Iintlanganiso Zokusinceda Senze Abafundi
Iveki Eqala NgoJulayi 1
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Balaselisa amanqaku akumaphephancwadi angoku anokusetyenziswa kumsebenzi wamaphephancwadi kulo Mgqibelo.
20 imiz: Inkonzo Yexesha Elizeleyo—Ithuba Elizukileyo Lokuhamba NoThixo. (Mika 6:8) Umdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo, kucebiseka ukuba ibe ngokwinkonzo yexesha elizeleyo, unikela intetho echukumisayo nekhuthazayo. (Bona IMboniselo kaMeyi 15, 1989, iphepha 21-3.) Khankanya amacebiso asebenzisekayo okunceda abavakalisi bebandla, ngokweemeko zabo, ukuba bacinge nzulu ngokungenela umsebenzi wexesha elizeleyo. Dlan’ indlebe noovulindlela ababini okanye abathathu, uze ukhankanye iingenelo ezininzi zokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Unyaka omtsha wenkonzo ulixesha elifanelekileyo lokuqalisa. Abo baqalisa ngoSeptemba 1, 1991, basenokukufanelekela ukuya kwiSikolo Senkonzo Sobuvulindlela ngowe-1992.
15 imiz: “Yiba Nenyameko Uze Ucokise Kubulungiseleli.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Balaselisa imfuneko yokuba nenyameko, ingakumbi kwintsimi egutyungelwa ngokufuthi gqitha. Emva kokuxubusha isiqendu 6, yiba nomvakalisi ebonisa indlela yokusebenzisa uMxholo Wencoko xa kuhanjiswa incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona.”
Ingoma 156 nomthandazo wokuqukumbela.
IVEKI EQALA NGOJULAYI 8
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Iindaba Ezingokobuthixo. Khumbuza ibandla ngamalungiselelo empela-veki enkonzo yasentsimini.
15 imiz: “Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini—Icandelo 1.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo ngumveleli wenkonzo. Yabela abathile kwangaphambili ukuba bafunde izibhalo eziziintloko ozikhethileyo, uze ubonise indlela loo mbandela osebenziseka ngayo ngokwasekuhlaleni. Vuselela umdla kungcelele lwamacandelo amahlanu.
20 imiz: “Yenza Amalungiselelo Kwangoku Okubakho KwiNdibano Yesithili ‘Yabathandi Benkululeko’ Yowe-1991”—Icandelo 1. Ingxubusho nabaphulaphuli kwisiqendu 1-14 sesihlomelo.
Ingoma 204 nomthandazo wokuqukumbela.
IVEKI EQALA NGOJULAYI 15
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ukuba ibandla liza kuwatshintsha amaxesha eentlanganiso ngoSeptemba 1, yazisa ngocwangciso olutsha oluza kulandelwa. Hlola iimbalasane zengxelo yenkonzo yasentsimini yebandla ngoJuni. Bancome abavakalisi ngoko bakuphumezileyo entsimini.
15 imiz: “Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokusebenzisa Ingqiqo.” Mayigutyungelwe ngemibuzo neempendulo. Yenza umboniso weengongoma ezikwisiqendu 5. Yiba nomvakalisi onobuchule ebonisa indlela yokusebenzisana nomninimzi ophikisayo ekuqaleni ngokuthi ngobuchule ambuze imibuzo aze ambonise oko iBhayibhile ikuthethayo ngombandela lowo. Lo mboniso ufanele uqheliselwe kakuhle.
20 imiz: “Yenza Amalungiselelo Kwangoku Okubakho KwiNdibano Yesithili ‘Yabathandi Benkululeko’ Yowe-1991”—Icandelo 2, malisingathwe ngunobhala. Ingxubusho nabaphulaphuli kwisiqendu 15-22, nokuhlolisiswa ngokufutshane kothi “Emasikukhumbule Ngendibano Yesithili” ngokokuvuma kwexesha. Chaza ngokufutshane amalungiselelo eendawo zokuhlala ngokusuka kwileta yoMbutho kaJuni 15, 1991. Abavakalisi basenokuxubusha iingongoma izifanelekileyo kunye nezifundo zabo zeBhayibhile eziya kube zikho endibanweni. Khuthaza iintsapho ukuba zihlolisise iingongoma ezikula manqaku ngaphambi kokuya endibanweni.
Ingoma 67 nomthandazo wokuqukumbela.
IVEKI EQALA NGOJULAYI 22
15 imiz: Umdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo sichaza izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa amalungiselelo ebandla omhlaba ongabelwanga bani xa kuyimfuneko. Sebenzisa iingongoma ezikwisihlomelo seleta kaMeyi 1, 1991. Zikhuthaze ngokufudumeleyo zonke iintsapho ukuba ziluxhase ngokupheleleyo olu hlaselo.
18 imiz: “Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla—Icandelo 1.” Ingxubusho ngumdala onamava kunye nomnye umdala okanye ababini okanye izicaka zolungiselelo ezingabaqhubi beSifundo Sencwadi Sebandla. Gxininisa ngokukhethekileyo kwiinkalo ezimbini okanye ezintathu elisilela ngokukhethekileyo kuzo ibandla lasekuhlaleni, njengokuphendula ngamazwi abo nokuwusebenzisa ngokoqobo umbandela oxutyushwayo.
12 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni. Qwalasela iingongoma abadala abavakalelwa kukuba ibandla lifuna uncedo kuzo. Usenokuqwalasela ngokweZibhalo iinkalo ezithile ezaye zaziswa engqalelweni yebandla ebudeni botyelelo lomveleli wesiphaluka.
Ingoma 42 nomthandazo wokuqukumbela.
IVEKI EQALA NGOJULAYI 29
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni nelithi “Indlela Yokusingatha Izicelo Zamaphetshana.” Mayisingathwe ngumdala okanye sisicaka solungiselelo esifanelekayo. Ukuba ixesha liyavuma funa amava okuhambisa iincwadana ezinemifanekiso nokuqalisa izifundo zeBhayibhile. Khuthaza bonke ukuba babe nesabelo ngokuzeleyo kubulungiseleli ebudeni buka-Agasti, inyanga yokugqibela yonyaka wenkonzo. Abaqhubi beSifundo Sencwadi bafanele baqinisekise ukuba zonke iingxelo zidluliselwe kunobhala ukuze ibandla likwazi ukunikela ingxelo epheleleyo.
15 imiz: “Ukuthwala Umthwalo Wethu Wembopheleleko.” Umdala uxubusha eli nqaku neqela lentsapho. Chaza ngokufutshane indlela ibandla elalunandipha nelangenelwa ngayo kucwangciso lwendibano yesiphaluka yakutshanje uze ubenze babe nolindelo locwangciso lwendibano yesiphaluka entsha. Buza iintloko-ntsapho ezikhoyo phakathi kwabaphulaphuli indlela ucwangciso lowe-1991 oluzincede ngayo iintsapho zazo. Khuthaza bonke ukuba benze amalungiselelo aqinisekileyo okubakho baze bangenelwe kucwangciso olulungiselelwe unyaka wenkonzo wowe-1992. Ukuba umhla wendibano elandelayo sele wazisiwe, nawo unokuchazwa.
15 imiz: “Ukuthintela Ukubuya Kwemikhwa Emibi.” Ukuxutyushwa kwenqaku elikuVukani! ka-Aprili 8, 1991.
Ingoma 132 nomthandazo wokuqukumbela.