Isingxobo Semibuzo
◼ Ngaba kusafanelekile ukuqhuba isifundo seBhayibhile nomzalwana okanye udade opholileyo ngokolwalathiso lelinye lamalungu eKomiti Yenkonzo Yebandla?
Abadala banembopheleleko yokwalusa ibandla, kuquka nalo naliphi na ilungu eliye laphola. Bayabatyelela abanjalo baze bagqibe ngohlobo loncedo olufunekayo. Xa kufanelekile, oku kunokuquka ukumqhubela isifundo seBhayibhile lowo upholileyo. Incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, iphepha 103, ichaza ukuba iKomiti Yenkonzo Yebandla iya kugqiba ngabo banokungenelwa kwilungiselelo elilolo hlobo.
Umveleli wenkonzo uyagqiba ngalowo unokukwazi ukunikela uncedo, ngemixholo efanele ifundwe, kunye neyona mpapasho iya kuba luncedo. Mhlawumbi lowo wayemfundela ekuqaleni okanye ubani aye wamazi yaye amhlonelayo nguyena unokukwazi ukumnceda. Udade onobuchule noqolileyo unokucelwa ukuba ancede udade opholileyo. Ngokuqhelekileyo akuyi kuba yimfuneko ukuba umqhubi aphelekwe ngomnye umvakalisi. Xa abelwe, umvakalisi oqhuba isifundo unokulibala ixesha, ibuyelo, nesifundo.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 1987 iphepha 1-2.
Ekubeni umfundi engumntu obhaptiziweyo, ngokuqhelekileyo isifundo asiyi kuqhutywa ixesha elide. Injongo kukunceda opholileyo aqalise ukuya kuzo zonke iintlanganiso zebandla yaye abe ngumvakalisi othe rhoqo weendaba ezilungileyo. Umveleli wenkonzo uya kuyibek’ esweni inkqubela yezifundo ezilolo hlobo. Umphumo wolu ncedo lothando ufanele ube kukuba aba bazalwana nodade bakwazi ukuthwala imithwalo yabo yembopheleleko phambi koYehova baze bomelele ‘khon’ ukuze bamiliselwe baze bamiselwe’ enyanisweni.—Efe. 3:17; Gal. 6:5.