Iintlanganiso Zenkonzo KaJuni
Iveki Eqala NgoJuni 1
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezifanelekileyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Njengoko kusele iinyanga ezintathu kuphela kulo nyaka wenkonzo, bonke abavakalisi bayakhuthazwa ukuba babe nesabelo rhoqo kubulungiseleli veki nganye baze bayingenise ngokukhawuleza ingxelo ekupheleni kwenyanga.
15 imiz: “Imfuneko Yokuba Uluntu Lufune UThixo.” Imibuzo neempendulo. Khuthaza ukuba nehlombe ngomsebenzi wethu entsimini kule nyanga. Bonisa indlela le mpapasho enokubanceda ngayo abantu beenkonzo ngeenkonzo kwintsimi yenu.
20 imiz: “Ukutshayelela Incwadi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo.” Xubusha uze wenze nemiboniso ngamanye amacebiso akweli nqaku. Komnye umboniso bonisa indlela yokukucela ngokungqalileyo ukuqalisa isifundo. Kwakhona, bonisa indlela ezinokusetyenziswa ngayo ngempumelelo iindlela ezilishumi zokufanisa unqulo lokwenyaniso ezikwiphepha 377.
Ingoma 225 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 8
10 imiz: Izaziso. Lungiselela kusengaphambili ukuba oovulindlela ababini abathe ngxi okanye abangabancedani bagqabaze ngeentshayelelo abazifumanise zinempumelelo xa bebesebenza kwintsimi yasekuhlaleni.
15 imiz: “Yiba Nomoya Wokuzincama!” Intetho ekwinqaku leMboniselo kaFebruwari 1, 1992, iphepha 25-8. Bethelela into yokuba ukuba nomoya wokuzincama asingombandela wokhetho kodwa yimfuneko kumKristu. Akukho nto isilahlekelayo xa sincama izinto eziphathekayo nokuzihlaziya ukuze sisukele izilangazelelo zoBukumkani kuqala.
20 imiz: “Ubuvulindlela—Imbonakaliso Yothando.” Imibuzo neempendulo. Emva kokuxubusha isiqendu 3 nesesi-4, dlan’ iindlebe noovulindlela abathe ngxi abathathu (okanye abavakalisi ababa ngoovulindlela abangabancedani rhoqo okanye ngamathuba athile), kuquka novulindlela oselula, ukuba ukho, owaba nguvulindlela kwakamsinya nje ukugqiba kwakhe esikolweni. Buza indlela abayilungelelanisa ngayo imicimbi yabo ukuze babe ngoovulindlela, into eyabashukumisela ukwenjenjalo, ukuncama izinto eziphathekayo ekwafuneka ukuba bakwenze, neentsikelelo abaye bazifumana ngoxa bekhonza njengoovulindlela abathe ngxi.
Ingoma 61 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 15
10 imiz: Izaziso. Khankanya iimbalasane zengxelo yenkonzo yasentsimini ngoMatshi. Bonisa indima elaba nayo ibandla lasekuhlaleni kwingxelo kaMatshi yenkonzo yasentsimini. Ngokufutshane xubusha amalungiselelo ebandla ngokuphathelele uhlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. Nikela ingxelo yemali. Lincome ibandla ngomsebenzi eliwenzileyo kwinkonzo yasentsimini nangobubele bokuxhasa ibandla ngemali.
20 imiz: “Ngaba Uya Kubunikela Ubungqina Obungacwangciswanga?” Xubusha uze wenze umboniso ngeengongoma ezikweli nqaku. Gxininisa isibakala sokuba singamaNgqina kaYehova ngawo onke amaxesha, ngoko sifuna ukukhangela amathuba okunikela ubungqina. Lungiselela kusengaphambili ukuba abantu ababini babalise ngokufutshane amava abantu abanikela ubungqina obungacwangciswanga kwaza kwanemiphumo emihle okanye omntu ebandleni owaba nomdla enyanisweni ngenxa yobungqina obungacwangciswanga.
15 imiz: Ingxubusho nemiboniso yemibandela yeBhayibhile nokunikelwa kwencwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, usebenzisa uIsaya 55:6, 7 neZenzo 17:26, 27. Bonisa indlela abasebatsha nabaselula abanokuyisebenzisa ngayo intshumayelo elula, besebenzisa nje uIsaya 55:6, 7.
Ingoma 154 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 22
5 imiz: Izaziso. Iindaba Ezingokobuthixo. Ekugubungeleni okubonisiweyo, thelekisa ingxelo yangoku nenkcazelo eyayithetha ngelo sebe ngonyaka wenkonzo we-1986, njengoko ikwingxelo yonyaka wenkonzo kwi-1987 Yearbook.
20 imiz: “Ngaba Ukulungele Ukujamelana Nemeko Yezonyango Elucelomngeni Elukholweni?” Umdala onobuchule uqwalasela inqaku ngemibuzo neempendulo, egubungela iziqendu ezisekuqaleni kwesihlomelo ukusa kumxholwana othi “Uncedo Olubalulekileyo Ngexesha Olufuneka Ngalo.” Gxininisa ukucinga ngoko kumelwe kwenziwe kungekenzeki nto. Cebani ngoku njengentsapho—hlalani nilungile!
20 imiz: “Ukubuyela Sinosukelo Lokuqalisa Isifundo SeBhayibhile.” Ingxubusho nemiboniso. Yenza umboniso wengxubusho yeBhayibhile ecetyiswe kwisiqendu 3. Sebenzisa isiqendu 17-20 kwiphepha 372-5 lencwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo njengendlela yokuqalisa isifundo seBhayibhile.
Ingoma 135 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 29
10 imiz: Izaziso. Yiba nemiboniso emibini emifutshane ubonisa indlela yokuba nengxubusho yeZibhalo xa unikela amaphephancwadi kwinkonzo yasentsimini ngale mpela-veki.
20 imiz: “Ngaba Ukulungele Ukujamelana Nemeko Yezonyango Elucelomngeni Elukholweni?” Umdala onamava unikela intetho ecacileyo ngalo mbandela ukususela kumxholwana othi “Uncedo Olubalulekileyo Ngexesha Olufuneka Ngalo” ukusa ekupheleni kwenqaku lesihlomelo, ebek’ umnwe kwingenelo yokusebenzisana nabadala basekuhlaleni xa kusingathwa imeko yongxamiseko yezonyango.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni. Kunokwenziwa impinda yeengongoma ezinokusetyenziswa ekuhlaleni nezanikelwa kucwangciso lwendibano yesiphaluka okanye indibano ekhethekileyo yosuku olunye.
Ingoma 167 nomthandazo wokuqukumbela.