IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/92 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zenkonzo KaFebruwari

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zenkonzo KaFebruwari
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 3
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 10
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 17
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 24
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 2/92 iphe. 2

Iintlanganiso Zenkonzo KaFebruwari

Iveki Eqala NgoFebruwari 3

Ingoma 63

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Balaselisa iindlela zokunikela amaphephancwadi ezisekelwe kwiinkupho zakutshanje. Khuthaza ukunikela ubungqina njengeqela ngempela-veki.

20 imiz: “Lungiselela Intshumayelo Yakho KaFebruwari.” (10 imiz.) Imibuzo neempendulo. (8 imiz.) Imiboniso elungiselelwe kakuhle yeentshumayelo ezimbini okanye ezintathu ezicetyisiweyo nezizezona zifanelekileyo kwintsimi yasekuhlaleni. (2 imiz.) Bakhuthaze bonke ukuba bafunde baze basebenzise intshumayelo enye okanye ezingakumbi ezicetyisiweyo.

15 imiz: “UAdam noEva,” incwadi Ukuqiqa, iphepha 25-7. (5 imiz.) Intetho etshayelelayo esekelwe kumbandela ophantsi komxholwana othi “Ngaba uAdam noEva babengabantu nje abayimifuziselo (abathelekelelwayo)?” (6 imiz.) Umboniso wokwenziwa kwebuyelo kumntu umvakalisi awayemshiye nombuzo othi “Ngaba isono sika-Adam sabakho ngenxa yokuthanda kukaThixo, ilicebo likaThixo?” (4 imiz.) Khuthaza ukusetyenziswa kwecandelo elithi “Ukuba Ubani Uthi—” kumanqaku akwincwadi Ukuqiqa njengemixholo enokuxutyushwa kumabuyelo. Caphula imizekelo eyongezelelekileyo.

Ingoma 30 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoFebruwari 10

Ingoma 215

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, kuquka amalungiselelo enkonzo kuloo veki. Khuthaza ukuba kwenziwe umgudu ongakumbi wokwenza amabuyelo kule veki nakule nyanga. Le Ntlanganiso Yenkonzo iza kucacisa ize ibonise iintshumayelo ezine eziluncedo esinokuzisebenzisa ekubuyeleni kubantu abanomdla. Khetha enye okanye ezingakumbi ukuze uzisebenzise kule veki.

20 imiz: “Ukuqalisa Incoko Xa Ubuyela.” (3 imiz.) Intetho yokutshayelela egubungela iingongoma ezikwisiqendu 1 nesesi-2. (15 imiz.) Imiboniso elungiselelwe kakuhle yentshumayelo nganye kwezintathu ezikwisiqendu 3-5. Ngokuvuma kwexesha, emva komboniso ngamnye, kunokuthethwa okuthile ngokusebenziseka kwaloo ntshumayelo. (2 imiz.) Usebenzisa iingongoma ezikwisiqendu 6, bakhuthaze bonke ukuba balungiselele baze basebenzise ubuncinane intshumayelo enye kwezicetyisiweyo zokuqalisa incoko nabo babonakalise umdla.

15 imiz: “Ngaba Ungakwazi Ukuba Nguvulindlela Ongumncedani?” Ingxubusho ngumdala neqela labavakalisi abakhe bangoovulindlela babancedani ngaphambili nabaceba ukubhalisa kwakhona ngoMatshi nangoAprili. Ekugubungeleni iingongoma ezisenqakwini, abavakalisi bachaza isizathu sokuba befuna ukuba ngoovulindlela babancedani. Babalisa iintsikelelo abazifumanayo baze bachaze uhlengahlengiso ekwafuneka balwenze ukuze bafikelele inani leeyure ezifunekayo. Le ngxubusho ifanele ibalaselise uvuyo lokuba nguvulindlela ongumncedani ize ikhuthaze bonke ukuba bacinge ngeli lungelo lenkonzo ukuba iimeko zobuqu ziyabavumela. Kwakhona likhuthaze ibandla ukuba liqalise ngoku ukulungiselela ukuba nesabelo ngokupheleleyo kusuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi ngoAprili 11.

Ingoma 114 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoFebruwari 17

Ingoma 211

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, ingxelo yemali, nesaziso soMbutho sokufunyanwa kweminikelo. Bancome abazalwana ngokuxhasa kwabo ngemali izilangazelelo zoBukumkani. Bakhuthaze abavakalisi ukuba babe nesabelo kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki.

20 imiz: “Qiniseka Ukuba Uyabuyela.” Imibuzo neempendulo kunye nemiboniso. Emva kokuqwalasela isiqendu 5, bonisa indlela yokubuyela kumntu obeshiyelwe iphecana. Ingxubusho ikhokelela kwisifundo seBhayibhile kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade. Emva kokuqwalasela isiqendu 6, bonisa indlela yokubuyela kumntu ongalwamkelanga uncwadi ngaphambili. Emva komboniso, buza umvakalisi isizathu sokuba agqibe kwelokuba abuyele kulo mntu obengalwamkelanga uncwadi kutyelelo lokuqala.

15 imiz: “Ukuhlangabezana Ngovuyo Neemfuno Zesivuno.” Ukugutyungelwa kwesiqendu 1-16 ngemibuzo neempendulo. Bethelela iingenelo zokuqhagamshelana neKomiti Yokwakha Yenqila ngaphambi kokuqalisa umsebenzi wokwakha iHolo yoBukumkani. Bancede bonke babone ukuba imali enikelweyo ifanele isetyenziswe ngobulumko ngokuba nenyameko ekuthengeni, iiplani zesakhiwo ezingantsonkothanga nokulandela ngokuneenkcukacha zonke iinkqubo zogcino-mali.

Ingoma 133 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoFebruwari 24

Ingoma 115

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, kuquka amalungiselelo enkonzo yasentsimini kuloo veki, neeNdaba Ezingokobuthixo.

15 imiz: “Ukubonakalisa Inkxaso Koovulindlela.” Imibuzo neempendulo kunye nodliwano-ndlebe. Gxininisa kwiintsikelelo ezizuzwa libandla lonke xa oovulindlela benikwa inkxaso efunekayo. Dlan’ indlebe noovulindlela, bebalaselisa indlela abaye bancedwa ngayo ngabadala nangabanye ebandleni kubulungiseleli babo bobuvulindlela.

20 imiz: “Ukuhlangabezana Ngovuyo Neemfuno Zesivuno.” Ukuxutyushwa kwesiqendu 17-37 sesihlomelo ngabazalwana ababini abaye banenxaxheba kumsebenzi wokwakha iHolo yoBukumkani kwingingqi yasekuhlaleni ukuba bakho. Kufanele kubalaseliswe imfuneko yabasebenzi abangakumbi bokuzithandela kunye nenkcazelo engomgaqo omele ulandelwe xa kuzaliswa ifomu ethi Kingdom Hall Construction Worker Questionnaire. Mababonise ukuba ngoobani abafanelekayo ukuzalisa ezi fomu. Mabaquke amava akhuthazayo asenokuba aye ananditshwa kumsebenzi wokwakha wasekuhlaleni.

Ingoma 43 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share