IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/08 iphe. 2
  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
  • Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 11
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 18
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 25
  • Iveki Eqala NgoMatshi 3
Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
km 2/08 iphe. 2

Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

Iveki Eqala NgoFebruwari 11

Ingoma 168

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Sebenzisa amacebiso akwiphepha lesi-8 okanye ezinye iintshayelelo ezifanele intsimi yebandla lenu ukuze ubonise indlela yokuhambisa IMboniselo kaFebruwari 1 noVukani! kaFebruwari.

15 imiz: Ngaba Unokukwazi Ukukhonza Apho Kufuneka Abavakalisi Abangakumbi? Intetho enengxubusho kunye nabaphulaphuli esekelwe kwiMboniselo kaJulayi 15, 2003, iphepha lama-20. Quka namagqabaza akwincwadi ethi Ulungelelwano, kwiphepha le-111, isiqendu soku-1 ukuya kwiphepha le-112, isiqendu soku-1. Dlan’ indlebe ngokufutshane nomntu oye wafudukela kwindawo ekufuneka abavakalisi abangakumbi kuyo. Ziziphi iingxaki aye wadibana nazo, yaye uye wenza njani ukuze azicombulule? Uye wasikelelwa njani?

20 imiz: Nceda Abantu Abatsha Benze Inkqubela Kubulungiseleli. Emva kwentshayelelo engaphantsi komzuzu, qhuba ingxubusho yemibuzo neempendulo esekelwe kwiMboniselo kaDisemba 1, 2005, iphepha lama-31, yaye usebenzise imibuzo esenqakwini. Emva kokuxubusha isiqendu se-18, yenza umboniso womninimzi ochasa umvakalisi osemtsha ohamba nomvakalisi onamava. Umvakalisi osemtsha akamphenduli ngendlela eyanelisayo, ibe umninimzi uyayiphelisa loo ncoko. Bakuphuma kuloo ndlu, umvakalisi onamava uyamncoma ngomzamo awenzileyo, aze ambonise indlela anokusebenzisa ngayo incwadi ethi Ukuqiqa ukuphendula abantu abafuna ukuphelisa incoko kwixa elizayo.

Ingoma 50

Iveki Eqala NgoFebruwari 18

Ingoma 17

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

10 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.

25 imiz: “Ubungqina Obuzicaceleyo Bokholo!”a Mayinikelwe ngumveleli wenkonzo webandla. Qukumbela ngokuthi gqaba-gqaba ngoko kuye kwaphunyezwa libandla lenu kunyaka wenkonzo odluleyo.

Ingoma 194

Iveki Eqala NgoFebruwari 25

Ingoma 81

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Iindaba Zobuthixo. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zabo zenkonzo yasentsimi zikaFebruwari. Funda ingxelo yemali neeleta ezibulela iminikelo. Yenza umboniso wendlela yokusebenzisa isimemo seSikhumbuzo ukuze umeme isizalwana okanye ummelwane.

20 imiz: “Ukuba Noxabiso Ngentlawulelo Xa Sisesikhumbuzweni.”b Ukuba ixesha liyavuma, cela abaphulaphuli bagqabaze ngezibhalo ezibonisiweyo.

15 imiz: Lungiselela Ukuhambisa Amaphephancwadi Akutshanje. Ingxubusho kunye nabaphulaphuli esekelwe kwiMboniselo kaMatshi 1 nakuVukani! kaMatshi. Emva kwentshayelelo emfutshane yenkupho nganye, buza abaphulaphuli ukuba ngawaphi amanqaku abacinga ukuba anokubangel’ umdla kubantu abakwintsimi yebandla lenu nesizathu sokuba batsho. Cela abaphulaphuli ukuba bachaze iingongoma ezikula manqaku abaceba ukuzisebenzisa. Nguwuphi umbuzo onokubuzwa ukuze kuqaliswe incoko? Sisiphi isibhalo esikweli nqaku esinokufundwa? Usebenzisa la macebiso, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaMatshi 1 noVukani! kaMatshi.

Ingoma 119

Iveki Eqala NgoMatshi 3

Ingoma 223

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Xubusha iingongoma eziphambili kwibhokisi ethi “Izinto Ezimele Zikhunjulwe Xa Kulungiselelwa ISikhumbuzo.”

20 imiz: Ngaba Ungasiqalisa Isifundo SeBhayibhile NgoMatshi? Ingxubusho nabaphulaphuli. NgoMatshi siza kuhambisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile sinenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile. Chaza ezinye zeenkalo ezikhethekileyo kule ncwadi. Xubusha indlela enokuhanjiswa ngayo xa sibuyela kumntu obenomdla xa besimshiyela isimemo seSikhumbuzo, xa besimhambisela iphephancwadi nakumntu ebesidibene naye kwindlu ngendlu emva koMatshi 22. (Bona ikm 3/06 iphe. 1, isiqe. 3; iphe. 3-6; ikm 8/07 iphe. 3) Yenza umboniso ngentshumayelo enye okanye ezimbini.

15 imiz: Sebenzisa IBhayibhile Xa Uphendula Imibuzo. Intetho nengxubusho kunye nabaphulaphuli esekelwe kwincwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphepha le-143 ukuya kwele-144. Yenza nomboniso omfutshane womvakalisi obuzwa umbuzo oqhelekileyo kwintsimi yenu othi awuphendule esebenzisa iBhayibhile.

Ingoma 145

[Umbhalo osemazantsi]

a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share