IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/91 iphe. 5
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 4/91 iphe. 5

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeeveki zikaJanuwari 7 kuse kuAprili 22, 1991. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.

[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kusenokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]

Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:

1. Ukuzila igazi kuthetha ukungalingenisi emzimbeni wakho nangaluphi na uhlobo okanye indlela. [peXO isahl. 25 isiqe. 22, 23]

2. Xa uPawulos waba ngumKristu, kwakulula ngaye ukuba enze okulungileyo. [peXO isahl. 26 isiqe. 15]

3. Umntu onomdla enyanisweni akanakuba ngumvakalisi woBukumkani ngaphandle kokuba abe ubhaptiziwe. [wXO88 11/15 iphe. 16]

4. Imali yingcambu yazo zonke izinto ezi-mbi. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO85 7/15 iphe. 29.]

5. AmaKristu okuqala ayengayibhiyozeli i-Ista. [peXO isahl. 25 isiqe. 16]

6. Ibinzana elithi “iindidi ezahlukahlukeneyo zobhaptizo“ libhekisela ekubhaptizweni okuziindidi ezahlukahlukeneyo nokungokwesithethe kweendebe nemiphanda okwakuqheliselwa ngamaYuda. (Heb. 9:10, NW) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 2/15 iphe. 24.]

7. Umpostile uPawulos wabhala esithi abo babengasebenzi babengafanele badle. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngee-veki; bona wXO91 1/15 iphe. 23.]

8. ’Ukusindiswa ngokuzala’ kuthetha uku-ba ukuzala kusenokuphumela kusindiso olungunaphakade. (1 Tim. 2:15) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 1/15 iphe. 30.]

Phendula le mibuzo ilandelayo:

9. Kutheni ukubawa kunxulunyaniswa nokunqula izithixo nje? (Kol. 3:5) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO78 10/15 iphe. 11, 12.]

10. Ungubani “umchasi-mthetho“? (2 Tes. 2:3, NW) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO88 1/15 iphe. 12.]

11. Ibandakanya bani ngokuyintloko “imfihlelo engcwele“? (1 Tim. 3:16, NW) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO88 9/1 iphe. 12.]

12. Sinokumbonisa njani uThixo ukuba sinyanisekile koko sikuthethayo emithandazweni yethu? [peXO isahl. 27 isiqe. 11]

13. Kukweziphi izahluko ezibini apho uPawulos adwelisa iimfaneleko zabaveleli? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngee-veki]

14. Iyintoni iNzonzobila? [Ufundo lweBha-yibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 3/15 iphe. 31.]

15. Zazingoobani “izikhakhamela“ ezikhankanywe kuYuda 8? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 4/15.]

16. Siyifumana phi eLizwini likaThixo imiyalelo ephathelele isimo sengqondo esifanele sibe naso ngakubawexuki? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki;. bona wXO91 4/15.]

Fakela igama okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:

17. Abazalwana bamele babaphathe aba-fazi abakhulu abasebandleni njengoo ․․․․․․․ baze babaphathe abafazana njengoo ․․․․․․․ benobunyulu. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO74 iphe. 127.]

18. Ulutsha olungamaKristu oluxhathisa izilingo neengcinezelo zoontanga neza-bafundisi-ntsapho esikolweni lulandela umzekelo ka ․․․․․․․ . [wXO88 12/1 iphe. 17]

19. Ukuze abe nomtsalane ngokwenyaniso, umfazi ongumKristu umele anganxibi ngokunesidima kuphela kodwa ukwamele abe ․․․․․․․ [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 3/15 iphe. 30.]

20. ․․․․․․․ ishukumisela umntu ekuzahluleleni kuThixo aze abhaptizwe. [wXO89 1/15 iphe. 15]

Khetha iimpendulo ezichanileyo kwinkca-zelo nganye kwezi zilandelayo:

21. Imbali ibonisa ukuba ukucikidwa kwa-maKristu athanjisiweyo asemhlabeni kwaqalisa (ngowe-1919, 1918, 1935.) [wXO89 6/1 iphe. 19]

22. (NgoMhla wePentekoste, ngoMhla wePasika, ngoMhla Wocamagushelo) umbingeleli omkhulu kwakufuneka ahlambe umzimba emanzini izihlandlo ezibini. [wXO89 6/1 iphe. 19]

23. (UKumkani uSolomon, uKumkani uDavide, uKumkani uLemuweli) wachaza iinkalo ezahlukahlukeneyo zomfazi one-sidima kwiMizekeliso 31. [wXO89 5/15 iphe. 18]

24. (UPetros, uYakobi, uYesu Kristu) wayengumzekelo ohlaziyayo wendlela amadoda afanele abuqhelisele ngayo ubuntloko obunothando. [wXO89 5/15 iphe. 11]

Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:

1 Tes. 5:8; Heb. 13:17; Yak. 1:2, 3; 1 Pet. 3:7

25. Ukuze amaKristu agcine ingqibelelo, kufuneka abe nesi sikrweqe sokomoya. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngee-veki; bona wXO91 1/15 iphe. 22.]

26. Isizathu sokuba amaKristu efanele azithobe kwabo bakhokelayo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 2/15 iphe. 25.]

27. AmaKristu anokonwaba phezu kwazo nje iimvavanyo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 3/15 iphe. 23.]

28. Oko kuba ngumphumo ukuba amadoda ayasilela ukubabeka abafazi bawo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share