Iintlanganiso Yokusinceda Senze Abafundi
IVEKI EQALA NGOAGASTI 5
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Cebisa intshayelelo enye okanye ezimbini ezifanele intsimi yasekuhlaleni nezinokusetyenziswa xa kuhanjiswa amaphephancwadi, uze ukhuthaze bonke abavakalisi ukuba babe kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki. Mabaphathe incwadi Ukuqiqa kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki elandelayo.
20 imiz: “Lidumise Ngokuzeleyo Igama LikaThixo.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Qukumbela ngomboniso olungiselelwe kakuhle obonisa indlela onokusetyenziswa ngayo uMxholo Wencoko wangoku. Wulungiselele ngokweemeko zasekuhlaleni. Akuba ezichaze ngokufanelekileyo, umvakalisi usenokuthi: “Namhlanje sixubusha nabamelwane bethu ngemfuneko yokuba nethemba ngekamva. Iinkokeli zehlabathi zithetha ngokufuthi ngamacebo azo okuzisa ihlabathi elilunge ngakumbi. Asekelwe entwenini amathemba azo? Ngaba ukholelwa kwelokuba abantu banamandla okuzisa ihlabathi elilunge ngakumbi? [Mvumele aphendule.] Umprofeti uYeremiya wathetha okuthile ngako oku njengoko kubhalwe kuYeremiya 10:23. [Mfunde.] Sinokuba nethemba ngekamva kuphela ngenxa yokuba siye safunda ngedinga uThixo alenzileyo. Yaye idinga lakhe alisayi kusilela. Umpostile uPetros wabhala oku. [Funda eyesi-2 kaPetros 3:13.] Phawula indlela eli dinga liqinisekileyo likaThixo elibalaseliswa ngayo kule ncwadana inemifanekiso.” Wandula ke umvakalisi abonise umninimzi inkcazelo efanelekileyo kwincwadana enemifanekiso ayihambisayo.
15 imiz: “Ukutyala Nokunkcenkceshela—Amanyathelo Okwenza Abafundi.” Xubusha nabaphulaphuli isiqendu 1-9 sesihlomelo, iphepha 3. Xa uxubusha isiqendu 7-9, bonisa indlela osebenza ngayo ngokoqobo lo mbandela ngokudlan’ indlebe ngokufutshane nabavakalisi abaye bakwazi ukukwenza oko kukhankanyiweyo okanye usebenzise amava asekuhlaleni abalaselisa ezi ngongoma. Qinisekisa ukuba amava okanye udliwano-ndlebe lufutshane yaye luhlab’ emxholweni.
Ingoma 130 nomthandazo wokuqukumbela.
IVEKI EQALA NGOAGASTI 12
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Fundela ibandla isaziso sokuyifumana namazwi ombulelo avakaliswa nguMbutho ngeminikelo ethunyelweyo. Kwakhona, lincome ibandla ngokuxhasa iimfuno zebandla lasekuhlaleni. Bakhuthaze ukuba babekho kwinkonzo yasentsimini ngempela-veki nangamaxesha awahlukahlukeneyo xa kukho amalungiselelo enziweyo okunikela ubungqina njengeqela.
15 imiz: “Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini—Icandelo 2.” Intetho ekhuthazayo nefundisayo egubungela umbandela okweli nqaku nebonisa indlela yokusebenzisa incwadi Ukuqiqa. Akuyomfuneko ukuba kwenziwe umboniso weengongoma ezikhankanyiweyo, kodwa isithethi sinokubonisa nje indlela yokufumana nokusebenzisa umbandela okwesi sixhobo sihle senkonzo yasentsimini. Bonisa ngokufutshane ukubaluleka kokuqhelisela iintshumayelo xa kulungiselelwa inkonzo yasentsimini. Ukuba ixesha liyavuma, usenokumema umvakalisi ukuba achaze indlela yena akwenza ngayo oku.
20 imiz: “Ukutyala Nokunkcenkceshela—Amanyathelo Okwenza Abafundi.” Emva kwentshayelelo emfutshane yokunxibelelanisa lo mbandela nalowo ubugutyungelwa kwiveki ephelileyo, makuqwalaselwe ngemibuzo neempendulo isiqendu 10-20 sesihlomelo, iphepha 3 nelesi-4. Bambi abavakalisi basenokukwazi ukuchaza indlela abaye babuphucula ngayo ubulungiseleli babo baza baqalisa izifundo zeBhayibhile ngenxa yokusebenzisa amacebiso akumanqaku adluleyo oBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
Ingoma 48 nomthandazo wokuqukumbela.
IVEKI EQALA NGOAGASTI 19
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo. “Ukuzibhokoxa Ekwenzeni Ukuthanda KukaThixo.” Khuthaza abazalwana ukuba bacebe kwangaphambili ukubakho kucwangciso lowe-1992 lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye. Yazisa ngomhla nangendawo ukuba sele zisaziwa. Ngokuvuma kwexesha, cebisa ngamanqaku anokuba ngawona afanelekileyo kumaphephancwadi akutshanje nanokusetyenziswa kwindlu ngendlu kule mpela-veki.
20 imiz: “Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Kwintsimi Esetyenzwa Ngokufuthi.” Imibuzo neempendulo. Bonisa indlela enokusetyenziswa ngayo ekuhlaleni le nkcazelo okanye uyenze ivisisane neentswelo zebandla.
15 imiz: “Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla—Icandelo 2.” Intetho ekhuthazayo ngumqhubi wesifundo sencwadi onobuchule.
Ingoma 25 nomthandazo wokuqukumbela.
IVEKI EQALA NGOAGASTI 26
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxubusho eneenkcukacha yamalungiselelo ebandla enkonzo yasentsimini noko kwenziwayo ukuze kukhuthazwe kuze kuncedwe abavakalisi abangoovulindlela. Nikela ingqalelo ekhethekileyo kwiintswelo zabo basenokuba baza kuqalisa inkonzo yobuvulindlela ngoSeptemba 1. Nikela ingxelo ngenkqubela kuhlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. Yazisa ibandla ngamalungiselelo angoSeptemba uze ukhuthaze bonke ukuba basebenze kumhlaba ongabelwanga bani ubuncinane impela-veki ibe nye enyangeni. Bakhuthaze ukuba babekho kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki, yaye bakhumbuze abavakalisi ukuba bazifumanele isixa sencwadi Unokuphila Ngonaphakade eza kusetyenziswa kwinkonzo yasentsimini ukususela ngeCawa, ngoSeptemba 1.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni. Kusenokusetyenziswa inkcazelo ekumxholo ongaphandle kaVukani! kaJuni 8, 1991, njengesiseko sentetho okanye ingxubusho kumbandela wokuhleba.
15 imiz: Isingxobo Semibuzo. Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Gxininisa iintsikelelo ezifumaneka ngokulandela uncomelo olungokobuthixo.
Ingoma 16 nomthandazo wokuqukumbela.