Iindaba Ezingokobuthixo
EMzantsi Afrika: I-12 498 labavakalisi, oovulindlela noovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana bashumayela kumhlaba ongabelwanga bani nyakenye. Aba balungiseleli bachithe iiyure ezili-140 556 kubulungiseleli. Bahambise iincwadi ezili-11-870, iincwadana ezingama-38 159 namaphephancwadi angama-65 800 baza bafumana imirhumo engama-274. Benza amabuyelo ali-13 906 yaye baqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-1859. Ukuba kunokwenzeka, siyanikhuthaza ukuba niwunyamekele lo msebenzi mhle ngokusoloko niqhagamshelana nabo banomdla. Kwakhona uAgasti, uSeptemba no-Oktobha babekelwe bucala ukwenzela umhlaba ongabelwanga bani kulo nyaka.