Iindaba Ezingokobuthixo
◆ IOstreliya inikele ingxelo yencopho yabavakalisi abangama-54 306 ngoMatshi, incopho yayo yesithathu kwezilandelelanayo.
◆ IBolivia ibe neencopho ezintlanu kubavakalisi ebudeni beenyanga ezisixhenxe zokuqala zalo nyaka wenkonzo. Ifikelele incopho entsha ngoMatshi, ngabavakalisi abangama-8 031 abaye bafaka ingxelo. Abavakalisi bebandla babe nomlinganiselo weeyure ezili-14,4 kubulungiseleli. Kubekho abangama-33 377 eSikhumbuzweni, nani elo eliliphinda kane elabavakalisi.
◆ Emva kokubekelwa imiqathango iminyaka esithoba, iNicaragua kwakhona iye yaqalisa ukusebenza njengesebe ngoMeyi 1, 1991. Abavangeli basemazweni abahlanu abababelwe eNicaragua ngaphambili baye bakwazi ukubuyela ukuze baqhubeke nomsebenzi wobuvangeli basemazweni apho.
◆ Ibandla laseMadadeni North nelaseNewcastle Central ngalinye lawo liye lanikezela iHolo yoBukumkani ngoJuni. Ezi ziya kusetyenziswa ngamabandla amane kummandla waseNewcastle. Kwakukho abantu abangama-615 kwezo zihlandlo. Ibandla laseMontebello, elikwaseNatala, linikezele iHolo yalo yoBukumkani entsha ngoJulayi.