Bazali—Baqeqesheleni Ukushumayela Abantwana Benu
1 Kumabandla ethu sisikelelwe ngabantwana abaninzi abanomnqweno ongazenzisiyo wokukhonza uThixo. (INtshu. 12:1) Nabo baphakathi kwabo bamenywa nguYehova ukuba bamdumise. (INdu. 148:12-14) Ngenxa yoko, uqeqesho lwemihla ngemihla olunikelwa ngabazali ebantwaneni babo lufanele luquke ukubafundisa ngendlela yokwabelana nabanye ngokholo lwabo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.—Dut. 6:6, 7.
2 Qeqesha Abantwana Ngokwamanqanaba: Abantwana bafanele baqeqeshwe kwasebusaneni ukuhamba nabazali babo kubulungiseleli. Ngaphambi kokuya enkonzweni, xhobisa abantwana bakho babe nesabelo esibonakalayo. Baxelele kusengaphambili oko ufuna bakwenze emzini. Abantwana abasebancinane kakhulu banokuhambisa iphecana nezimemo baze bamemele abantu kwiHolo yoBukumkani. Abaselula abalesa kakuhle banokucelwa ukuba bafunde izibhalo emzini. Banokuhambisa amaphephancwadi, besebenzisa intshumayelo emfutshane. Njengoko besiba namava, baqeqeshele ukusebenzisa iBhayibhile kwintshumayelo yabo. Uninzi lwabavakalisi abaselula baye baziqalela imizila yamaphephancwadi yaye babuyela rhoqo. Kuhle kakhulu ukuba umntwana ahambe nomntu okhulileyo kunokuhamba nomnye umntwana. Umntu okhulileyo unokumcacisela umninimzi ukuba lo uselula usaqeqeshwa kubulungiseleli.
3 Enye intwazana yacela uncedo kubadala ukuze ifanelekele ukuba ngumvakalisi woBukumkani. Nangona yayineminyaka nje emihlanu kuphela ubudala ngelo xesha yaye ingakwazi nokulesa, yayikwazi ukunikela isigidimi soBukumkani ngempumelelo emizini. Yayizazi ngentloko iindawo ezikuyo izibhalo, ityhile kuzo, icele umninimzi azifunde, yandule ke izicacise.
4 Nabantwana bafanele bafundiswe ngomzekelo wabazali ukuxabiseka kokuba nocwangciso oluhle lokuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli. Abazali kufuneka babeke ucwangciso lwenkonzo lweeveki ngeeveki baze banamathele kulo, ukuze abantwana bayazi inxalenye yeveki ebekelwa bucala ukwenzela umsebenzi wokushumayela.
5 Xa abantwana beqeqeshwa beselula kakhulu ukubuthanda nokubunandipha ubulungiseleli, baya kushukunyiselwa ukuzabalazela amalungelo amakhudlwana kwixa elizayo, mhlawumbi nenkonzo yobuvulindlela. (1 Kor. 15:58) Sonke sifanele sibakhuthaze abantwana abaphakathi kwethu benze inkqubela entle njengabadumisi bakaYehova.