SEPTEMBA 22-28
INTSHUMAYELI 1-2
Ingoma 103 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Qhubeka Uqeqesha Abantu Abasebatsha
(imiz. 10)
[Dlala IVIDIYO ethi Intshayelelo yeNtshumayeli.]
Umsebenzi esinawo kukuqeqesha abantu abasebatsha (INt 1:4; w17.01 27-28 ¶3-4)
Xa siqeqesha abanye size sibanike imisebenzi batsho bafumane ulonwabo lokusebenzela uYehova (INt 2:24)
Ungavumeli ukonwabela isabelo sakho kukwenze ungabaqeqeshi abazalwana abasebatsha ukuze bakwazi ukwenza umsebenzi ongakumbi
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
INt 1:1—Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi uSolomon wayengu ‘mhlanganisi’? (it “Intshumayeli” 1)
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INt 1:1-18 (th isifundo 11)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Zama ukujonga into anokuba nomdla wokuncokola ngayo nize nibeke ixesha eniza kuphinda nithethe ngalo. (lmd isifundo 3 ingongoma 5)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Thetha ngenye ‘Yenyaniso Esithandayo Ukuzifundisa’ esuka kwisihlomelo A sencwadana ethi Bathande Abantu. (lmd isifundo 2 ingongoma 3)
6. Ukubuyela
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Phendula umbuzo ebewubuzile umntu othethe naye kwixesha elidlulileyo. (lmd isifundo 9 ingongoma 5)
7. Ukwenza Abafundi
(imiz. 5) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Bonisa umntu indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile uze ucele ukumfundela. (lmd isifundo 10 ingongoma 3)
Ingoma 84
8. Izifundo Ezintathu Ezibalulekileyo Zendlela Yokuqeqesha
(imiz. 15) Ingxubusho.
Uthando lusiqhubela ukuba siqeqeshe abanye ukuze nabo bakwazi ukuwenza umsebenzi uYehova asinike wona
IBhayibhile isixelela ngemizekelo emininzi enokusinceda sikwazi ukuqeqesha abanye. Ininzi into esinokuyifunda kwindlela uSamuweli awamqeqesha ngayo uSawule, indlela uEliya awamqeqesha ngayo uElisha, indlela uYesu awabaqeqesha ngayo abafundi bakhe, nedlela uPawulos awamqeqesha ngayo uTimoti. Kakade ke, siyazi ukuba uYehova ngoyena mqeqeshi ophum’izandla. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo wakhe?
Dlala IVIDIYO ethi Landelani Umzekelo KaYehova xa Niqeqesha (Yoh 5:20)—Emfutshane. Uze ubuze lo mbuzo:
Zeziphi izinto ezintathu esizifunda kwindlela uYehova aqeqesha ngayo?
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) lfb isifundo 20-21