Imiyalelo Yabo Basingatha Iintetho ZeNtlanganiso Yenkonzo
Ukususela kule nkupho YoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, indlela oluchazwa ngayo ucwangciso lweNtlanganiso Yenkonzo yenziwa lula. Le miyalelo nezikhumbuzo ezilandelayo iza kuhlaziya kwaye icacise oko kwakuchazwe kwinqaku elithi “Indlela Yokulungiselela Intlanganiso Yenkonzo,” kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMeyi 2009:
◼ Intetho: Le ibhekisela kwintetho esekelwe kwinkcazelo eyabelweyo engaquki abaphulaphuli. Isithethi sifanele sinikele ingqalelo koko kuya kuba yingenelo ebandleni
◼ Imibuzo Neempendulo: Le nxalenye iya kusingathwa njengeSifundo SeMboniselo, iya kuba nentshayelelo nomqukumbelo omfutshane, yaye nemibuzo ifanele ibuzwe kuzo zonke iziqendu. Umqhubi ufanele akuphephe ukugqabaza kakhulu. Izibhalo eziyintloko zisenokufundwa ukuba ixesha liyavuma. Iziqendu azifanele zifundwe ngaphandle kokuba kukho ulwalathiso olutshoyo.
◼ Ingxubusho: Le yintetho equka abaphulaphuli. Asiyontetho nje, yaye asiyontetho yemibuzo neempendulo.
◼ Imiboniso Nodliwano-ndlebe: Imiyalelo ethi bonisa ithetha ukuba umzalwana owabelwe le ntetho unembopheleleko yokuquka umboniso; kodwa akunyanzelekanga ukuba awenze ngokwakhe. Abo abakhetha ukuba bamncedise bafanele babe baza kukwazi ukuwenza yaye babe yimizekelo, kwaye ufanele enze amalungiselelo kwangaphambili ukuba kunokwenzeka. Kuya kuba kuhle ukuba angasebenzisi abavakalisi abatsha nabangenamava ukuba babonise indlela umsebenzi ofanele wenziwe ngayo kuba nje ufuna ukubanika ithuba lokuba seqongeni, nangona abanye besenokusetyenziswa njengabaninimzi. Abavakalisi abenza umboniso bafanele bajonje abaphulaphuli. Abo basetyenziswa kudliwano-ndlebe bafanele banikele amagqabaza abo behleli eqongeni kunokuba bahlale kwizihlalo zabo. Imiboniso nodliwano-ndlebe ifanele iqheliselwe. Ukuba intlanganiso isemva kwixesha elisikelweyo kwaye umzalwana kufuneka anciphise inxalenye yakhe, uya kukuphepha ukuyeka imiboniso nodliwano-ndlebe. Izicaka zolungiselelo zifanele zidibane nomnxibelelanisi wequmrhu labadala okanye nomnye umdala ngaphambi kokuba zikhethe abaza kuba nenxaxheba.
Ukuba kukho intetho eyahlukileyo nenemiyalelo ekhethekileyo, ifanele ilandelwe ngenyameko. Xa ninikela iintetho zeNtlanganiso Yenkonzo ngendlela echazwe ngasentla, abazalwana baya kuba negalelo kwiiNtlanganiso Zenkonzo ‘ezenzeka ngokundilisekileyo nangolungelelwano.’—1 Kor. 14:40.