IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/92 iphe. 1
  • Qiniseka Ukuba Uyabuyela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Qiniseka Ukuba Uyabuyela
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Ukubuyela Kukhokelela Kwizifundo ZeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Kufunwa Izifundo ZeBhayibhile Ezingakumbi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Ukulungiselela—Eyona Nto Ibalulekileyo Ukuze Uphumelele Kumabuyelo
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 2/92 iphe. 1

Qiniseka Ukuba Uyabuyela

1 Njengabalungiseleli beendaba ezilungileyo, siyalelwa ukuba senze abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ukwenza amabuyelo yinxalenye ebalulekileyo yomsebenzi wethu wokwenza abafundi. Siyaqonda ukuba kubandakanyeke ubomi, ngoko sifuna ukwenza konke esinako ukuvuselela umdla obonakaliswe ekuqaleni.

2 Umntu ngamnye esimshiyele uncwadi sifanele simgqale njengesimele sibuyele kuye. Noko ke, ukuhambisa uncwadi akufanele kube kuphela kwesizathu sokubuyela ebantwini. Abaninzi baba nomdla wokuxubusha ngesigidimi seBhayibhile kodwa bangalwamkeli uncwadi. Ngoko ukuba kubonakaliswe umdla, sifanele nakanjani na sibuyele size sizame ukuwuvuselela.

3 Ukubuyela Apho Sishiye Khona Uncwadi: Ekubeni amanani oncwadi oluhanjisiweyo ewodlula lee amanani amabuyelo, kusenokwenziwa uphuculo olukhulu. Omnye uvulindlela wahambisa incwadi kodwa waphawula ukuba umninimzi akanamdla kangako. Ngenye injika-langa emva kokutyelela bonke abanye abantu, lo mzalwana wagqiba kwelokuba atyelele lo mntu. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile.

4 Omnye umzalwana wahambisela enye indoda amaphephancwadi amabini kodwa walibala ngayo, ecinga ukuba yayingenamdla. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, le ndoda yabhalela ibandla lasekuhlaleni ileta icela ukubhaptizwa. Udade ongumvangeli wasemazweni wabuzwa ngoko wayevakalelwa kukuba ngoyena thunywashe ubalaseleyo ekubeni akwazi ukunceda abantu abangama-74 babe ngabavakalisi. Wathi: “Sasihambisa kakhulu amaphephancwadi, yaye ndandisoloko ndibuyela kubantu ababethabatha amaphephancwadi de ndakwazi ukuqalisa izifundo zeBhayibhile nabo.”

5 Maxa wambi ekuphela kwento esinokuyenza kutyelelo lokuqala kukushiyela umninimzi iphecana. Ngokufuthi, amaphecana anokusetyenziswa ngokuphumelelayo kumabuyelo ukubonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile. Omnye umveleli wesiphaluka, esebenza nomnye umvakalisi, washiya iphecana kwibhinqa elithile. Yayilutyelelo nje olungephi, kodwa lo mveleli wesiphaluka wamkhuthaza udade ukuba abuyele. Udade wabuyela waza ngoko nangoko waqalisa isifundo seBhayibhile.

6 Xa Kubonakaliswa Umdla: Xa umninimzi engalwamkeli uncwadi kutyelelo lokuqala, oku akusoloko kubonisa ukuba akanamdla. Ngokubuyela kwesinye isibini esiselula, omnye umvakalisi wafumanisa ukuba sasisele sinazo ezinye zeencwadi zethu yaye sasikhe safundisisa ngaphambili. Savuma ngokulula ukuphinda siqalise isifundo saso. Uvulindlela okhethekileyo waphawula intlantsana yomdla kwelinye ibhinqa elalisoloko lingafuni nokuwabona amaphephancwadi ethu. Lo vulindlela wawabekela ecaleni amaphephancwadi, yaye eli bhinqa lalikulungele ukuxubusha iziqendu ezimbalwa kwenye yeencwadana. Emva kokutyelelwa ngezinye izihlandlo ezimbalwa ezingakumbi, laliqhutyelwa isifundo seBhayibhile kabini ngeveki.

7 Umntu ngamnye ozahlulela kuYehova ufanele azive enembopheleleko yokuba nenxaxheba kumsebenzi wokwenza abafundi. Njengoko sibuyela rhoqo kubo bonke abo babonakalisa umdla, siya kuvuna isiqhamo esiya kuzisa iintsikelelo ezityebileyo kuthi ‘nakwabo basivayo.’—1 Tim. 4:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share