Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Kwincwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo
1 Ukuba nesifundo seBhayibhile sekhaya kuya kuba yinto evuyisayo nenomvuzo kuwe nakumninimzi. Ayikho into enokuthelekiswa novuyo lokwabelana nabanye ngolwazi lweBhayibhile.—IMize. 11:25.
2 Umqondiso Wemihla Yokugqibela: Ukuba ubusebenzise icebiso elikwinqaku elingasentla waza waqalisa ingxubusho yakho ngokusebenzisa iphecana elithi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?, unokusiqalisa njani isifundo usebenzisa isahluko 111 sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo? Tyhila isahluko 111 sale ncwadi, uze ufunde iziqendu ezithathu zokuqala. Usenokwandula ubuze umbuzo wokuqala osekupheleni kwesi sahluko: “Yintoni ephembelela umbuzo wabapostile, kodwa ngokucacileyo yintoni enye abacinga ngayo?” Mncede umninimzi aqiqe ngale mpendulo, yaye yenza umzekelo xa umfundisa. Emva kokufunda isiqendu sesine ukusa kwesesithandathu, buza umbuzo wesibini: “Yiyiphi inxalenye yesiprofeto sikaYesu ezaliseka ngowama-70 C.E., kodwa yintoni engenzekiyo ngoko?” Ukuba umninimzi ubonakala enomdla yaye enexesha, qhubeka nengxubusho yakho.
3 Xa kubonakala ukuba umninimzi uya kulungelwa lelinye ixesha, usenokumbuza oku: “Ungathanda ukwazi ngakumbi ngokuba siya kufika nini isiphelo sale nkqubo yezinto?” Ngoko usenokulungiselela ukubuyela ukuze uphendule loo mbuzo.
4 Ngaba Liya Kubakho Ihlabathi Elinoxolo? Ukuba ubusebenzise iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo ukutshayelela incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, isahluko 133 sinokuba luncedo njani ekuqaliseni isifundo seBhayibhile?
Emva kokufunda eyesi-2 kaPetros 3:13, usenokufunda okanye ushwankathele isiqendu sesibini kwiphepha 3 leli phecana uze uthi:
◼ “UYesu Kristu, uNyana kaThixo, uya kuba nguKumkani woBukumkani bukaYehova. Phawula indlela incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila emchaza ngayo uYesu nendlela esichazela ngayo ngoko aya kukufeza kwikamva.” Yandula ufunde sonke isahluko. Buza umninimzi umbuzo wokuqala osekupheleni kweso sahluko: “‘Liliphi ilungelo elivuyisayo eliya kunanditshwa ngabo baya kusinda kwiArmagedon kunye nabantwana babo?’ [Vumela impendulo. Neminye imibuzo isenokuxutyushwa ngendlela efanayo.] Ngaba ubungathanda ukuba yinxalenye yalo mhlaba mtsha uYesu aya kulawula kuwo njengoKumkani? Bendingathanda ukuba nethuba veki nganye lokukunceda ubone ngokusuka eBhayibhileni indlela onokukufumana ngayo oku.”
5 Bambi abantu basenokuba nomdla kwingxubusho ebhekele phaya ngoYesu Kristu kolu tyelelo.
Usenokuthi:
◼ “Kuye kwenziwa umgudu wokubalaselisa ubomi bukaYesu basemhlabeni kule ncwadi njengokuba buchazwe kwiincwadi zeVangeli ezine. Ngaba ubungathanda ukufunda okungakumbi ngobomi bukaYesu emhlabeni?” Ukuba umninimzi uyavuma, usenokuxubusha ummangaliso kaYesu wokuqala, okwisahluko 15.
6 Kusekho abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo ababuthandayo ubulungisa nabafuna izicombululo kwiingxaki abajamelene nazo. Ngokwenene, ukwabelana nabo ngeemfundiso zikaYesu Kristu ngesifundo seBhayibhile kungowona mgudu unomvuzo.