IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/95 iphe. 2
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Lumkani Xa Nisentsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • “Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo”—Kwizakhiwo Ezikhuselweyo Naseziflethini
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Iindlela Zokushumayela Iindaba Ezilungileyo
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Yiba Nobuchule Kubulungiseleli Bakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 12/95 iphe. 2

Isingxobo Semibuzo

◼ Simele silumke kanganani xa sisebenza kwintsimi eyingozi?

1 Ziyanda iingxelo esizivayo ezingogonyamelo, ukukhuthuzwa neziphithiphithi zasekuhlaleni, ngokukodwa kwiindawo ezisezidolophini. Nangona siziva sixhalabile, siyazi ukuba kwanakwiindawo ezinodushe, bakho abantu abanyanisekileyo abaya kusabela kwisigidimi soBukumkani. Ngoko xa kufanelekile, simele sibe nenkalipho ukuze sityhalele phambili, siqinisekile ukuba uYehova usijongile.​—⁠IMize. 29:25; 1 Tes. 2:⁠2.

2 Xa singena kwindawo esenokuba yingozi, uYehova ulindele ukuba sibe nobulumko size sisebenzise ingqiqo. Lumka. “Onobuqili ubona into embi, azifihle; ke zona iziyatha ziya kugqitha kuyo, zihlawuliswe.” (IMize. 22:3) Abavakalisi abangamagqala bayabuqonda ubulumko bokusebenza ngababini okanye njengamaqela abavakalisi abaninzi, xa kuyimfuneko. Noko ke, kunconyelwa ukuba ibe ngabavakalisi ababini kuphela abangena emzini baze bathethe nomninimzi, ekubeni ingabantu ababini kuphela abenza utyelelo abanokulibala elo xesha. INtshumayeli 4:​9, 12 ithi: “Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye . . . Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe.” Izaphuli-mthetho zisoloko zifuna abo bangamakheswa zize ngaloo ndlela zibahlasele lula.

3 Kulumkele ngakumbi ukuya kwiiflethi ezineendledlana ezimnyama nezinyuko ezingenabantu. Lumka xa umenywa ukuba ungene emzini okanye eflethini. Musa ukuphikisana nabo basenokubonakala benobungozi okanye beqhway’ inkathazo. Zisuka nje zazise njengomnye wamaNgqina kaYehova. Abanye abavakalisi baphatha iBhayibhile okanye IMboniselo okanye uVukani! ngesandla ngenjongo yokuba baziwe.

4 Zilumkele izibhadubhadu ezihla zinyuka kuloo ndawo. Kulumkele ukungena kwisinyusi nabanye abantu ababonakala bengahlali kweso sakhiwo. Musa ukufaka izinto zamatye anqabileyo ezixabiso likhulu. Ukuba kufuneka uphume ngongcwalazi, kuphephe ukuhamba kwizitrato ezimnyama ezingenabantu baninzi. Ukuba uyakhuthuzwa, musa ukuxhathisa ukuba kufunwa imali okanye izinto onazo; ubomi bakho buxabiseke ngaphezu kwayo nayiphi na into ephathekayo onayo.​—⁠Marko 8:36.

5 Abazalwana abakhokelayo bafanele baphaphe, babazi apho bakhoyo abavakalisi entsimini. Kudla ngokuba kuhle ukugcina iqela lisebenza kwindawo enye ukuze nabanye bahlale besondelelene. Ukuba kuqhambuka naluphi na uhlobo logonyamelo okanye isiphithiphithi ekuhlaleni, iqela limele liyishiye ngokukhawuleza loo ndawo.

6 Ukuba siphaphile yaye silumkile, sinako ukuqhubeka sifikelela kwabo bakwiindawo ezigquba ulwaphulo-mthetho ‘abagcumayo nabancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo.’​—⁠Hez. 9:⁠4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share