IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/92 iphe. 4
  • Ndinokuthini Ukuze Ndivuselele Umdla Ongakumbi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinokuthini Ukuze Ndivuselele Umdla Ongakumbi?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvakalisa ‘Amazwi Esiprofeto’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngongxamiseko
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Bancede Baqonde
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Isityhilelo—Ukutyhilwa Kweemfihlelo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 3/92 iphe. 4

Ndinokuthini Ukuze Ndivuselele Umdla Ongakumbi?

1 Ubukhulu becala injongo yethu ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kukwenza abafundi, kungekuphela nje ukushiya uncwadi. Ngoko ke, emva kokuba kuphawulwe umdla, sifanele sihlakulele size sondle iimbewu ezihlwayelweyo, sifeza indima yethu yokukhulisa imeko-bume entle anokuthi kuyo uYehova amncede loo mntu akhule ngokomoya. (1 Kor. 3:6) Unokuthini ukuze waleke kwiintshumayelo ezisetyenziswa kutyelelo lokuqala neziboniswe ngasentla? Nanga amanye amacebiso onokuwasebenzisa kwiimeko ezahlukahlukeneyo osenokujamelana nazo.

2 Ukuvuselela Umdla Ofunyenweyo: “Kwincoko yethu emfutshane kwixesha elidluleyo, wawuxakeke gqitha, kodwa wazipha ixesha lokuvakalisa inkxalabo yakho ngekamva. Ukuba ukhumbula kakuhle, safunda eBhayibhileni kwiSityhilelo 1:3 ukuba ‘ixesha likufuphi.’ Oko kulichaphazela ngokungqalileyo ikamva lethu sonke. Phawula oko le ncwadi ikuthethayo ngesi sibhalo. [Funda kwisiqendu 11 kwiphepha 17 lencwadi Incopho YeSityhilelo.] Le mpapasho ihlolisisa zonke iziprofeto ezikwincwadi yeBhayibhile yeSityhilelo yaye ibonisa indlela esinokungenelwa ngayo ngokobuqu. Ngaba ungathanda ukufunda okungakumbi?”

3 Ukusebenzisa Incwadi Incopho YeSityhilelo Ukuqalisa Isifundo SeBhayibhile: “Ndiyakuvuyela ukukubona kwakho- na. Kukho enye ingongoma endithanda ukwabelana nawe ngayo ekulaa ncwadi bendikushiyele yona, yaye ikhuthaza gqitha. Xa ithetha ngabo baza kuphila ngonaphakade iBhayibhile ithetha ‘nangencwadi yobomi.’ Ngaba ungathanda ukwazi ukuba ngamagama oobani akuloo ncwadi?” Tyhila kwiphepha 297 lencwadi Incopho YeSityhilelo. Funda isiqendu 11, uze ke ubuze imibuzo ekweso siqendu. Emva kokufunda iziqendu eziliqela, cela ukubuyela ukuze uqhubeke nengxubusho.

4 Ukusebenzisa Enye Impapasho Ukuqalisa Isifundo SeBhayibhile: “Ndiyakuvuyela ukukufumana usekhaya namhlanje. Ukugqibelana kwethu, safunda kunye idinga leBhayibhile elikwiSityhilelo 1:3. [Sifunde kwakhona.] Phawula ukuba ulonwabo ekuthethwa ngalo apha aluzenzekeli. Kufuneka izinto ezimbini: Simele sifunde oko iBhayibhile ikutshoyo size ke sikugcine, okanye sikwenze, oko kubhaliweyo. Le ncwadana inemifanekiso ethi ‘Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha’ iya kukunceda ukunandiphe ngakumbi ukufunda laa ncwadi bendikushiyele yona kuba icacisa ngokulula oko uThixo akufunayo. Kwiphepha 30 kukho uludwe lwemibuzo eli-12 ebuzwa ngabantu abaninzi. Nguwuphi wena kule mibuzo obungathanda ukuba uwuphendulelwe?” Emva kwempendulo yomninimzi, usenokutyhila kwincwadana enemifanekiso indawo ephendula loo mbuzo uze uqalise isifundo seBhayibhile.

5 Sebenzisa Imifanekiso Ukuvuselela Umdla: Incwadi Incopho YeSityhilelo inemifanekiso emininzi eqaqambileyo. Le isenokusetyenziswa ukuvusa umdla. Ngokomzekelo, xa sibuyela, sinokutyhila kwiphepha 7. Bhekisela kumfanekiso kaYohane ekwisiqithi sasePatmos. ISityhilelo 1:3 sibonisa ukuba isityhilelo esanikwa uYohane yayisisigidimi esivuyisayo. Kunokwenzeka njani oko ekubeni ISityhilelo sithetha ngamarhamncwa oyikekayo nentshabalalo? Qwalasela isiqendu 1 nesesi-2 kwiphepha 6 lale ncwadi. Kusenokubalaseliswa imifanekiso ekumaphepha amabini okugqibela, nemifanekiso ebonisa umhlaba oyiParadisi kwiphepha 302, 308, nelama-309.

6 Kumabuyelo, sifanele sakhele kwisiseko esasibeka kutyelelo lokuqala. Ukunikela ingqalelo ngenyameko kule nkalo yobulungiseleli bethu kuya kuzisela thina nabo basivayo iintsikelelo ezityebileyo ezivela kuYehova.—1 Tim. 4:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share