Enye Indlela Yokusebenzisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Isigidimi SeBhayibhile
Abaninzi kwintsimi yethu, ingakumbi abo bangekho kunqulo lobuKristu, abaqhelananga neBhayibhile. Xa befunda incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile nabantu abanjalo, abanye abavakalisi baye basebenzisa nencwadana enemifanekiso ethi Isigidimi SeBhayibhile ukuze babancede bayiqonde iBhayibhile. Ngokomzekelo, omnye umzalwana uye enze intshayelelo ngecandelo 1 lale ncwadana xa efunda isahluko 3 sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Emva koko, uye axubushe elinye icandelo ekupheleni kwesahluko ngasinye. Ngaba ufunda nomntu ongenalwazi kangako okanye ongayazi kwaphela iBhayibhile? Ukuze umncede azi ‘imibhalo engcwele, enako ukumnika ubulumko obusa elusindisweni,’ xa ufunda naye incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, zama ukuquka nemibandela ekwincwadana ethi Isigidimi SeBhayibhile.—2 Tim. 3:15.