IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/11 iphe. 4
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 9/11 iphe. 4

Iintshayelelo Zamaphephancwadi

Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaOktobha

“Kula maxesha anzima, sonke sifikelwa ziingxaki ezishiya intsapho ikuxinezeleko olungathethekiyo. Ucinga ukuba sinokulufumana phi ukhokelo esinokuluthemba ukuze iintsapho zethu zonwabe?” Mlinde aphendule. Emva koko mnike iMboniselo kaOktobha 1, nize niqwalasele umxholwana okwiphepha le-16 nele-17 nize nifunde nokuba sisibhalo esinye kwezo zibonisiweyo. Mshiyele amaphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe omnye wemibuzo ekula maphephancwadi.

IMboniselo Oktobha 1

Mbonise eli phephancwadi ngaphandle uze umbuze, “Ubuya kuvakalelwa njani xa usiva ukuba ubuxelelwa ubuxoki ngoThixo? [Mlinde aphendule.] Phawula oko kwathethwa nguYesu ngendlela yokwahlula inyaniso kubuxoki. [Funda uYohane 17:17.] Ngoko yiBhayibhile kuphela esixelela inyaniso ngoThixo. Eli phephancwadi lixubusha ngezinto ezintlanu ekudla ngokuxokwa ngazo ngoThixo nezibhencwa yiBhayibhile.”

Vukani! Oktobha

“Namhlanje sityelela iintsapho. Ubunokuthi luluphi olona celomngeni bajamelana nalo abazali namhlanje xa bekhulisa abantwana? [Mlinde aphendule.] Abazali abaninzi bathembele kumacebiso eBhayibhile. Ngokomzekelo, nanga amazwi obulumko aluncedo xa uqeqesha abantwana. [Funda eyabase-Efese 4:31.] Eli phephancwadi libonisa indlela icebiso leBhayibhile elibanceda ngayo abazali xa abantwana babo bekhula, ukususela ebusaneni ukusa kwiminyaka yeshumi elivisayo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share