IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp19 No. 2 iphe. 8-9
  • Xa Umntu Otshate Naye Engathembekanga

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Umntu Otshate Naye Engathembekanga
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • IIVESI ZEBHAYIBHILE EZINOKUKUNCEDA
  • Ukoyisa Iingxaki Ngokuzibekela Usukelo
    Vukani!—2001
  • Ukuthuthuzelwa Ngamaxesha Anzima
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Ngaba Kunokwenzeka Ukuba Ndimxolele?
    Vukani!—1999
  • Ndakhetha Ukwenza Umsebenzi Ofanelekileyo
    Vukani!—2007
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
wp19 No. 2 iphe. 8-9
Ibhinqa liyathandaza

Xa Umntu Otshate Naye Engathembekanga

“Kwakungathi mandife xa umyeni wam wandishiya ngenxa yebhinqa elincinci kunam. Yayingathi kuyaxokwa, ingakumbi xa ndandicinga izinto endamncamela zona.”​—UMaria, waseSpeyini.

“Xa umfazi wam wasuke wandishiya, kwabangathi ubomi bam bumile. Sasingazukwazi ukwenza zonke izinto esasizimisele ukuzenza. Ngamanye amaxesha ndandiziva ndibhetele, ndingayazi ukuba kutheni, ndizibone sendikhathazekile kwakhona.”​—UBill, waseSpeyini.

UKUTSHATA nomntu aze angathembeki kubuhlungu. Abanye abantu baye babaxolela abantu abatshate nabo xa beye bazisola baze balungise umtshato wabo.a Kodwa, nokuba bayabaxolela okanye ababaxoleli, intlungu yokuba abantu abatshate nabo baye bathandana nabanye abantu soze iphele. Yintoni enokubanceda bakwazi ukunyamezela?

IIVESI ZEBHAYIBHILE EZINOKUKUNCEDA

Nakuba abanye baye baphoxeka, baye bancedwa yiBhayibhile babona ukuba uThixo uyayibona intlungu yabo ibe ubakhathalele.​—Malaki 2:13-16.

“Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.”​—INdumiso 94:19.

UBill uthi: “Xa ndandifunda le vesi, kwaba ngathi ndiyambona uYehova endithuthuzela, njengoko utata onothando enokwenza.”

“Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.”​—INdumiso 18:25.

UCarmen onomyeni obethandana nomnye umntu ixesha elide uthi: “Umyeni wam ebengathembekanga. Kodwa ndamthemba uYehova ukuba soze andiphoxe.”

“Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo . . . yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu.”​—Filipi 4:6, 7.

USasha uthi: “Ndandiyifunda oko le vesi. Njengoko ndandimane ndithandaza, uThixo wandinika uxolo ebomini bam.”

Bonke aba kuthethwe ngabo ngasentla babekhe bafuna ukunikezela. Kodwa bathembela ngoYehova uThixo baza bancedwa liLizwi lakhe. UBill uthi: “Ukholo lwam lwandinceda ndanesizathu sokuphila nangona kwakukubi. Naxa ndahamba ‘kwintlambo yethunzi elimnyama’ okwexeshana, uThixo wayenam.”​—INdumiso 23:4.

a Ukuze ufunde ngokuba umele umxolele okanye ungamxoleli umntu otshate naye, funda uVukani! wangoMeyi 8, 1999 othi “Xa Elinye Iqabane Lingathembekanga.”

Bancedwe Yintoni Abanye?

Funda uze ucinge ngezibhalo ezithuthuzelayo.

UBill uthi: “Ndafunda incwadi kaYobhi neeNdumiso ndaza ndakrwelela zonke iindawo ezazindithuthuzela kule meko yam. Ndafumanisa ukuba nabo aba babhali beBhayibhile bakhe bakhathazeka baza babuhlungu njengam.”

Mamela umculo okuthuthuzelayo.

UCarmen uthi: “Xa ndandingakwazi ukulala ndandimamela umculo. Wawundithuthuzela nyhani.” Abanye abantu baye bathuthuzelwe kukwenza izinto ezifana nokupeyinta, ukuzoba, ukufota okanye ukwenza imisebenzi yezandla. Ukwenza izinto ezifana nezi kunokukunceda uzive bhetele, kwehle istres kuze kukuncede uxole.

Thetha ngentlungu yakho.

UDaniel uthi: “Ndandingakuqhelanga ukuthetha ngezinto ezindikhathazayo. Kodwa ndandinabahlobo abandithandayo ibe ndandithetha nabo yonke imihla. Ndandibaxelela indlela endiziva ngayo xa ndibabhalela iileta okanye xa ndincokola nabo. Yayindinceda nyhani loo nto.” USasha uthi: “Bandinceda nyhani abantu basekhaya. Umama wayesoloko endithuthuzela. Xa ndifuna ukuthetha, wayemamela. Notata wandikhathalela nyhani ibe loo nto yandinceda ndaziva ndikhuselekile de ndathuthuzeleka.”

Thandaza qho.

UCarmen uthi: “Ndandithandaza qho. Ndabona ukuba uThixo akandilahlanga, uyandimamela ibe uyandinceda. Ndasondelelana kakhulu naye ngeli xesha linzima.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share