IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 1/1 iphe. 3
  • Ileta Eya Kubafundi BeMboniselo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ileta Eya Kubafundi BeMboniselo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Utshintsho Olubangel’ Imincili KwiMboniselo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Ngaba Uyisebenzisa Ngokupheleleyo?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Uhlelo Olutsha Lokufundisa LweMboniselo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ileta Eya Kubafundi BakaVukani!
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 1/1 iphe. 3

Ileta Eya Kubafundi BeMboniselo

SIYAKUVUYELA ukunazisa ukuba ukususela kule nkupho, kuza kubakho utshintsho kwindlela ebhalwa ngayo iMboniselo. Ngaphambi kokuba sondlale umahluko oza kubakho, masitsho kwangoku ukuba iMboniselo, iseza kuhlala iyile uyaziyo.

Igama leli phephancwadi alikatshintshi, isabizwa ngokuba yiMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Ngoko ke, iza kuqhubeka nokuzukisa uYehova uThixo wokwenyaniso ize ithuthuzele abafundi bayo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe. Amanqaku akwiphepha 5 ukuya kwiphepha 9 kule nkupho aza kuxubusha ngoBukumkani ukuba buyintoni nokuba buza kufika nini. Ukongezelela, iMboniselo iseza kuthi gqolo ikhuthaza abafundi bayo ukuba babe nokholo kuYesu Kristu, kwiinyaniso zeBhayibhile ize icacise iziganeko zehlabathi njengokuba zizalisekisa iziprofeto zeBhayibhile kanye njengokuba ibisenjenjalo kwiminyaka emininzi edluleyo.

Yintoni ke le iza kwahluka? Makhe sinazise ngeenkalo ezithile ezibangel’ umdla eziza kubonakala kolu hlelo lokuqala lwenyanga nganye.a

Kukho iinkalo ezixhokonx’ iingcinga eziza kupapashwa nyanga nganye. Inqaku elithi “Ngaba Ubusazi?” liza kuxubusha iingxelo ezikhethekileyo zeBhayibhile. Inqaku elithi “Sondela KuThixo” liza kubalaselisa oko sinokukufunda ngoYehova kwiindinyana ezithile zeBhayibhile. Kukho namanqaku anomxholo othi “Imibuzo Yabafundi” aza kuphendula imibuzo eqhelekileyo yeBhayibhile. Ngokomzekelo, abantu abaninzi kudala bezibuza ukuba “Ngaba uBukumkani BukaThixo Busentliziyweni Yakho?” Impendulo yalo mbuzo uza kuyifumana kwiphepha 13.

Kukho amanqaku aza kubakho kwiinkupho zonke nalungiselelwe iintsapho. Kukho inqaku eliza kupapashwa kane ngonyaka elinomxholo othi “Iindlela Zokwenza Intsapho Yonwabe” liza kuxubusha iingxaki zentsapho lize libonise indlela yokuzicombulula esekelwe kwimigaqo yeBhayibhile. Kwezinye iinyanga kuza kubakho inqaku elinomxholo othi “Fundisa Abantwana Bakho” eli nqaku lenzelwe ukuba abazali balifunde nabantwana babo. Eli nqaku liza kutshintshana nelithi “Inqaku Labaselula” liza kwenzelwa ulutsha olufunda iBhayibhile.

Kukho namanye amanqaku aza kuvela kane ngonyaka. Umxholo othi “Xelisani Ukholo Lwabo” uza kuba lukhuthazo ekuxeliseni umntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni. Ngokomzekelo, kwiphepha 18 ukusa kwiphepha 21 lale nkupho, uza kufunda ngengxelo echukumisayo yomprofeti uEliya uze ufunde indlela onokumxelisa ngayo. Inqaku elinomxholo othi “Ileta Evela . . . ” iza kuba nengxelo yabavangeli basemazweni neyabanye abakwezinye iinxalenye zomhlaba. Umxholo othi “Oko Sikufunda KuYesu” uza kuxubusha ngeemfundiso ezisisiseko ngendlela elula.

Siqinisekile ukuba iMboniselo iza kubangel’ umdla kubafundi bayo abahlonela iBhayibhile nabo bafuna ukwazi oko kufundiswa ngulo mqulu. Sinethemba lokuba lo lindixesha uza kwanelisa ukunxanelwa kwakho inyaniso yeBhayibhile.

ABAPAPASHI

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngoku iMboniselo iza kupapashwa ngamahlelo amabini. Inkupho yokuqala iza kwenzelwa uwonke-wonke. Inkupho yomhla we-15 iza kufundwa ngamaNgqina kaYehova kwiintlanganiso zawo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share