Ngaba Ungakwazi Ukuba Nguvulindlela Ongumncedani?
1 UYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba bazibhokoxe kubulungiseleli, ibe wabaqinisekisa ukuba ukulandela eli khondo kwakuya kubazisela ulonwabo neentsikelelo ezininzi zokomoya. (Mat. 10:8b; IZe. 20:35) KuAprili odluleyo abantu abangaphezu kwama-6000 bazingcamlela ngokwabo uvuyo lokwandisa inkonzo yabo njengoovulindela babancedani. Ngaba ungakwazi ukuzizuzela nawe ezi ntsikelelo kulo nyaka ngokubhalisa njengovulindlela ongumncedani ebudeni bukaMatshi okanye uAprili okanye mhlawumbi kuzo zombini ezo nyanga?—INdu. 34:8.
2 Ukuhlolisisa Iimeko Zakho: Njengoko uqwalasela amava akhankanywe ngezantsi, zibuze oku: ‘Ngaba ukho umntu okwimeko efana neyam kule mizekelo? Ndinokulwenza njani uhlengahlengiso oluyimfuneko noluya kundivulela ithuba lokuba ndibe nguvulindlela ongumncedani?’
3 Omnye udade wakwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani nakubeni enabantwana abahlanu yaye ephangela. Wavuzwa njani? Umyeni nabantwana bakhe bamxhasa kakuhle kakhulu, yaye ngenxa yomzekelo omhle owamiselwa ngulo dade, indoda yashukunyiselwa ukuba ibe ngumvakalisi ongabhaptizwanga kwinyanga elandelayo.
4 Kwelinye ibandla bonke abadala nezicaka zolungiselelo bakhonza njengoovulindlela babancedani ebudeni benye inyanga. Inkoliso yabo yayiphangela, kodwa ngeempela-veki yayizibhokoxa kanobom kwimisebenzi yokomoya. Ukukhokela kwabo kakuhle ekushumayeleni nasekwenzeni amalungiselelo enkonzo yasentsimini kwalizisela iingenelo lonke ibandla. Kubavakalisi abangama-77, abangama-73 bangenela ezinye zeenkalo zenkonzo yobuvulindlela ebudeni baloo nyanga.
5 Intombazana eneminyaka eli-15 ubudala nesafundayo yasebenzisa iiveki ezimbini zekhefu layo ukuze ibe nesabelo kwinkonzo yobuvulindlela bobuncedani kwaye ithi: “Ngokwenene ndiyawubona umahluko, ngokukodwa ukuphucula kwindlela yam yokuncokola. Ndiye ndakwazi ukuba neencoko ezingakumbi nabantu ezindlwini.”
6 Ngokufuthi abo badla umhlala-phantsi banamathuba amahle kakhulu okusukela izilangazelelo zoBukumkani. Emva kokufa komyeni wakhe, udade oneminyaka engama-84 ubudala wabhala: “Bonke abantwana bam babekhulile yaye betshatile ibe beneentsapho zabo. Abazange bandilahle, kodwa ukutyelela kwabo kwakungaziphelisi iimvakalelo zokuphelelwa lithemba nokuba lilolo. Wandula ke omnye wabadala kwibandla endikulo wacebisa ukuba ndibe nguvulindlela ongumncedani. Ndandimathidala kodwa ekugqibeleni ndagqiba kwelokuba ndizame. Olunjani lona uvuyo ekwaba lulo oko! Ndaba noluvo lokuba uYehova wandivumela ukuba ndiphile de ndibe yile ntanga ukuze ndikwazi ukungcamla ubuvulindlela bobuncedani. Ndiye ndaqhubeka njengovulindlela ongumncedani kuzo zonke iinyanga ukususela ngoko.”
7 Umzalwana othengisa izindlu nemihlaba wahlengahlengisa ucwangciso lwakhe lokubonisa abantu izindlu ukuze akwazi ukuba nethuba lenkonzo yobuvulindlela. Ngokufanayo nabanye baye bahlengahlengisa umsebenzi wabo wengqesho ukuze babe nethuba lalo msebenzi wongezelelekileyo.
8 Yenza Ucwangciso Lwakho Ngoku: Kutheni ungacwangcisi kakuhle kwangoku ukuze ube nguvulindlela ongumncedani ngoMatshi nangoAprili? Ukuze uphumelele, ufanele ucwangcise ngenyameko. Oku kubonakala kumava abo baye bakwazi ukuba ngoovulindlela babancedani nakubeni babeneembopheleleko zentsapho, bephangela ixesha elizeleyo, yaye benezinye iimbopheleleko ezingokweZibhalo. Thetha nabanye abaye baphumelela njengoovulindlela ukuze ungenelwe kumava abo. Kwakhona, yiya kuYehova ngomthandazo, umcele akuncede.—Isa. 40:29-31; Yak. 1:5.
9 Alithandabuzeki elokuba abo balungisa imicimbi yabo ukuze bakhonze njengoovulindlela babancedani bavuya kakhulu. Ukuba akusele ukwinkonzo yexesha elizeleyo, ngaba ungakwazi ukunandipha eli lungelo? Ukuba wenza umgudu wokwandisa ilungelo lakho lokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo, ngokuqinisekileyo uYehova uya kukuthululela intsikelelo etyebileyo.—Mal. 3:10.