengise izinto zasekhaya zodadewabo ofileyo. Xa ejonga kufuphi neziko elingasasebenziyo, ufumana iibhokisi eziliqela ezinezinto zokuloba. Xa ejonga phakathi kwenye yazo, akakukholelwa oko akubonayo. Ufumana imali ibhijelwe ngephepha le-“foil”—imali engangee-$82 000! UJodie uyedwa kweli gumbi. Ufanele enze ntoni? Ufanele azithulele nje aze ayithabathe le bhokisi okanye axelele eli bhinqa ukuba ufumene le mali?
LE NGXAKI uJodie azifumanisa ekuyo ibonisa enye yeempawu ezisenza sahluke kwizilwanyana ezingenangqiqo. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Olunye uphawu olukhethekileyo olusebantwini kukuzibuza ngoko sifanele sikwenze noko sifanele singakwenzi.” Inja elambileyo ebona iqatha lenyama phezu kwetafile ayinakucinga nokucinga enoba ifanele iyitye okanye ingayityi le nyama. Noko ke, uJodie uyakwazi ukwenza isigqibo ngokusekelwe kwimilinganiselo yakhe. Ukuba uyayigcina le mali, uyeba, kodwa kusenokwenzeka ukuba angabhaqwa. Le mali asiyoyakhe; sekunjalo, lo mntu amthengiselayo akazi enoba kukho imali ethile kule ndawo. Ngaphandle koko, abantu abaninzi kwindawo uJodie ahlala kuyo bebenokucinga ukuba usisidenge xa elinika eli bhinqa le mali.
Ubunokwenza ntoni xa ubukwimeko kaJodie? Indlela owuphendula ngayo lo mbuzo iya kuxhomekeka kwimilinganiselo okhethe ukuphila ngayo.
Kuthetha Ukuthini Ukuba Nemilinganiselo?
“Imilinganiselo” ichazwa “njengokuzibuza imibuzo ngoko kulungileyo noko kubi.” (Collins Cobuild English Dictionary) Kangangeminyaka, unqulo belumisela imilinganiselo abantu abafanele baphile ngayo. ILizwi likaThixo, iBhayibhile, liye laba nempembelelo kwiindawo ezininzi. Noko ke, bayanda abantu ehlabathini lonke abaye bayikhaba ngawo omane imilinganiselo yonqulo besithi ayisebenzi yaye imilinganiselo yeBhayibhile iphelelwe lixesha. Baye basebenzisa imilinganiselo yoobani? Incwadi ethi Ethics in Business Life ithi “indlela abantu abacinga ngayo iye . . . yabonakala ibaluleke ngaphezu kwemilinganiselo yonqulo.” Kunokuba babhenele kwimilinganiselo yonqulo, abaninzi bafuna ukhokelo kwiingcali zehlabathi ezimisela imilinganiselo. Unjingalwazi wemigaqo yokuziphatha nemithetho uPaul McNeill uthi: “Ndicinga ukuba iingcaphephe ngemilinganiselo zithabathe indawo yabefundisi. . . . Ngoku abantu balawulwa yimilinganiselo yabo kunokuba balawulwe lunqulo.”
Xa ujamelane nezigqibo ezinzima, uyahlula njani into elungileyo kwembi? Ngaba imilinganiselo yakho imiselwa nguThixo okanye nguwe?