Sigcine Kakuhle
Iintshumayelo Ezicetyiswayo Ezinokusetyenziswa Entsimini
Sebenzisa la macebiso alandelayo ukuze ukwazi ukulungiselela iintshumayelo zoncwadi oluza kuhanjiswa kuloo nyanga.
Sondela KuYehova
“Abantu abaninzi abakholelwa kuThixo bangathanda ukusondela kuye. Ngaba ubusazi ukuba uThixo uyasimema ukuba sisondele kuye? [Funda uYakobi 4:8.] Le ncwadi yenzelwe ukunceda abantu ukuba basebenzise iiBhayibhile zabo ukuze basondele kuThixo.” Funda isiqendu 1 kwiphepha 16.
“Namhlanje okungekho sikweni kuya kuthabath’ unyawo. Kwenzeka kanye ngale ndlela kuchazwe ngayo apha. [Funda INtshumayeli 8:9b.] Abantu abaninzi bayazibuza enoba uThixo uyakhathala kusini na. [Kwiphepha 119, funda izivakalisi ezibini zokuqala ezikwisiqendu 4.] Esi sahluko sichaza isizathu sokuba uThixo evumele okungekho sikweni ithuba elide kangaka.”
Hlalani Nilindile!
“Abantu abaninzi bakhathazekile ngokuxhaphaka kweengxaki ezinkulu neziganeko ezihlasimlis’ umzimba ezikhoyo namhlanje. [Zekelisa ngento eyaziwayo ekuhlaleni.] Ubusazi ukuba izinto ezinjalo ziyinxalenye yomqondiso wezinto ezenzeka ehlabathini ezibonisa ukuba kungekudala urhulumente kaThixo uza kuyithabathel’ ezandleni zakhe imicimbi yehlabathi? [Mlinde aphendule. Emva koko funda isibhalo esichaza oku esifana noMateyu 24:3, 7, 8; uLuka 21:7, 10, 11; okanye eyesi-2 kuTimoti 3:1-5.] Le ncwadana inemifanekiso ixubusha ngesizathu sokuba kungxamisekile ukuhlala siyiphaphele intsingiselo yeziganeko ezenzekayo.”
“Iziganeko ezikhwankqisayo kwanendlela abantu abalahlekelwa ngokuphindaphindwe ngayo ziyabanxunguphalisa abantu abaninzi namhlanje. Bambi bayazibuza ukuba kutheni uThixo ezivumela zenzeke nje ezi zinto. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba kungekudala uThixo uza kulukhulula uluntu ekubandezelekeni. [Funda ISityhilelo 14:6, 7.] Phawula oko kuya kuthethwa ngumgwebo kaThixo kuluntu. [Funda eyesi-2 kaPetros 3:10, 13.] Le ncwadana inemifanekiso iqulethe inkcazelo engakumbi ngalo mbandela sithetha ngawo.”
Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
“Ukuba bekunokuthiwa hamba uye kuhlala kwindawo entle ngolu hlobo, ubuya kuvuma? [Mbonise umfanekiso okwiphepha 4-5, uze umlinde aphendule.] Phawula oko iLizwi likeThixo lithi sisikhokelo sokunandipha ubomi obufana nobu ngonaphakade. [Funda uYohane 17:3.] Le ncwadi iza kukunceda ufumane ulwazi olukhokelela kubomi obungunaphakade.” Yenza ilungiselelo lokuba ubuye kwixa elizayo ukuze nixubushe iziqendu ezihlanu zokuqala ezikwisahluko 1.
Tyhila umfanekiso okwiphepha 188-9, uze ubuze umninimzi lo mbuzo usemfanekisweni: “Ngaba unethemba lokuphila eParadisi, xa ulwazi ngoThixo luzalise umhlaba? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uIsaya 11:9.] Le ncwadi iza kukunceda ufunde oko kuthethwa yiBhayibhile ngeParadesi nendlela esinokuphila ngayo apho.” Lungiselela ukuba ubuye kwixa elizayo ukuze nixubushe isiqendu 11-16 kwisahluko 1.
Funda Kumfundisi Omkhulu
“Ucinga ukuba bekuya kuba mnandi ukuphila kweli hlabathi ukuba abantu bebesenza oku kubhalwe apha? [Funda uMateyu 7:12a. Mlinde aphendule.] Le ncwadi inezifundo ezininzi zoyena mfundisi mkhulu owakha waphila.” Tsalel’ ingqalelo yakhe kwimifanekiso kwanemibhalo ekuyo ekwisahluko 17.
“Namhlanje abazali abaninzi bazama ukubethelela imilanganiselo ebalulekileyo kubantwana babo. Ucinga ukuba kubalulekile ukwenza njalo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda IMizekeliso 22:6.] Phawula ukuba abazali bakhuthazwa ukuba baqalise ukubaqeqesha kwasebuntwaneni abantwana babo. Le ncwadi yenzelwe ukubanceda benjenjalo.” Tsalel’ ingqalelo yakhe kwimifanekiso ekwisahluko 15 okanye kwese-18 kwanemibhalo ekuyo.
“Ngokufuthi abazali bayamangaliswa yimibuzo abayibuzwa ngabantwana babo. Eminye yaloo mibuzo kunzima ukuyiphendula, akunjalo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda amaEfese 6:4.] Le ncwadi inokubanceda abazali bakwazi ukuphendula imibuzo abayibuzwa ngabantwana babo.” Tsalel’ ingqalelo yakhe kwimifanekiso embalwa ekwisahluko 11 nese-12 okanye sama-34 ukusa kwesama-36.
Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo
“Ekubeni kukho iinkonzo ezininzi ezahlukahlukeneyo namhlanje, ngaba wakha wazibuza indlela esinokuyazi ngayo eyamkelekileyo kuThixo?” Emva kokuba ephendule, tyhila iphepha 377. Tsalel’ ingqalelo yakhe kwisiqendu 7, uze umbuze enoba uyavuma kusini na ukuba unqulo lokwenyaniso lufanele lumanyanise zonke iintlanga zoluntu. Funda esinye isibhalo esicatshulweyo, ukuba ixesha liyavuma, xubusha ezinye iingongoma ezikweli phepha. Ukuba ngokwenene unomdla, mnike le ncwadi. Xa uhamba, usenokumbuza oku, “Unqulo lokwenyaniso lufanele luyichaphazele njani ihambo yomntu?” Lungiselela ukuba uphinde ubuye ukuze uphendule lo mbuzo.
Ukuba umntu uthi ulilungu lelona qela liphambili lonqulo, usenokuthi: “Kubangela umdla ukudibana nabantu abakwiinkonzo ezahlukeneyo. Uluntu luye lwamfuna ngeendlela ezahlukeneyo uThixo. [Ukuba imeko iyavuma, funda IZenzo 17:26, 27.] Ngokufuthi, abantu baye baqhubeke neenkonzo abazalelwe kuzo. [Funda isiqendu 12 kwiphepha 8.] Ukufunda okungakumbi ngezinye iinkonzo kuyayivula ingqondo. Le ncwadi ichaza imvelaphi, izinto ezenziwayo kunye neemfundiso zeenkonzo eziphambili ehlabathini.” Mbonise umzekelo wenkcazelo enayo le ncwadi ngonqulo lomntu kula maphepha alandelayo,: UbuSikh (100-1); ubuHindu (116-17); ubuBhuda (141); ubuTao (164-6); ubuConfucius (177); ubuShinto (190-5); ubuJuda (220-1); nobuSilamsi (289).
ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
“Mhlawumbi ukhe weva nge [khankanya nasiphi isiganeko esisezindabeni]. Xa abantu besifa njengeembovane, abaninzi bayazibuza ukuba iintsapho ezehlelwe leli shwangusha zinokuthuthuzelwa njani. Ubunokuthini wena?” Mlinde aphendule. Emva koko tyhila kwiphepha 299, uze umbonise umfanekiso wovuko lwabafileyo. Uze wongezelele ngelithi: “Abaninzi iyabamangalisa into yokuba kokubini abantu abangamalungisa nabangengomalungisa baya kubuyiselwa ebomini kwakhona baze baphile kwiParadesi esemhlabeni. [Funda IZenzo 24:15 ezicatshulwe kwiphepha 297, isiqendu 9, uze unikele inkcazelo ekwisiqendu 10.] Le ncwadi ixubusha ezinye iinkcukacha ezininzi ngenjongo kaThixo ngekamva.”
IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
“Siphila kwixesha laxa phantse wonk’ ubani ejamelene neengxaki ezinzima. Abaninzi babhenela kuzo zonke intlobo zabacebisi befuna ukhokelo. Bambi babhenela koosiyazi. Ucinga ukuba singalifumana phi icebiso eliya kuzicombulula ngokwenene iingxaki zethu? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile ichaza isibakala esibalulekileyo ekufuneka sisiqonde xa sisonke. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16. Emva koko tyhila kwiphepha 187, uze ufunde isiqendu 9.] Le ncwadi iza kukunceda uqonde indlela ekusoloko kunemiphumo emihle ngayo ukulandela oko iBhayibhile ikutshoyo.”
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
“Ngeli xesha enyakeni abantu abaninzi bacinga ngoYesu. Noko ke, ngenxa yezinto ezininzi ezihlasimlis’ umzimba ezenzeka emhlabeni wonke, abanye basenokuzibuza enoba uYesu usikhathalele ngokwenene na. Ucinga ntoni wena?” Mlinde aphendule. Tyhila kwisahuko 24, uze uxubushe ngokufutshane ngesizathu sokuza kukaYesu emhlabeni. Emva koko funda uYohane 15:13, ubethelela uthando lukaYesu olusuk’ entliziyweni ngabanye.
“Xa ubani ekhankanya uYesu Kristu, abantu abaninzi bacinga ngaye njengosana okanye indoda ebandezelekileyo eza kufa. Ingcamango yabo ngoYesu iphelela nje ekuzalweni nasekufeni kwakhe. Izinto ezimangalisayo awazithethayo nawazenzayo ebudeni bobomi bakhe abadli ngakuziphawula. Awakuphumezayo kuchaphazela wonk’ ubani owakha waphila kulo mhlaba. Kungenxa yoko kubalulekile ukuba sifunde okuninzi kangangoko sinako ngezinto ezimangalisayo awasenzela zona.” Funda uYohane 17:3. Tyhila kwiphepha lokuqala lentshayelelo yale ncwadi, uze ufunde isiqendu sesine.
Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
“Ucinga ukuba uThixo wayefuna siphile phakathi kweenkathazo ezinjengezi sijamelene nazo namhlanje? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uMateyu 6:10.] Ngaba ukhe wacinga ngento obuyiyo ngokwenene uBukumkani bukaThixo?” Tyhila kwisifundo 6, uze ufunde imibuzo ebuzwe ekuqaleni kwesahluko. Qalisa ukuxubusha esi sifundo okanye ulungiselele ukubuyela kwixa elizayo.
“Phezu kwako nje ukuhambela phambili kwebutho labantu beli xesha, ukugula nokufa kuyaqhubeka kubangela ukubandezeleka nosizi eluntwini. Ngaba uyakwazi oko uYesu aya kubenzela kona abagulayo, abalupheleyo kwanabafileyo?” Mlinde aphendule. Ukuba loo mntu ufuna ukwazi impendulo, tyhila isifundo 5, uze ufunde imibuzo yesiqendu 5-6. Zixubushe ezi ziqendu, okanye ulungiselele ukwenjenjalo kwixa elizayo.
Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
“Ucinga ukuba singalufumana phi uncedo ukuze sikwazi ukujamelana neengcinezelo zobu bomi? [Mlinde aphendule. Emva koko funda eyabaseRoma 15:4.] Phawula ukuba iZibhalo eziphefumlelweyo ziyasifundisa, zisithuthuzele, zisenze sibe nethemba, zinto ezo zisomelezayo ukuze sinyamezele iingxaki. Le ncwadi inamacebiso aluncedo endlela esinokungenelwa ngakumbi ngayo xa sifunda iBhayibhile.” Tsalel’ ingqalelo kwiingongoma ezine ezikwiphepha 30.
“Ukususela ngemihla uYesu awayelapha emhlabeni, abantu abaninzi bebethandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike. Ngaba wakha wazibuza ngento eya kuthethwa kukufika kobo Bukumkani kuluntu? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uDaniyeli 2:44.] Le ncwadi ichaza into obuyiyo uBukumkani bukaThixo nento obuya kuyenza. Kwakhona ixubusha ngendlela esiya kungenelwa ngayo kulawulo lwabo lobulungisa.” Mbonise umfanekiso okwiphepha 92-3.