IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 8/8 iphe. 10-11
  • Unokuyifumana Phi Imilinganiselo Yokuziphatha Efanelekileyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokuyifumana Phi Imilinganiselo Yokuziphatha Efanelekileyo?
  • Vukani!—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Onokuzikhusela Ngayo Kurhwaphilizo
    Vukani!—2004
  • Axhaphaza Abalupheleyo
    Vukani!—1997
  • Iziqulatho
    Vukani!—2004
  • Kwenzeke Ntoni Ekuziphatheni Okuhle?
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 8/8 iphe. 10-11

Unokuyifumana Phi Imilinganiselo Yokuziphatha Efanelekileyo?

SIPHILA kwihlabathi elinemilinganiselo ewohlokayo. Izenzo zokunganyaniseki ezazikade zigxekwa namhlanje ziqwatyazelwa iliso. Amasela noonqalintloko basoloko bezukiswa yaye beqhwatyelw’ izandla kumajelo osasazo. Ngoko, abantu abaninzi bafanelwa yindlela ebachaza ngayo iBhayibhile: “Xa sukuba ubona isela, ubukholiswa lilo.”—INdumiso 50:18.

Nakuba kunjalo, abakhohlisi abafanele kuthandwa. Omnye umbhali wathi: “Into [eyahlula] iqhophololo kwelinye ngamandla emvelo okuqhatha abantu elihlala nabo eliwafumana ebutsheni balo. Ukongezelela koko kukuba ukuqhatha kwawo kuwenza angabi nazimvakalelo zakuba netyala okanye azisole. Ngokwahlukileyo, oku kuwashiya anelisekile—uvuyo olwenza afune ukuqhubeka eqhatha abantu ukuze afumane nantoni na ayifunayo, kungakhathaliseki ukuba injani imiphumo efunyanwa lixhoba.”

Kakade ke, abantu baba novelwano ngomhlolokazi otyelwe imali ayonge ubomi bakhe bonke, kodwa bambalwa ababa novelwano xa umntu egutyule imali kwishishini elikhulu okanye inkampani yeinshorensi. Abaninzi bathi amashishini ahleli enemali eninzi kakade. Kodwa olo rhwaphilizo alubi yingxaki yaloo mashishini; abuyisa imali yawo ngokutyabula abathengi. Ngokomzekelo, eUnited States intsapho eqhelekileyo ihlawula ngaphezu kwee-R6 500 ngonyaka ukongezelela kwimali eyihlawulayo ngokuqhelekileyo kwi-inshorensi ukuze kuhlangatyezwane neendleko zorhwaphilizo.

Enye into, abantu bathanda ukuthenga izinto zexabiso eliphantsi ezingoozenzele abafakelwe igama lenkampani eyaziwayo ngomgunyathi, njengempahla, iiwotshi, iziqholo, izithambiso neebhegi ezincinane. Basenokuba bayayiqonda into yokuba minyaka le izinto zomgunyathi zenza amashishini aphulukane namawaka ezigidi zeerandi, kodwa bacinga ukuba abachatshazelwa nganto koko. Noko ke, ekugqibeleni loo mali itsalwa kubathengi xa behlawula izinto abazithengayo neenkonzo zabo. Ukongezelela koko, ukuthenga izinto zomgunyathi kwenza izaphuli-mthetho zibe zizityebi.

Omnye umbhali kwishishini elilwa urhwaphilizo wathi: “Ndiqinisekile ukuba esona sizathu sokubakho korhwaphilizo olungaka namhlanje kukuba siphila nabantu abangenayo kwaphela imilinganiselo yokuziphatha efanelekileyo. Imilinganiselo yokuziphatha iye yawohloka kangangokuba oko kwenza abantu bafune ukurhwaphiliza. . . . Siphila nabantu abangayifundisiyo kwasekhaya imilinganiselo yokuziphatha. Siphila nabantu abangayifundisiyo imilinganiselo yokuziphatha nasesikolweni ngenxa yokuba ootitshala babekwa ityala xa befundisa imilinganiselo efanelekileyo.”

Ngokwahlukileyo kubo, amaNgqina kaYehova afundisa yaye azimisele ukuphila ngemilinganiselo yokuziphatha eseLizwini likaThixo. Akhokelwa yimigaqo efana nale ilandelayo:

● “Uze umthande ummelwane wakhe njengawe siqu.”—Mateyu 22:39.

● “Uze ungaqhathi.”—Marko 10:19.

● “Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo.”—Efese 4:28.

● “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

Nakuba amaNgqina engazigwagwisi okanye engazenzi amalungisa, akholelwa ukuba xa bonke abantu besebenzisa le migaqo, ihlabathi beliya kuba yindawo ebhetele yokuhlala. Ayakholelwa nakwisithembiso sikaThixo sokuba ngenye imini liya kuba yindawo ebhetele.—2 Petros 3:13.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]

Ukuba bonke abantu bebephila ngemilinganiselo efanelekileyo yokuziphatha eseLizwini likaThixo, ihlabathi beliya kuba yindawo ebhetele ngakumbi yokuhlala

[Umfanekiso okwiphepha 10]

AmaKristu okwenyaniso aphila ngemigaqo yeBhayibhile, njengalowo uthi “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share