Izimemo ZeSikhumbuzo Eziza Kuhanjiswa Ehlabathini Jikelele!
1. Liliphi iphulo elikhethekileyo eliza kubakho ngaphambi kweSikhumbuzo ehlabathini jikelele?
1 “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Bethobela lo myalelo kaYesu, abanquli bakaYehova baza kudibana nabantu abanomdla ngoMatshi 30, 2010, ukuze bakhumbule ukufa kukaYesu. Ukususela ngoMatshi 13 ukuya kutsho ngoMatshi 30 kuza kusasazwa isimemo esikhethekileyo seSikhumbuzo ehlabathini jikelele.
2. Sinokusihambisa njani isimemo?
2 Indlela Yokusihambisa: Usenokumnika umninimzi isimemo ukuze abone umfanekiso ongaphandle, uze uthi: “Ngobusuku bukaMatshi 30, izigidi zabantu ehlabathini jikelele ziza kuhlanganisana ukuze zikhumbule ukufa kukaYesu. Ndize kukunika esi simemo wena nentsapho yakho ukuze nibekho kwesi sikhumbuzo. Nabahlobo bakho bamkelekile. Ndicela uphawule ixesha nendawo esiza kuqhutywa kuyo.” Ukuba kuyenzeka usenokumfundela uLuka 22:19 eBhayibhileni ukuze umbonise umyalelo ovela kwiZibhalo. Ukhumbule ukuba ekubeni sinexesha elincinane lokugubungela intsimi, kuya kuba kuhle ukuba ubethe koomofu.
3. Ngoobani esinokubamema?
3 Ukuba ibandla lenu linentsimi enkulu, abadala basenokubona kukuhle ukuba nishiye izimemo kumakhaya ekungekho bantu kuwo kutyelelo lwenu lokuqala. Xa kufanelekile, hambisa amaphephancwadi kunye nezimemo. Qiniseka ukuba umema amabuyelo, izifundo zeBhayibhile, abantu osebenza nabo, ofunda nabo, izalamane nabanye abantu obaziyo.
4. Ukuxabisa kwethu uthando lukaYehova alubonise ngentlawulelo kuya kusishukumisela ukuba senze ntoni?
4 Lungiselela Ukuba Nenxaxheba Ngokupheleleyo: Ezi nyanga zikhethekileyo zisivulela ithuba elihle lokuzibhokoxa ngakumbi kumsebenzi wethu. Ngaba unokuhlengahlengisa ucwangciso lwakho ukuze ube nguvulindlela ongumncedani? Ngaba unabantwana okanye izifundo zeBhayibhile ezenza inkqubela entle ngokomoya? Ukuba kunjalo, dibana nabadala ukuze babone ukuba abo bayakufanelekela kusini na ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga kweli phulo likhethekileyo. Ukuxabisa kwethu uthando uYehova aye walubonisa ngentlawulelo kuya kusishukumisela ukuba singabikho nje eSikhumbuzweni kodwa simeme abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka.—Yoh. 3:16.