Uya Kuthini KumHindu?
1 Njengokuba kusenokuba uyazi, kukho amaHindu amaninzi ahlala kumazwe awahlukahlukeneyo, kuquka neli ilizwe. Oku kuthetha ukuba kungekudala uza kudibana nomHindu kubulungiseleli bakho. Ukuba kunjalo, uya kusabela njani?
2 Khumbula Ezi Ngongoma: Abavangeli basemazweni abaye banempumelelo ukunikela ubungqina kumaHindu bathi akuyomfuneko ukubufundisisa nzulu ubuHindu ukuze unikele ubungqina obunempumelelo. Intshumayelo elula yobuchule ngenyaniso idla ngokubangela intsabelo entle. Cela ukuthetha nentloko-ntsapho kuqala. Ukuba isabela kakuhle, kuya kuba lula ukunikela ubungqina kwamanye amalungu entsapho. Ekubeni amaHindu amaninzi eyijonga iBhayibhile njengencwadi yaseNtshona, unokuliphelisa ikhethe ngokuchaza ukuba ayikhuthazi inkqubo yamathanga okanye ukongama kolunye uhlanga kunolunye.
3 Sebenzisa Izixhobo Ezifanelekileyo: Kuye kwalungiselelwa ngokukhethekileyo iincwadana ezimbini ezinemifanekiso kucingwa ngamaHindu. Ethi: Why Should We Worship God in Love and Truth? ishicilelwe ngesiGujarati nesiPunjabi. Ethi Our Problems—Who Will Help Us Solve Them? ishicilelwe ngeelwimi zase-Indiya ezongezelelekileyo ezili-11. Zombini ziyafumaneka ngesiNgesi. Incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” nethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? ziye zangqineka zisebenziseka xa unikela ubungqina kwabo banemvelaphi yobuHindu. Incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nencwadi ethi Ulwazi zinokusetyenziswa ngokunempumelelo ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile namaHindu kwakunye nabantu abaneemvelaphi zolunye unqulo.
4 Fumana Into Enivisisana Ngayo: Akunzima ukufumana into eninokuvisisana ngayo namaHindu. Akholelwa ukuba siphila kwixesha xa ubungendawo bufikelele incopho yabo yaye uThixo uza kuphelisa iingxaki zehlabathi ngentlekele enkulu eya kulandelwa lixesha lenyaniso. Unokubona indlela ezi nkolelo ezinokunxulunyaniswa ngayo neemfundiso zeBhayibhile ezingemihla yokugqibela, imbandezelo enkulu nehlabathi elitsha elizayo. Ekubeni inkoliso yamaHindu ibujonga ubomi njengothotho lweengxaki ezingenazicombululo, anomdla kwimixholo engobomi bentsapho, ulwaphulo-mthetho nokhuseleko, noko kwenzeka ekufeni. Nazi iintshumayelo ezimbini ezingumzekelo ezinokusetyenziswa kwanaxa kuthethwa nabantu bezinye iinkonzo neemvelaphi:
5 Le inokubangela umdla kwindoda enentsapho:
◼ “Ndityelela abantu abaxhalabileyo ngemeko yobomi bentsapho kumazwe amaninzi namhlanje. Ucinga ukuba yintoni eya kunceda intsapho ihlale imanyene? [Vumela impendulo.] Bambi abantu bayakwazi oko kuthethwa zizibhalo zamaHindu ngentsapho, kodwa abazange khe babe nethuba lokuthelekisa oku noko kuthethwa yiBhayibhile ngalo mbandela. Bendingathanda ukwabelana nawe ngale ngcamango ikweyabaseKolose 3:12-14.” Emva kokufunda esi sibhalo, bonisa umninimzi isahluko 15 sencwadi ethi Ulwazi uze uthi: “Bendingakuvuyela ukuchitha ixesha elincinane ndifunda esi sahluko kunye nawe.”
6 Umntu oselula unokuba nomdla kule:
◼ “Ngokungathandabuzekiyo uyakholelwa kuThixo. Ucinga ukuba iyintoni injongo kaThixo ngathi?” Vumela impendulo. Wandule ke ukufunda iGenesis 1:28, uze uthi: “Kwindawo ezininzi umhlaba unabantu abaninzi gqitha yaye baneengxaki. Ngaba ucinga ukuba uMdali uyakulangazelela ukusinceda sicombulule iingxaki zethu?” Emva kokuphulaphula impendulo, tyhila kwimpapasho efanelekileyo.
7 Le ntshumayelo ingasentla inokuvisisaniswa nemihlaba enabantu bezinye iimvelaphi. Khumbula ukuba, usukelo lwethu kukuqalisa izifundo zeBhayibhile sisebenzisa incwadi ethi Ulwazi.
8 Yiba Nemiphumo Emihle: Indoda yomHindu eneminyaka engama-22 ubudala yathetha nodade owayenikela ubungqina emarikeni yaza yacela isifundo seBhayibhile. Yamchazela ukuba kwiminyaka esibhozo edluleyo yeva ingxubusho yeBhayibhile eyayiphakathi kwalo dade nonina. Nangona yayichukunyiswe ziimpendulo eziluncedo zeBhayibhile kwiingxaki zoluntu, unina wayengenamdla yaye yona yavakalelwa kukuba yayiselula kakhulu ukuba iyamkele inyaniso iyodwa. Ngoku, njengomntu omkhulu, ifuna ukufunda okungakumbi. Lo mfana akazange alibazise. Kwisithuba nje seentsuku ezingama-23, wayesele egqibile ukufundisisa incwadi ethi Ulwazi, yaye kwiinyanga nje ezine emva kokuba edibene nalaa dade emarikeni, wacela ukubhaptizwa!
9 Ukuthanda kukaThixo kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:4) Oko kuquka amadoda namabhinqa angalandeli iinkonzo zobuKristu, ezinjengobuHindu. Ukuba kukho amaHindu kwintsimi yenu, kutheni ungawatyeleli ngokukhawuleza yaye usebenzise amanye amacebiso akweli nqaku?