Ucwangciso Olutsha Lwendibano Yesiphaluka
“Ukuyigcina Ngokusondeleyo Engqondweni Imini KaYehova” lowo ngumxholo wocwangciso lwendibano yesiphaluka yeentsuku ezimbini oluqala ngoSeptemba. (2 Pet. 3:12) Lulungiselelwe ukuvuselela imvo yethu yongxamiseko. Akusekudala uYehova abagwebe abemi bomhlaba. Ngubani oya kusinda ‘ngemini enkulu kaThixo uSomandla’? Ngabo bahlala bephaphile ngokomoya nabo bazenzela umzila ‘wehambo yezenzo ezingcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo’ kuphela.—ISityhi. 16:14; 2 Pet. 3:11.
Ubhaptizo lubalulekile ukuze umntu asinde ngemini kaYehova. (1 Pet. 3:21) Abavakalisi abanqwenela ukubhaptizwa kule ndibano bafanele bathethe nomveleli owongamelayo, oya kuthi enze amalungiselelo ayimfuneko.
Ungcelele oluneentetho ezine olunomxholo othi, “Uhlobo Lwabantu Esifanele Sibe Lulo,” luya kusibonisa ngokucacileyo amanyathelo afunekayo ekugcineni ngokusondeleyo ubukho bemini kaYehova ezingqondweni zethu. Intetho yesidlangalala ethi, “Yenza Ngobulumko Njengoko Imini KaYehova Isondela,” iya kucacisa okuthethwa ‘kukufuna uYehova, ubulungisa nolulamo,’ ukuze sisinde.—Zef. 2:3.
Le ndibano yesiphaluka iya kuqukunjelwa ngeentetho ezimbini ezikhuthazayo zabaveleli abahambahambayo, ezithi: “Ngaba Ubomi Bakho Ubusekele Enyanisweni?” nethi “Ukuceba Kwangaphambili Sinemini KaYehova Ezingqondweni Zethu.” Ezi ntetho ziya kusishukumisela ekubeni sihlolisise ubomi bethu size senze naluphi na utshintsho olufunekayo. Isiprofeto seBhayibhile kunye neziganeko zehlabathi zibonisa ngokucacileyo ukuba imini kaYehova ayifikanga igalelekile. Olu cwangciso lwale ndibano luya kusikhuthazela ukuba ‘sigcine iingqiqo zethu size silinde.’ (1 Pet. 5:8) Yenza amalungiselelo aqinisekileyo okubakho kuzo zombini ezo ntsuku.