“Uthando analo uKristu luyasinyanzela.”—2Ko 5:14
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Uza Kuba Nguvulindlela Ongumncedani NgoMatshi Okanye NgoAprili?
Ngaba ufuna ukwenza okuninzi kwinkonzo kaYehova ngexesha leSikhumbuzo? (2Ko 5:14, 15) NgoMatshi nangoAprili, oovulindlela abangabancedani bangakhetha ukushumayela iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50. Ukuba nawe uyafuna ukuba nguvulindlela, ungathumela isicelo kubazalwana abakwiKomiti Yenkonzo ebandleni lakho. Kwezi nyanga, kuza kwenziwa izaziso zabo bavunyelweyo ukuba ngoovulindlela abangabancedani ebandleni. Le nto iza kwenza nabanye abasebandleni bakwazi ukubaxhasa baze bashumayele nabavulindlela batsha. Sonke masizimisele ukuwasebenzisa la mathuba exesha leSikhumbuzo ukuze siphucule indlela esishumayela ngayo size sikhuthazane.—1Te 5:11.