Iintlanganiso Zenkonzo KaSeptemba
PHAWULA: Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani buya kucwangcisela iNtlanganiso Yenkonzo yeveki nganye ebudeni beenyanga zendibano. Amabandla asenokwenza uhlengahlengiso oluthile njengoko kuza kufuneka aye kwindibano yesithili aze emva koko enze impinda yemizuzu engama-30 yeembalasane zocwangciso kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki elandelayo. Impinda yosuku nosuku inokwabelwa kwangaphambili abazalwana ababini okanye abathathu abafanelekayo abaya kukwazi ukugxininisa kwiingongoma eziziintloko. Le mpinda elungiselelwe kakuhle iya kubanceda abazalwana ukuba bakhumbule iingongoma eziziintloko abanokuzisebenzisa ngokobuqu nasentsimini. Amagqabaza kunye namava abaliswa ngabaphulaphuli afanele abe mafutshane yaye angqale.
Iveki Eqala NgoSeptemba 2
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Balaselisa iingongoma ekunokuthethwa ngazo kwiinkupho zakutshanje zamaphephancwadi.
20 imiz: “Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ukuqalisa Izifundo Ngokuzicela Ngokungqalileyo.” Maligutyungelwe ngemibuzo neempendulo. Emva kokuxubusha isiqendu 3 nesesi-4, bonisa indlela esinokucelwa ngayo ngokungqalileyo isifundo ngokusebenzisa incwadi Unokuphila Ngonaphakade nephecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo. Ukusicela ngokungqalileyo kuya kukwenza ubone ubungakanani bomdla anawo umninimzi. Gxininisa imfuneko yokubuyela bonke ababonise umdla enoba kuhanjiswe uncwadi kwasekuqaleni okanye akunjalo. Khuthaza bonke ukuba bazame ukuqalisa izifundo zeBhayibhile ngokuzicela ngokungqalileyo kwinkonzo yasentsimini ngale mpela-veki.
15 imiz: Isingxobo Semibuzo, “Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani Benziwe Ngendlela Entsha,” neeNdaba Ezingokobuthixo. Nikela ingxelo ngenkqubela eyenziweyo xa bekusetyenzwa umhlaba ongabelwanga bani uze uxubushe ngamalungiselelo exesha elizayo okusebenza loo ntsimi. Bakhuthaze bonke ukuba baluxhase ngokupheleleyo olu hlaselo. Bakhuthaze ukuba babe nenxaxheba kubulungiseleli basentsimini ngale mpela-veki.
Ingoma 157 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 9
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa iingongoma ezikumaphephancwadi ezinokusetyenziswa kwinkonzo yasentsimini ngale mpela-veki. Yiba nomboniso omnye okanye emibini ngokuvuma kwexesha.
20 imiz: Zibekele Usukelo Lobuqu Lonyaka Omtsha Wenkonzo. Umveleli wenkonzo uhlolisisa umsebenzi webandla kunyaka odlulileyo wenkonzo. Bancome ngokufudumeleyo apho benze khona uphuculo. Chaza iinkalo ekufuneka kunikelwe ingqalelo kuzo ngokwasekuhlaleni ebudeni bonyaka omtsha wenkonzo, uze unikele amacebiso asebenzisekayo. Yintoni eye yenziwa ukunceda abafundi abasebatsha ukuba babe ngabavakalisi abathe rhoqo? Hlolisisa ileta evela kuMbutho yomhla kaJuni 10, 1991, eyayibhalelwe amaqumrhu abadala neyayigxininisa indlela yokuphelisa ukuxhiphulisa. Khumbula ukuba usukelo lwethu kuyo yonke intsimi lusaya kuba kukuba mvakalisi ngamnye abekho rhoqo enkonzweni nyanga nganye, nokunceda abafundi abasebatsha abafanelekayo ukuba babe nenxaxheba kubulungiseleli. Sebenzisa i-Index ukuze ufumane inkcazelo ngombandela ekukho intswelo kuwo nangendlela yokusebenzisa isiluleko esinikelwayo. Abo bahlala bethembekile enkonzweni balukhuthazo kwabanye. (Heb. 6:10) Dlan’ indlebe nabavakalisi okanye oovulindlela ababini abaye benza inkqubela entle ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo. Luluphi usukelo abazibekele lona ngowe-1992? Kwakhona, dlan’ indlebe nomvakalisi okanye uvulindlela oye wakhonza ngokuthembekileyo kangangeminyaka emininzi, aze achaze nobunzima aye wahlangabezana nabo nendlela aye waboyisa ngayo ngoncedo oluvela kuYehova nakwintlangano yakhe. Bakhuthaze bonke ukuba babe nosukelo olusengqiqweni lokuphucula ubulungiseleli babo ebudeni bonyaka wenkonzo we-1992.
15 imiz: “Ukusingatha Imbopheleleko Yethu Yokwenza Okuhle Kwabanye.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Xa uqwalasela isiqendu 4, bonisa indlela umdala eHolweni yoBukumkani asenokumncoma ngayo umvakalisi ngomzekelo wakhe wokuthembeka kangangeminyaka. Usenokubuza abaphulaphuli ngoko kumele kwenziwe ukunceda. Phofu ke, kufanele kugxininiswe ekuncomeni.
Ingoma 94 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 16
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni nengxelo yemali. Funda isaziso soMbutho sokuyifumana iminikelo uze uvakalise uxabiso ngokuxhasa kwabavakalisi ngokwemali umsebenzi woMbutho kwanowebandla.
20 imiz: “Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla—Icandelo 3.” Abaqhubi beSifundo Sencwadi Sebandla ababini baxubusha lo mbandela, bebonisa indlela onokusetyenziswa ngayo ekuhlaleni. Bagxininisa indlela sonke esingenelwa ngayo xa abavakalisi besebenzisana namalungiselelo enkonzo. Khankanyani imfuneko yokubonisa intlonelo ngamakhaya asetyenziselwa intlanganiso yenkonzo yasentsimini, nize nibancome abo bathi ngobubele bawavule amakhaya abo. (kmXO 3/86 iphe. 3) Ekubeni maxa wambi kuye kufuneke ezinye iindawo, nabani na ongathanda ukuba kusetyenziswe ikhaya lakhe unokwazisa umveleli owongamelayo okanye umveleli wenkonzo. Qukani neengongoma zengxubusho yeveki ephelileyo ezingokuzibekela usukelo lwenkonzo. Umveleli wenkonzo unokubanceda aze abakhuthaze abavakalisi ukuba bafikelele usukelo lwabo kubulungiseleli.
15 imiz: “Lutsha—Ngaba Niya Kuluphumelela Uvavanyo Lokunyaniseka KobuKristu?” Intetho esekelwe kwinqaku leMboniselo kaJuni 15, 1991. Gxininisa ubuyatha bokuphila ubomi obumbaxa.
Ingoma 171 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 23
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Balaselisa ingongoma enye okanye ezimbini ezikumaphephancwadi akutshanje. Khuthaza abavakalisi ukuba babe nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini ngale mpela-veki.
20 imiz: “Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini—Icandelo 3.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Kwisiqendu 4, yiba nomvakalisi onamava ebonisa indlela yokunceda osemtsha xa besentsimini. Mabenze uqheliselo ekuthi kulo lo usemtsha asebenzise amacebiso omvakalisi onamava ekoyiseni inkcaso yokwenene.
15 imiz: Unobhala uhlolisisa kunye nebandla imiyalelo yefomu ehlaziyiweyo ethi Indlela Echanileyo Yokusingatha Imirhumo (S-AB-11) ethunyelwe kuwo onke amabandla. Ngaphambi kokunikela le nxalenye qinisekisa ukuba le miyalelo ixhonyiwe kwibhodi yezaziso. Balaselisa iingongoma ezinokuthanani nayo ezikwileta yoMbutho kaMeyi 15, 1991, ingakumbi engokubaluleka kokuzalisa amaphetshana emirhumo ngokucacileyo nokuwasingatha ngokukhawuleza amaphetshana athi Ulandelelo Lomrhumo Olungenakusiwa (M-210). Gxininisa imfuneko yokuthumela imirhumo kuMbutho iveki ngeveki, nokuba mnye kuphela umrhumo ofunyenweyo.
Ingoma 70 nomthandazo wokuqukumbela.