Nceda Abantu Ababumvu Bakhele Phezu Kwesiseko Esomeleleyo
1 Ukwakha indlu kufuna ukuceba kakuhle nomgudu wenyameko. Emva kokuba indlu iyiliwe, kumele kulungiswe isiza kuze kubekwe isiseko esomeleleyo. Esi sakhiwo sakhiwa ngokwamanqanaba de sigqitywe ekugqibeleni. Ngokufanayo, sifanele sincede ababumvu bafunde inyaniso ngokwamanqanaba. Simele senze umgudu wokuvusa umdla kutyelelo lokuqala. Emva koko, senze amabuyelo, sibeka isiseko ngokufundisa iinyaniso ezisisiseko ezingoThixo nenjongo yakhe ngoluntu.—Luka 6:48.
2 Noko ke, ngaphambi kokubeka isiseko, ngokungathi kunjalo, kufuneka silungise isiza, siqwalasele iimeko zomninimzi. Nguwuphi umbandela eniwuxubushe kwixesha elidluleyo? Ziziphi izibhalo enizisebenzisileyo? Usabele njani? Yiyiphi impapasho omnike yona? Xa ubuyela, cinga ngeengongoma ezingqalileyo, uze uqhubeke usakha isiseko. Ngotyelelo ngalunye ulwazi lomninimzi luyakhula nokholo lwakhe kuThixo luyanda.
3 Ukuba ubuhambise incwadi “Unokuphila Ngonaphakade,” usenokuthi:
◼ “Ndivuya kakhulu kukufika ukho ekhaya. Mhlawumbi uyakhumbula ukuba ukugqibela kwethu ukuxubusha, siye sathetha ngokuphelelwa kwabantu ngumdla kuThixo apha ekuhlaleni. IBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba uThixo unomdla kuluntu yaye abangamalungisa baya kusikelelwa buBukumkani bakhe. [Funda uMateyu 6:9, 10.] Ngoncedo lobu Bukumkani, kuya kwesamela ubulungisa nokusesikweni.” Funda uIsaya 11:3-5, wandule utsalele ingqalelo yomninimzi kwiziqendu zokuqala ezibini zesahluko 1 sencwadi Unokuphila Ngonaphakade. Bonisa indlela onokufundisiswa ngayo loo mbandela.
4 Ukuba kutyelelo lokuqala ubuhambise iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo usenokwenza impinda ngeengongoma eziziintloko ebenizixubushe kwixa elidluleyo, eziphathelele imfuneko yeemeko ezilungileyo namadinga eBhayibhile. Bethelela ukuba ukuze siphile kwihlabathi elitsha, simele sifumane ulwazi oluchanileyo. Funda uYohane 17:3. Chaza ukuba emva kokuba sifumene olo lwazi, simele senze ukuthanda kukaThixo. Funda eyoku-1 kaYohane 2:17. Tsalela ingqalelo yomninimzi kwiingongoma ezithile ezikwiphepha 5 leli phecana.
5 Ukuba kutyelelo lokuqala ububalaselise umbandela wobomi bentsapho xa ubuhambisa incwadi “Unokuphila Ngonaphakade,” usenokuthi:
◼ “Xa bendikutyelele kwixa elidluleyo, sixubushe ngombandela wobomi bentsapho. Siye savumelana ukuba ukuze sibe nobomi bentsapho obonwabisayo, simele silandele ulwalathiso lweBhayibhile. Ucinga ukuba yintoni efunekayo ukuze sibe nomtshato ophumelelayo?” Vumela impendulo. Balaselisa iingongoma ezingqalileyo ezikwinkcazelo eyandlalwe kwiphepha 243-6 kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade. Cela umninimzi agqabaze ngemifanekiso nize nihlolisise iingongoma ezikhethiweyo xa kufanelekile. Bethelela ukuxabiseka okusengqiqweni kwemigaqo yeBhayibhile.
6 Ukuba ubuhambise iphecana elithi Bunandiphe Ubomi Bentsapho, hlola imigaqo eyintloko yeBhayibhile eyandlalwe kwiphepha 4 nelesi-5. Yandula ke uhambise incwadi Unokuphila Ngonaphakade. Tyhila kwisahluko 29 esithi, “Ukwenza Ubomi Bentsapho Buphumelele,” uze ubonise indlela oku onokukuxubusha ngayo nomninimzi nentsapho yakhe.
7 Sonke sifanele sibe nesabelo ngokuthe rhoqo ekwenzeni amabuyelo. Yenza amatyelelo okubuyela kubo bonke ababonakalise umdla ebudeni bukaSeptemba.