Iintlanganiso Zenkonzo KaOktobha
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 5
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, iZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani neembalasane ezikwiiNdaba Ezingokobuthixo. Yenza impinda yamanqaku abalaseleyo akumaphephancwadi angoku; yiba nomboniso omnye okanye emibini emifutshane yokubonisa indlela anokunikelwa ngayo emva kokusebenzisa ingxubusho yeZibhalo kuqala.
15 imiz: “Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi.” Imibuzo neempendulo. Khuthaza abazalwana ukuba banikele imirhumo kubo bonke abantu abadibana nabo ebudeni bukaOktobha. Xa uxubusha isiqendu 6, nikela amacebiso ngeendlela zokuqalisa umzila wamaphephancwadi: Sebenzisa intshayelelo elula nengqalileyo; gcina ingxelo entle yendlu ngendlu; vuselela umdla kwiinkupho zexesha elizayo ngokukhankanya amanqaku aza kuvela; buza imibuzo ephendulwa ngaloo manqaku; qiniseka ukuba uyabuyela rhoqo emva kweeveki ezimbini.—kmXO 7/84 iphe. 8.
20 imiz: Ukuqhuba iSifundo Sencwadi Sebandla ngencwadi ethi Umntu Obalaseleyo. Umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla usebenzisa iqela labavakalisi abane okanye abahlanu ukubonisa ibandla indlela isifundo esifanele siqhutywe ngayo. Lo mboniso umele ulungiselelwe kakuhle uze uqhutywe ngokwemiyalelo eyandlalwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaSeptemba. Sebenzisa isahluko 11 sencwadi Umntu Obalaseleyo. Bonisa indlela iindinyana zezibhalo ezindana ezicatshuliweyo ezisenokwahlulahlulwa ngayo ukuze kunikwe ithuba abafundi abangaphezu komnye ukuba bafunde okanye ukuze kubalaseliswe iinxalenye eziziintloko xa ixesha lingavumi ukuba sifundwe sonke isibhalo. Umqhubi usenokufakela amagqabaza amafutshane apha naphaya ukucacisela abaphulaphuli indlela osetyenziswe ngayo loo mbandela. Ngamnye kubaphulaphuli ufanele ahambisane noku ejonge kweyakhe incwadi.
Ingoma 63 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 12
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali yenyanga; ncoma ngokuvisisana neyesi-2 kwabaseKorinte 9:6, 7. Mema abavakalisi abalungiseleleyo ukuba babalise amava abalaseleyo ekuhambiseni amaphephancwadi ebudeni bukaOktobha.
15 imiz: “Yenza Intshayelelo Eshukumisayo.” Nikela intetho exubusha ngendlela yokulungiselela iintshumayelo kusetyenziswa amanqaku abalaselisiweyo kumaphephancwadi kaOktobha. Lungiselela abavakalisi abafanelekayo ababini okanye abathathu ukuba benze umboniso ngeentshumayelo ezicetyisiweyo; quka umboniso omnye owenziwa ngumvakalisi oselula.
20 imiz: “Bonakalisa Inkxalabo Ngabanomdla.” Xubusha nabaphulaphuli. Xa uqwalasela isiqendu 2, balisa ngeengongoma ezikhethiweyo kwiMboniselo kaDisemba 15, 1981, iphepha 4-6 ubonisa indlela esinokumxelisa ngayo uYesu ekubonakaliseni inkxalabo ngabanye. Quka amagqabaza ngendlela yokuzalisa iphepha lengxelo yendlu ngendlu nendlela elinokusetyenziswa ngayo ekubuyeleni kwabanomdla. Ngokufutshane yiba nomboniso ngenye yeendlela ezicetyisiweyo. Emva kokuba umvakalisi ofanelekayo enze umboniso ngenye yeendlela ezicetyisiweyo, mema abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngezizathu zokuba oku kusenokuba yindlela ephumelelayo yokuqalisa izifundo kwintsimi yasekuhlaleni.
Ingoma 88 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 19
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza ngokufutshane indlela yokuzalisa iifomu zomrhumo, uze wazise ngomzalwana/abazalwana ababelwe ukwamkela imirhumo.
20 imiz: “Ncedani Abantwana Bakhonze UYehova Ngokusuka Entliziyweni.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Bethelela imfuneko yokuba abazali baphumeze imbopheleleko yabo yokumisela umzekelo nokubaqeqesha ngokwabo abantwana babo kubulungiseleli. Mema umzali omnye okanye ababini ukuba babalise oko baye bakwenza nokuye kwabazisela imiphumo emihle. Yiba nomzali owenza umboniso ngendlela yena amncede ngayo umntwana wakhe ukuba alungiselele ingxubusho yeBhayibhile anokuyisebenzisa kubulungiseleli bendlu ngendlu. Qukumbela ngokuba nomnye umntu oselula esenza umboniso ngenye yeengxubusho ezicetyisiweyo.
20 imiz: “INdibano YeSithili ‘Yabathwali Bokukhanya’ Yowe-1992”—Icandelo 1. Ingxubusho nabaphulaphuli yesiqendu 1-12. Abavakalisi basenokuxubusha iingongoma ezithile nezifundo zabo zeBhayibhile eziya kube zikho endibanweni. Khumbuza ibandla ngendibano eliza kuya kuyo uze uxhome ileta (kaMeyi 2, 1992) kwibhodi yezaziso.
Ingoma 221 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 26
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Xubusha ngomnikelo kaNovemba, IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Khuthaza abavakalisi ukuba bazifumanele isixa salo mnikelo baze bakulungele ukuwuhambisa ngeCawa, ngoNovemba 1. Khuthaza bonke ukuba bacinge enoba bangakwazi kusini na ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngoNovemba okanye ngoDisemba xa amathuba eeholide ngokuqhelekileyo esenza kubekho ithuba elingakumbi.
15 imiz: “INdibano YeSithili ‘Yabathwali Bokukhanya’ Yowe-1992”—Icandelo 2. Ingxubusho nabaphulaphuli yesiqendu 13-18 nokwenziwa kwempinda emfutshane ngomxholwana othi “Emasikukhumbule NgeNdibano YeSithili” ngokuvuma kwexesha. Quka izinto ezithile esikhunjuzwa ngazo ngokusekelwe kwiMboniselo kaJuni 15, 1989, iphepha 10-20. Khuthaza amaqela eentsapho ukuba enze impinda yeengongoma ezikula manqaku ngaphambi kokuya endibanweni.
10 imiz: Isingxobo Semibuzo. Xubusha nabaphulaphuli. Bethelela isizathu sokuba kubalulekile ngabantwana ukuba babe nodumo lwehambo entle nomnqweno onyanisekileyo wokuba nesabelo kubulungiseleli basentsimini ukuze bafaneleke njengabavakalisi abangabhaptizwanga.
10 imiz: “Yandisa Isabelo Sakho Ekusasazeni Amaphephancwadi.” Ingxubusho ngumveleli wenkonzo, ekhuthaza ngokufudumeleyo ibandla ukuba lixhase onke amalungiselelo okuhambisa amaphephancwadi, ngokukodwa elangoMgqibelo. Yenza impinda ngendlela ibandla eliwahambise ngayo amaphephancwadi kwiinyanga ezimbalwa ezidluleyo. Bancede bonke ukuba bakuxhalabele ukuhambisa amaphephancwadi nokuba bazibekele usukelo lobuqu.
Ingoma 111 nomthandazo wokuqukumbela.