IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/92 iphe. 10
  • Utyelelo Lokuqala Olunempumelelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Utyelelo Lokuqala Olunempumelelo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubuyela Ukuze Sakhe Uxabiso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Vakalisani Ngokubanzi Iimbalasane ZikaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Yandlala Isiseko Esifanelekileyo Kutyelelo Lwakho Lokuqala
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 4/92 iphe. 10

Utyelelo Lokuqala Olunempumelelo

1 Ukuqalisa incoko kubulungiseleli kusenokuba lucelomngeni ngokwenene ekubeni abantu bexakeke gqitha yimicimbi yabo okanye sele beneembono ezendeleyo ngonqulo. Sinokucinga ngantoni eya kusinceda ekwenzeni utyelelo lwethu lokuqala lube nempumelelo?

2 Ekubeni ngeli xesha lonyaka abantu abaninzi becinga ngoYesu, unokuqalisa incoko yakho ngokuthi:

◼ “Ngeli xesha enyakeni, ngokuqinisekileyo sicinga ngedini likaYesu. Ucinga ukuba uYesu wenza ntoni ngoku?” Lindela impendulo. Unokwandula ke ufunde nomninimzi ISityhilelo 6:2, apho uYesu achazwa njengohleli kwihashe elimhlophe yaye ephuma ukuba aye kugqiba uloyiso lwakhe. Thetha ngendima yakhe yokuba ngukumkani neengenelo ezingunaphakade ulawulo lwakhe oluya kuzizisa kulo lonke uluntu oluthobelayo.

3 Xa unikela inkupho ka-Aprili 1 enenqaku elithi “Inkululeko Yokwenyaniso—Ivela Kuwuphi Umthombo?,” usenokuthi:

◼ “Ehlabathini lonke abantu bazabalazela inkululeko. Kodwa izithembiso zenkululeko ezinziwe ngoorhulumente babantu aziphumelelanga. Ukunqula uYehova, uThixo wokwenyaniso, kuzisa inkululeko engapheliyo.” Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 3:17, uze ubonise ukuba le nkupho yeMboniselo ibalaselisa idinga likaThixo yaye ibonisa isizathu sokuba iziganeko zehlabathi zingqina ukuba isondele inkululeko yethu.

4 “IMboniselo” ka-Aprili 15, 1992, unokuyitshayelela ngokubalaselisa umbandela womthandazo, uthi:

◼ “Ngokuqhelekileyo abantu bathandazela ukoyisa ngamaxesha emfazwe. Ngaba ucinga ukuba uThixo uyayiva loo mithandazo aze athabathe icala? [Lindela impendulo.] Khawuqwalasele eyeBhayibhile impendulo.” Yandula ke ufunde uze ugqabaze ngeyoku-1 kaPetros 3:12. Emva kwengcaciso emfutshane, yalatha kokuthile kwinqaku leMboniselo okusenokuxhokonxa umdla waloo mntu wokufunda elo phephancwadi. Mchazele ngomrhumo.

5 Khumbula ukuba usukelo lwethu kukuqhuba izifundo zeBhayibhile. Ekubeni abaninzi beza kuba bengoovulindlela abangabancedani ngoAprili, siya kuba namathuba angakumbi okufumana abantu abanomdla wokufundisisa iBhayibhile. Kodwa kwanokuba iimeko zethu azisivumeli sibe ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili, sonke sinokuzibekela usukelo lokuqalisa isifundo seBhayibhile.

6 Abanye abavakalisi baye basebenzisa amaphecana ukuqalisa izifundo zeBhayibhile kutyelelo lokuqala.

Xa unikela iphecana “Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo,” usenokuthi:

◼ “Singabasebenzi bokuzithandela apha elumelwaneni lwakho. Mandikunike eli phecana, elichaza umsebenzi wethu. Ngaba ucinga ukuba ihlabathi loze libe njalo?” Ngemva kokuba ephendule, unokuxubusha naye iziqendu ezimbalwa zokuqala, ubalaselisa uMateyu 6:9, 10 neNdumiso 37:29.

7 Cingisisa nzulu ngendlela oya kuzazisa ngayo. Kukho amacebiso abalaseleyo kwincwadi Ukuqiqa kwiphepha 9-15. Ukuzisebenzisa ngobuchule ezi ntshayelelo kuya kukunceda wenze utyelelo lokuqala ngokunempumelelo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share