Ukunceda Abanye Baqonde Ubutyebi Obuyintabalala
1 Xa sishumayela kwabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani, enye yeenjongo zethu ifanele ibe kukunceda abantliziyo zinyanisekileyo baqonde ixabiso elibalaseleyo leLizwi likaThixo. (Fil. 3:8) Uncwadi lwethu olusekelwe eBhayibhileni lunendima ebalulekileyo ekusasazeni isigidimi soBukumkani. Ngokomzekelo, incwadi Unokuphila Ngonaphakade incede amakhulu amawaka abantu akhonze uYehova ngenxa yeenyaniso zeBhayibhile azifundileyo.
2 Ubulungiseleli bethu abuphelelanga nje ekuhambiseni uncwadi kuye nabani olwamkelayo. Sifanele sisitshayelele esi sigidimi ngendlela enomtsalane, sikuphulaphule ngokuqonda oko kuthethwa ngumninimzi, size sikulungele ‘ukuqiqa naye ngeZibhalo.’—IZe. 17:2.
3 Kunokwenziwa Njani Oku? Iintshayelelo zethu zinokwenza abaninimzi babonakalise ukuba banomdla wokwenyaniso kusini na eBhayibhileni nakwisigidimi sayo.
Usenokuthi:
◼ “Sityelela ukuze sixubushe ngentsingiselo yoko kwenzekayo ehlabathini namhlanje. Abantu abaninzi baphelelwa ngumdla kuThixo nakwimilinganiselo yakhe yokuphila njengoko yandlalwe eBhayibhileni. Oku kuye kwasiphembelela gqitha isimo sengqondo sabantu omnye komnye. Ngaba uye wakuphawula oku? [Vumela amagqabaza. Usenokucaphula imizekelo engqalileyo.] Khawuphawule isimo sengqondo sabo bachazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5, uze undichazele ukuba oku kuyalifanele kusini na ihlabathi lanamhlanje. [Yifunde; uvumele amagqabaza.] Ngaba sikho isizathu esisengqiqweni sokulindela iimeko ezilunge ngakumbi kwikamva?” Ukuba ubonakalisa umdla, tyhila kumfanekiso okwiphepha 12 nele-13 lencwadi Unokuphila Ngonaphakade uze utsalele ingqalelo kwisiqendu 12 nese-13. Ukuba akawamkeli umnikelo, ngoko unokuhambisa iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo.
4 Ukuba kukho umzali endlwini, sisenokuqalisa incoko yethu ngale ndlela:
◼ “Sithetha nabantu abanomdla kwindlela esinokuhlangabezana ngayo neengxaki zobomi bentsapho. Sonke senza konke okusemandleni ethu, kodwa ukuba kukho into enokusinceda siphumelele ngakumbi, sinomdla kuyo, akunjalo na? [Vumela impendulo.] IBhayibhile inikela ulwalathiso kulo mbandela njengolo lukweyabaseKolose 3:12-14. [Yifunde.] Ngoko, yintoni efunekayo ukuze sinandiphe ubomi bentsapho obuphumelelayo? Phawula oko kuthethwa kule mpapasho kwisahluko esinomxholo othi ‘Ukwenza Ubomi Bentsapho Buphumelele.’” Funda isiqendu 3 kwiphepha 238 lencwadi Unokuphila Ngonaphakade. Ukuba umninimzi uxakekile okanye akasabeli ngokukhawuleza, zama ukuhambisa iphephancwadi lakutshanje elixubusha ngemibandela yentsapho okanye iphecana elithi Bunandiphe Ubomi Bentsapho.
5 Asifuni kuyilibala injongo yethu yokunikela ubungqina obucokisekileyo ngoBukumkani. (Mat. 24:14) Ngokusebenzisa kakuhle iBhayibhile namalungiselelo amahle oncwadi lobuthixo esilufumanayo, sinokulindela ngentembelo ukuzuza intsikelelo kaYehova ekufezeni ukuthanda kwakhe ebudeni bala maxesha anomngcipheko.—Gal. 6:9.