Ngaba Unokuyandisa Indumiso Oyinikela KuYehova NgoAprili?
1 Umdumisi uDavide wayenomnqweno onyanisekileyo wokudumisa uYehova ngokwamkelekileyo, yaye ngoko ke wathi: “Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam, ndimdumise phakathi kwabaninzi.” (INdu. 109:30) UAprili lixesha elihle ‘lokongeza endumisweni yakhe yonke’ ngokwandisa isabelo sethu kubulungiseleli basentsimini. (INdu. 71:14) Ngaba uceba ukuba phakathi kwabaninzi abakwenzayo oku ngokungenela izintlu zobuvulindlela bobuncedani?
2 Ceba Kwangoku: KwiMizekeliso 21:5 sikhunjuzwa oku: “Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa.” Oku kufuna ukuba lo mbandela uwuthandazele kuYehova, umbeke kwindawo yokuqala kwizinto ozicebayo. (IMize. 3:5,6) Ngokulandelayo hlolisisa ngenyameko ucwangciso lwakho lwangoku ukuze ubone apho unokwenza khona uhlengahlengiso ukuze uchithe umlinganiselo weeyure ezimbini ngosuku kubulungiseleli. ‘Ukuzongela ixesha’ kwezinye izinto kwenza ukuba unikele ixesha elingakumbi kumsebenzi wokushumayela.—Efe. 5:16.
3 Nxibelelana Uze Usebenzisane Nabanye: Umpostile uPawulos wathetha ngabathile “ababemomeleza” ekuphumezeni ubulungiseleli bakhe. (Kol. 4:11, NW) Xubusha nabanye abafuna ukubhalisa ngoAprili ngezinto ozicebayo. Inkxaso yabo nokusebenza nabo kunokuzisa iingenelo zokomoya kuwe nakubo. Umveleli wenkonzo unokukunceda ukuba unemibuzo ngamalungiselelo enkonzo okanye intsimi eza kusetyenzwa. Ngaba kwakhona sinokuba nosukelo lokufikelela incopho entsha yoovulindlela abangabancedani ngoAprili?
4 Intsebenziswano nenkxaso entsatsheni inokuwanceda amalungu entsapho abe ngoovulindlela abangabancedani. Imisebenzi yasekhaya kusenokufuneka ukuba okwexeshana yabiwe ngokutsha. Kwanocwangciso lokwenza le misebenzi kusenokufuneka luhlengahlengiswe. Intlanganiso yentsapho yokuxubusha ngezi mfuno inokuba luncedo ekufikeleleni usukelo lwakho. Unxibelelwano oluhle nentsebenziswano zezona zinto zibalulekileyo ezibangelaukuphumelela.
5 Hlala Unesimo Sengqondo Esikhuthazayo: Musa ukukhawuleza ukugqiba kwelokuba akunakuba nguvulindlela ongumncedani ngenxa yeemeko ezingavumiyo. Abantu abaselula abasesikolweni, abantu abadla umhlala-phantsi, oomama bamakhaya abanabantwana, iintloko-ntsapho ezisebenza ngokusisigxina, bonke baye bakwazi ukuzincama—yaye ngovuyo—ukuze babe ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili. Bayavumelana nomdumisi ukuba “ibafanele abathe tye indumiso,” yaye abakugqalanga kunzima gqitha ukwenza umgudu ongakumbi ofunekayo ukuze bachithe iiyure ezingama-60 kubulungiseleli. (INdu. 33:1) Ukuba akunakubungenela, kutheni ungafumani uvuyo ngokwandisa umsebenzi wakho njengomvakalisi webandla?
6 Kwabaninzi, ukuba nguvulindlela ongumncedani ngoAprili bekungumchankcatho wokugqithela kwinkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi. Ekubeni bewandisile umsebenzi wabo, bakufumanise kulula ngakumbi ukungenela umsebenzi wobuvulindlela obuthe ngxi. Izifundo zeBhayibhile ezineemfaneleko ezandlalwe kwiphepha98 nelama-99 kwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu nezifuna ukuba nesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni zifanele zincedwe zibe ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Ukuba sonke siba nesabelo rhoqo kubulungiseleli ngoAprili, sinceda abasebatsha basithelele, size sifake ingxelo yethu yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza ekupheleni kuka-Aprili, asikho isizathu esinokubangela ukuba singayifikeleli incopho entsha yabavakalisi ngoAprili.
7 Ewe, eli xesha lonyaka liwufanele umsebenzi wobuthixo owandisiweyo ngoAprili. Abavakalisi abaselula abaninzi bakwikhefu lesikolo. Kwakhona kukho iiholide zikawonke wonke ezininzi. UAprili9 uluSuku lwamaPhephancwadi olukhethekileyo oluya kwenza ukuba uninzi lwethu luchithe usuku lonke lusasaza amaphephancwadi, kwindlu ngendlu nangokunikela ubungqina esitratweni. Sifuna ukwenza konke esinako ukuze sidumise uThixo wethu, uYehova. Ukuba nguvulindlela ongumncedani ngoAprili yindlela entle yokubonisa uxabiso lwethu ngezenzo zakhe ezininzi zobabalo asenzele zona.